Inkupho Ekhethekileyo KaVukani! Eza Kuhanjiswa NgoSeptemba
1 Phantse wonke umntu uyakunandipha ukuntyiloza kweentaka nokubukela ukutshona kwelanga. Noko ke, abaninzi abafuni kuyiqonda into yokuba nguBawo wasezulwini onothando owadala ezi zinto. Siza kuba nethuba elihle lokungqina ukuba nguYehova ongumdali, ngokusasaza inkupho ekhethekileyo kaVukani! (Isa. 40:28; 43:10) Yonke le nkupho kaSeptemba iza kuxubusha umxholo othi “Ngaba Ukho UMdali?”
2 Entsimini: Ukuba kunokwenzeka, yenza amalungiselelo okushumayela kwindlu ngendlu nebandla Mgqibelo ngamnye. Kakade ke, unokuyisasaza le nkupho ikhethekileyo nangamanye amaxesha ebudeni beveki. Ootitshala nabanye abasebenza kwisebe lezemfundo basenokuba nomdla okhethekileyo kule nkupho. Ngenxa yoko, kusenokwenziwa amalungiselelo akhethekileyo okutyelela abanjalo abakwintsimi okuyo.
3 Ukuba kukho umntu onomdla, buza umbuzo oza kuwuphendula xa uphinde wabuya. Ngokomzekelo, unokumbuza ngesizathu sokuba uMdali onothando avumele ukubandezeleka okungaka. Emva koko, xa ubuya unokuxubusha isahluko soku-1 okanye ese-11 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Okanye usenokukhetha ukumbuza ngenjongo yoMdali ngomhlaba, nize ke nixubushe isahluko sesi-3 xa ubuyile.
4 Esikolweni: Ukuba usesikolweni, kutheni unganiki ootitshala kunye nabo ufunda nabo lo Vukani! ukhethekileyo njengesipho? Ukumbeka nje phezu kwedesika yakho kunokuvusa imibuzo ngeenkolelo zethu. Unokufumana ithuba lokusebenzisa inkcazelo elapho ukuze ukhusele ukholo lwakho kwiingxubusho zaseklasini naxa ulungiselela izincoko ezithile. Ukuze ikuncede, le nkupho inenqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndingayimela Njani Inkolelo Yokuba Izinto Zadalwa?”
5 UYehova ufanelwe luzuko nembeko ngenxa yezinto azidalileyo. (ISityhi. 4:11) Sinokumdumisa uMdali wethu size sincede abanye benjenjalo ngokuzimisela ngokusasaza inkupho kaVukani! kaSeptemba.