Iphulo Lokuhambisa Izimemo ZeSikhumbuzo Liqala NgoMatshi 22
Kulo nyaka iphulo lethu lokuhambisa izimemo zeSikhumbuzo liqala ngoMgqibelo, ngoMatshi 22. Sonke siyakhuthazwa ukuba silixhase eli phulo. Ngeempela-veki sinokuhambisa neemagazini. NgoMgqibelo wokuqala ka-Aprili, siza kusasaza izimemo kunokuba siqalise izifundo zeBhayibhile. Sekunjalo, ukuba sidibana nomntu onomdla, sinokuzama ukuqalisa isifundo seBhayibhile. Umveleli wenkonzo uya kubona enoba ukuhambisa izimemo esitratweni kunokulinceda kusini na ibandla ukuba ligubungele intsimi yalo. Abantu obaqhelileyo njengezalamane, abantu osebenza nabo, abantwana ofunda nabo namabuyelo nabo banokuza. Bhala uludwe lwabantu ofuna ukubanika izimemo xa iphulo liqalisa. Sinethemba lokuba kuza kuza abantu abaninzi njengoko siza kube sikhumbula ezona ndlela zimbini zibalaseleyo olwaboniswa ngazo uthando kuthi.—Yohane 3:16; 15:13.