Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Sept. 15
“Izigidi zabantu zisebenzisa la mazwi aqhelekileyo emithandazweni yazo. [Funda uMateyu 6:10.] Ucinga ukuba bebuya kuba njani ubomi ukuba ukuthanda kukaThixo bekusenziwa ngokupheleleyo emhlabeni? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lihlolisisa intsingiselo yenxalenye nganye yoMthandazo weNkosi, kuquka nale sisandul’ ukuyifunda.”
IMboniselo Okt. 1
“Sonke sikhangele phambili ekuboneni ukupheliswa kolwaphulo-mthetho, ubundlobongela nemfazwe. Ucinga ukuba siya kuze siwabone ezaliseka la mazwi? [Funda INdumiso 37:11. Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha indlela esi sithembiso esinxibelelana ngayo nenjongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu nendlela esinokufak’ isandla ngayo kuyo.”
Vukani! Okt. 8
“Abantu abaninzi baxhalatyiswe yingxaki eyandayo kubantu abaselula—ukuzintyintya ngotywala. Ngaba ukhe weva ngale ngxaki? [Mlinde aphendule. Emva koko funda IMizekeliso 20:1.] Ukuzintyintya ngotywala kubeka abantu abaselula esichengeni. Eli nqaku linenkcazelo enokubanceda baxhathise ingcinezelo yokubusebenzisa kakubi utywala.”
“Ngaba akunto ibuhlungu ukukhulelwa kwezigidi zamantombazana akwishumi elivisayo nangatshatanga nyaka ngamnye? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lithetha ngamanyathelo anokuwathabatha ukuze ahlangabezane nocelomngeni lokuba ngumama okwishumi elivisayo. Kwakhona lixubusha ngendlela abazali abanokubanceda ngayo abantwana babo bayiphephe zisuka nje le ngxaki.” Funda eyesi-2 kuTimoti 3:15.