Sibhukuqa Izinto Ezinqatyisiweyo
1 Kangangeenkulungwane eziliqela, uSathana ebesebenzisa iimfundiso zobuxoki namaqhinga akhe ukuze akhe imiqobo ezintliziyweni nasezingqondweni zabantu abaninzi. Uye wabethelela iimfundiso ezinjengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo nesihogo somlilo. Ubangela ukuba abantu bathandabuze ukuba ukho uMdali nokuba ngokwenene iBhayibhile ibhalwe nguThixo. Ubuhlanga nokuthand’ izwe yeminye imiqobo enamandla exina inyaniso. (2 Kor. 4:4) Sinokuzibhukuqa njani ezi nkolelo zinqatyisiweyo?—2 Kor. 10:4, 5.
2 Kubandakanyeke Iimvakalelo: Iinkolelo ekukudala umntu ezikholelwa zidla ngokubandakanya ezona mvakalelo zakhe zinzulu. Abanye baye banamathela kwiinkolelo eziphosakeleyo ukususela ebuntwaneni. Ukuze sibancede abantu abanjalo, kufuneka sithethe ngendlela ebonisa ukuba siyazihlonela iimbono zabo.—1 Pet. 3:15.
3 Sinokubaphatha ngesidima abantu abanjalo ngokubanika ithuba lokucacisa inkolelo yabo nesizathu sokuba bayikholelwe. (Yak. 1:19) Mhlawumbi bakholelwa ukuba umphefumlo awufi kuba beye bafelwa sisizalwana okanye ngumhlobo kwaye benqwenela ukuphinda bambone kwakhona. Okanye babhiyozela iiholide kuba bethanda amathuba aveliswa zizo okuba kunye neentsapho zabo. Ukuphulaphula oko bakuthethayo kuya kusenza siziqonde iimvakalelo zabo kwaye kuya kusinceda sisabele ngendlela eya kuba luncedo.—IMize. 16:23.
4 Xelisa UYesu: UYesu wasimisela umzekelo omhle kakhulu xa waphendula imibuzo yendoda ethile eyayiwazi kakuhle uMthetho. UYesu akazange ayiphendule ngokungqalileyo le ndoda, kuba yayinokuzikhaba iimpendulo zakhe kuba ikhusela iinkolelo zayo ezithanda kunene. Kunoko, uYesu wacaphula kwiZibhalo, wayicela ukuba iveze ezayo izimvo, waza wayinceda ukuba iqiqe esebenzisa umzekeliso.—Luka 10:25-37.
5 Iinkolelo zobuxoki zonqulo ezendeleyo azinakumelana nenyaniso yeLizwi likaThixo. (Heb. 4:12) Xa sizicacisa ngomonde, sinokukwazi ukunceda abantu babulahle ubuxoki baze bamkele inyaniso enokubakhulula.—Yoh. 8:32.