IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/07 iphe. 1
  • “Unika Odiniweyo Amandla”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Unika Odiniweyo Amandla”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Unika Odiniweyo Amandla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • UYehova Umnika Amandla Otyhafileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • “Unika Odiniweyo Amandla”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • ‘Sondliwa Ngamazwi Okholo’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 5/07 iphe. 1

“Unika Odiniweyo Amandla”

1 Sonke maxa wambi siyadinwa. Oko akubangelwa kuphela ngumsebenzi okanye ezinye izinto esizenzayo kodwa kubangelwa naziingxaki esijamelana nazo kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Tim. 3:1) Njengabakhonzi bakaYehova, sinokuwafumana phi amandla okusigcina somelele ngokomoya ukuze singayekeleli umxakatho ekushumayeleni? Oku sinokukwenza ngokuthembela kulowo ‘womeleleyo ngamandla,’ uYehova. (Isa. 40:26) Uyazazi iimfuno zethu yaye unomdla wokwenene wokusinceda.—1 Pet. 5:7.

2 Amalungiselelo KaYehova: UYehova usomeleza ngomoya wakhe oyingcwele, moya lowo awawusebenzisayo xa wayedala ummandla wendalo. Umoya kaThixo usinika “amandla” xa sityhafile. (Isa. 40:31) Zibuze, ‘Ndigqibele nini ukucela umoya oyingcwele ngokukhethekileyo ukuze undinike amandla okufeza iimbopheleleko zam njengomKristu?’—Luka 11:11-13.

3 Xa sifunda size sicamngce ngeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo imihla ngemihla yaye sizondla ngokomoya ngokufunda rhoqo iimpapasho zamaKristu, siya kuba ‘njengomthi ochumayo otyalwe ngakwimisinga yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo nonamahlamvu angabuniyo.’—INdu. 1:2, 3.

4 Kanti uYehova usebenzisa abo sikholwa kunye nabo, ukuze ‘basomeleze.’ (Kol. 4:10, 11) Bayasomeleza kwiintlanganiso zebandla xa sincokola nabo, ngeempendulo nangeentetho zabo ezakhayo. (IZe. 15:32) Ingakumbi abadala abangamaKristu, bayasinceda ngokomoya baze basikhuthaze.—Isa. 32:1, 2.

5 Entsimini: Xa uziva utyhafile, musa ukuyeka ukushumayela! Ngokungafaniyo neminye imisebenzi, ukushumayela rhoqo kuyasihlaziya. (Mat. 11:28-30) Ukushumayela iindaba ezilungileyo kusinceda sikhangele phambili kuBukumkani bukaThixo size sihlale sicinga ngobomi obungunaphakade nangeentsikelelo zabo.

6 Mninzi umsebenzi omele wenziwe ngaphambi kokutshatyalaliswa kwale nkqubo ingendawo. Sinezizathu ezininzi zokuqhubeka sizimisele kwinkonzo yethu ‘sixhomekeke emandleni esiwanikwa nguThixo.’ (1 Pet. 4:11) UYehova uya kusinceda siwugqibe lo msebenzi, kuba “unika odiniweyo amandla.”—Isa. 40:29.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share