Iphulo Lokumemela Abantu ESikhumbuzweni Liza Kuqalisa NgoMatshi 17
1. Liliphi iphulo eliza kuqalisa ngoMatshi 17?
1 Nyaka ngamnye, iSikhumbuzo sisinceda sikhumbule ukufa kukaYesu. (1 Kor. 11:26) Ngenxa yoko, sifuna kumema abanye ukuze beze kuva ngentlawulelo esiyinikwe nguYehova osithandayo. (Yoh. 3:16) Kulo nyaka, eli phulo liza kuqalisa ngoMgqibelo ngoMatshi 17. Ngaba uza kuba nenxaxheba kangangoko?
2. Sinokusihambisa njani isimemo?
2 Oko Sinokukutsho: Kungakuhle ukubetha koomofu. Sisenokuthi: “Molo. Size kumema wena nentsapho yakho ukuba nibekho kwisikhumbuzo esibalulekileyo esenziwa ehlabathini minyaka le, nesiza kuba ngoAprili 5. Kuya kunikelwa intetho esekelwe eBhayibhileni echaza oko kuye kwafezwa kukufa kukaYesu kunye noko akwenzayo ngoku. Esi simemo sichaza ixesha nendawo eza kuqhutyelwa kuyo le nkonzo.” Xa nihambisa izimemo ngeempela-veki, ninokuhambisa namaphephancwadi ukuba iimeko ziyavuma.
3. Sinokubamema njani abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka?
3 Mema Abantu Abaninzi Kangangoko: Injongo yethu kukumema bonke esinokukwazi ukubamema. Ngoko qiniseka ukuba umema izifundo zakho zeBhayibhile, amabuyelo, izalamane, abantu osebenza nabo, ofunda nabo, nabanye abantu obaziyo. Abadala baza kunichazela ukuba iza kusetyenzwa njani intsimi yenu. Iphulo lethu laminyaka le lokumemela abantu eSikhumbuzweni liba nemiphumo evuyisayo. Kulo nyaka uphelileyo, xa elinye ibhinqa lafika apho sasiqhutyelwa khona iSikhumbuzo, umlindi wafuna ukulinceda lifumane umvakalisi owayelimemile. Eli bhinqa lathi alazi mntu apho yaye isimemo lalisifumene kumntu owayeshumayela kwindlu ngendlu.
4. Ziziphi izizathu esinazo zokuba nenzondelelo kweli phulo?
4 Mhlawumbi ukho umntu oza kuza eSikhumbuzweni kuba emenywe nguwe. Enoba abantu obamemayo bayeza okanye akunjalo, imigudu yakho yona iya kunikela ubungqina. Izimemo ozihambisayo zivakalisa ukuba ngoku uYesu unguKumkani onamandla. Ukuba nenzondelelo kwakho kweli phulo kuya kubonisa bonke abo basentsimini, kuquka nabavakalisi kunye noYehova—ukuba unoxabiso ngokwenene ngesipho sentlawulelo.—Kol. 3:15.