Ukusasazwa Kwezimemo ZeSikhumbuzo Kuza Kuqalisa NgoAprili 2
1. Siza kuzisasaza nini izimemo zeSikhumbuzo kulo nyaka, yaye liluncedo kangakanani eli phulo laminyaka le?
1 Ukususela ngoAprili 2 ukusa kuAprili 17, siza kube sisasaza izimemo zesona siganeko sibalulekileyo enyakeni—iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Kwixesha elidlulileyo, baninzi abantu abaye bafumaneka ngenxa yeli phulo. Ngokomzekelo, ngomhla weSikhumbuzo elinye ibhinqa lafowunela kwiofisi yesebe lathi: “Ndifike kukho isimemo seSikhumbuzo esifakwe phantsi komnyango wendlu yam. Ndiyafuna ukuya kodwa andazi ukuba siza kungena xesha phi.” Umzalwana walichazela indawo elibhalwe kuyo ixesha kwisimemo. Eli bhinqa lathembisa lathi, “Ndiza kube ndilapho ngokuhlwa nje!”
2. Yintoni esinokuyithetha xa sihambisa esi simemo?
2 Indlela Yokusihambisa: Ekubeni sinexesha elincinane lokugubungela intsimi, kuhle ukuba sibethe koomofu. Sisenokuthi: “Molo. Siphathele intsapho yakho esi simemo ukuze nibekho kwisiganeko esibalulekileyo saminyaka le esiza kuqhutywa ehlabathini lonke ngeCawa, Aprili 17. [Nika umninimzi isimemo.] Lo ngumhla uYesu awafa ngawo. Kuza kunikelwa intetho esekelwe eBhayibhileni echaza indlela esingenelwa ngayo kwintlawulelo kaKristu. Kwesi simemo kukho iadresi nexesha eza kunikelwa ngalo.”
3. Yintoni enokusinceda simeme abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka?
3 Ukuba ibandla lenu linentsimi enkulu, abadala basenokugqiba ekubeni nishiye izimemo kwimizi engenabantu logama nje niza kuzishiya kwindawo engazukubonwa ngabantu abadlulayo. Qiniseka ukuba uyawamema amabuyelo akho, izalamane, abantu osebenza nabo, ofunda nabo, nabanye abantu obaqhelileyo. Xa nisasaza izimemo ngeempelaveki, hambisani amaphephancwadi xa nibona kufanelekile. Ngaba unokuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili uze ube nenxaxheba engakumbi kweli phulo libangel’ uvuyo?
4. Kutheni sifuna abantu abanomdla beze eSikhumbuzweni?
4 Abantu abanomdla abezileyo baya kufumana ubungqina obungathethekiyo! Baya kuphulaphula xa kuchazwa ngothando olubalaseleyo olwaboniswa nguYehova ngokulungiselela intlawulelo. (Yoh. 3:16) Baya kufunda indlela uBukumkani bukaThixo obuya kuzisa ngayo iintsikelelo eluntwini. (Isa. 65:21-23) Baya kuxelelwa ukuba bathethe nabalindi baze bacele izifundo zeBhayibhile ukuze bafunde okungakumbi. Sithandazela ukuba abantu abaninzi abaneentliziyo ezinyanisekileyo beze eSikhumbuzweni!