Oko Unokukuthetha Ngamaphephancwadi
Vukani! Sept. 8
“Njengokuba usenokuba uyazi, inkoliso yabantwana abafikisayo bangamaxhoba odandatheko kunanini na ngaphambili. Kutheni bengamaxhoba nje? Bangancedwa njani? Ndicinga ukuba eli phephancwadi uza kuba nomdla wokulifunda, ngokukodwa ukuba ungumzali onenkxalabo.”
IMboniselo Sept. 15
“Phantse kuzo zonke iinkonzo bakho abantu abayithandayo inyaniso. Ukanti, ngokuqhelekileyo iinkonzo ezininzi zityekele ekubahluleni abantu. Yintoni efunekayo ukuze kumanyaniswe abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo? [Emva kwempendulo, funda uZefaniya 3:9.] Eli phephancwadi libonisa indlela ulwazi ngoThixo oyinyaniso olubamanyanisa ngayo abantu.”
IMboniselo Oct. 1
“Usenokuvuma ukuba ukholo luye lwaba ngumbandela ongathandwa kangako yaye bambalwa abantu abafuna ukuthetha ngalo. Kodwa kutheni kunjalo nje? [Emva kwempendulo, funda amaHebhere 11:1.] Eli phephancwadi lixubusha oko lukuko ukholo lokwenyaniso nomahluko obangelwa kukuba nokholo nokungabi nalo.”
Vukani! Oct. 8
“Ndiqinisekile ukuba uxhalabile ngenxa yobungendawo obesameleyo kulo mmandla wethu. Ngaba wakha wazibuza ngesizathu sokuba uThixo anyamezele ubungendawo? Kutheni engakhange akhawuleze enze nto ngobungendawo? [Vumela impendulo.] Eli phephancwadi linikela inkcazelo yeBhayibhile lize libonise isicombululo sokwenene kule ngxaki.”