Ucwangciso Olutsha LweNdibano Yosuku Olunye
1 Ngoxa amajelo eendaba nootitshala bezukisa ubutyebi, iLizwi likaThixo lisibongoza ukuba ‘Sityebe Emisebenzini Emihle.’ (1 Tim. 6:18) Lowo ngumxholo wocwangciso lwendibano yosuku olunye oluza kuqalisa ngoSeptemba 2002. Siza kukhuthazwa ngantoni kule ndibano?
2 Umveleli wesiphaluka uza kuchaza oko kuthethwa ‘Kukuba Zizityebi Emehlweni KaThixo,’ aze adlan’ indlebe nabanye abazibhokoxayo ukuze bafumane ubutyebi bokomoya. Kwintetho yaso yokuqala, isithethi esityeleleyo siya kubonisa indlela abantu bakaThixo abayenza ngayo “Imisebenzi Emihle Kweli Xesha Lokuvuna.” Ngamnye kuthi uza kukhuthazwa ukuba acingisise ngendlela anokuba nesabelo ngakumbi ngayo kulo msebenzi wokuvuna esiwunikwe nguThixo.
3 Hayi indlela esiba nelunda ngayo xa sibona ulutsha olungamaKristu luziqwebela ubutyebi bokomoya! Oku kuzukisa uYehova yaye kunceda ulutsha ukuba luwabekele isiseko esihle amalungelo enkonzo exesha elizayo. Intetho ethi “Ukuncoma Ulutsha Ngokwenza Imisebenzi Emihle Ekudumiseni UYehova” iya kubalaselisa imisebenzi emihle eyenziwa ngamaKristu aselula ekuhlaleni.
4 Iba yintoni imiphumo yokwenza imisebenzi emihle? Isithethi esityeleleyo siya kuyichaza kwintetho yokuqukumbela, “Qhubeka Usenza Imisebenzi Emihle Uze Ufumane Intsikelelo KaYehova.” Siya kuqwalasela iinkalo ezine esisikelelwa kuzo: (1) njengabantu ngabanye, (2) njengeentsapho, (3) njengebandla (4) nanjengentlangano esehlabathini lonke.
5 Abo bazahluleleyo kuYehova baya kufumana ithuba lokubhaptizwa. Ukuba sele ukulungele ukuthabatha eli nyathelo, yazisa umveleli owongamelayo ngokukhawuleza.
6 Ngelo xesha niwazi ngalo umhla wendibano yesiphaluka senu, yenzani amalungiselelo akhawulezileyo ukuze niqiniseke ukuba nibakhona. Zamani ukufika kwangethuba ukuze nicule ingoma yokuvula nize nifumane nomthandazo. Ubukho bethu kunye nokunikela ingqalelo kulo lonke olu cwangciso lwendibano yosuku olunye kuya kusomeleza ukuze siqhubeke sihamba ngekhondo eliya kusenza sibe zizityebi zokwenene emehlweni kaThixo wethu, uYehova.