‘Phulaphula Uze Ungenise Uyalelo Olungakumbi’
1 Incwadi yeMizekeliso ichaza ubulumko njengobudanduluka busithi: “Phulaphulani, ngokuba ndithetha izinto ezibalaseleyo, nokuvula imilebe yam kuthe tye. Ndinecebo nobulumko bobuqili. . . . Ndiphulaphuleni; ewe banoyolo abazigcinayo kanye iindlela zam. Ngokuba ondifumanayo mna uya kufumana ubomi ngokuqinisekileyo, azuze nenkoliseko kaYehova.” (IMize. 8:6, 14, 32, 35) Loo mazwi awuchaza kakuhle umyalelo osilindele kwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo.’
2 Iimfuno zabazalwana ehlabathi lonke ziye zaqwalaselwa, yaye ucwangciso lwale ndibano lulungiselelwe ukuze lulungise ezo mfuno. Ukuba iyasetyenziswa, imiyalelo yokomoya namacebiso asebenzisekayo eza kunikelwa inokusinceda silondoloze ulwalamano oluhle noYehova, size sihlale kwindlela esa kubomi obungunaphakade. Ngokuqinisekileyo, sinesizathu esivakalayo ‘sokuphulaphula size singenise uyalelo olungakumbi.’—IMize. 1:5.
3 Ngaphambi Kocwangciso: Ukuze singenelwe ngokuzeleyo koko sikufundiswayo, kufuneka sibe kwizihlalo zethu yaye sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo xa kuqalisa ucwangciso. Oku kufuna ulungelelwano. Undoqo kukuqalisa kwangethuba. Lala kwangethuba kubusuku obungaphambili. Vuka kwangethuba ukuze wonke ubani okwiqela lakho afumane ithuba lokulungisa afumane nento yokutya. Fika kwangethuba endibanweni ukuze ufumane indawo yokuhlala uze unyamekele izinto eziyimfuneko ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso. Amasango aya kuvulwa ngentsimbi ye-7:00 kusasa, yaye ucwangciso luya kuqalisa ngeye-9:00 kusasa suku ngalunye.
4 Ekubeni injongo eyintloko yokuhlanganisana ikukudumisa uYehova “phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo,” ucwangciso ngalunye lufanele luvulwe ngendlela emzukisayo uThixo wethu. (INdu. 26:12) Ngenxa yoko, sikhuthazwa sonke ukuba sibe sele sihleli ngaphambi kokuba kuchazwe ingoma yokuvula. Oku kuvisisana nesiluleko seZibhalo esithi: “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Kor. 14:40) Kuthetha ntoni oko kuye ngamnye wethu? Xa ubona usihlalo ehleli eqongeni xa kuqalisa umculo, hlala phantsi ngokukhawuleza. Oku kuya kukunceda ube nenxaxheba ngokupheleleyo ekuvumeni ingoma yokuvula inxalenye nganye yocwangciso, udumise uYehova.—INdu. 149:1.
5 Ebudeni Bocwangciso: UEzra ‘walungisa intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova aze awenze.’ (Ezra 7:10) Sinokuzilungisa njani iintliziyo zethu ukuze sifumane uyalelo asilungiselela lona uYehova? Njengokuba uhlolisisa imixholo yeenxalenye ezahlukeneyo edweliswe kucwangciso, zibuze, ‘Yintoni andixelela yona uYehova ngolu cwangciso? Ndingayisebenzisa njani le nkcazelo ukuze kungenelwe mna nentsapho yam?’ (Isa. 30:21; Efe. 5:17) Qhubeka uzibuza loo mibuzo kuyo yonke indibano. Ziphawule iingongoma oceba ukuzisebenzisa. Lungiselela ixesha lokuzixubusha ekupheleni kocwangciso losuku ngalunye. Oku kuya kukunceda uyilondoloze uze uyisebenzise loo nkcazelo.
6 Ukunikela ingqalelo kangangeeyure ezininzi kunokuba lucelomngeni maxa wambi. Yintoni enokusinceda sixhathise umkhwa wokubhadula kwengqondo? Wasebenzise kakuhle amandla amehlo. Ubukhulu becala, into esiyijongileyo yiyo ethimba ingqalelo yethu. (Mat. 6:22) Ngoko ke, musa ukuzivumela uphazanyiswe kukujonga kuyo yonke indawo enengxolo okanye izinto ezidlulayo. Jonga kwisithethi. Funda kwiBhayibhile yakho xa kufundwa isibhalo, uze uqhubeke uvule iBhayibhile yakho xa kuxutyushwa isibhalo.
7 Uthando lobuKristu luya kusishukumisela ukuba sikuphephe ukuphazamisa abanye xa ucwangciso luqhubeka. (1 Kor. 13:5) Elo ‘lixesha lokuthi cwaka’ uphulaphule. (INtshu. 3:7) Ngoko ke, kuphephe ukuthetha nokuzula ngokungeyomfuneko. Nciphisa amathuba okuquqa ngasese ngokuceba kusengaphambili. Musa ukutya okanye usele de ibe lixesha elifanelekileyo, ngaphandle kokuba unyanzelwa zizizathu zempilo. Abo beze neecellular phone, iipager, iikhamera nezixhobo zokurekhoda abafanele bazisebenzise ngendlela ephazamisa abanye. Abazali bafanele bahlale nentsapho yabo yonke—kuquka abo bakwishumi elivisayo—ukuze bababeke esweni abantwana babo.—IMize. 29:15.
8 Kunyaka ophelileyo omnye umdala obesoloko esiya ezindibanweni kangangamashumi eminyaka waphawula oku: “Ndaye ndavakalelwa kukuba le ndibano ibalasele ngenxa yesinye isizathu. Phantse bonke abaphulaphuli babebhala amanqaku, kuquka abantwana abancinane. Kwakuluyolo ukubona oko. Babetyhila iBhayibhile xa isithethi sibacela ukuba batyhile isibhalo esithile.” Ukuphulaphula ngaloo ndlela kuyancomeka ngokwenene. Akupheleli ekubeni kungenelwe thina nabo beze endibanweni kuphela kodwa kuzukisa umYaleli wethu Ozukileyo, uYehova uThixo.—Isa. 30:20.