Abalungiseleli AbangamaKristu Kufuneka Bathandaze
1. Yintoni efunekayo ukuze sifeze ubulungiseleli bethu?
1 Asinako ukubufeza ngamandla ethu odwa ubulungiseleli. UYehova usinika amandla ukuze senze umsebenzi. (Fil. 4:13) Usebenzisa izithunywa zakhe ukuze zisincedise ekufuneni abantu ababumvu. (ISityhi. 14:6, 7) NguYehova obangela imbewu yenyaniso esiyityalayo nesiyinkcenkceshelayo ikhule. (1 Kor. 3:6, 9) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abalungiseleli bamaKristu bathembele kuBawo wethu wasezulwini ngokuthandaza kuye!
2. Ziziphi ezinye izinto esinokuzithandazela?
2 Ukuzithandazela: Kufuneka sithandaze sihlandlo ngasinye sishumayela. (Efe. 6:18) Ziziphi ezinye izinto esinokuzithandazela? Sinokuthandazela ukuba nesimo sengqondo esihle ngentsimi yethu nokuba nesibindi. (IZe. 4:29) Sinokumcela uYehova ukuba asalathise abantu abaneentliziyo ezilungileyo esinokufunda nabo iBhayibhile. Ukuba umninimzi ucela icebiso, sinokwenza umthandazo omfutshane entliziyweni, sicele uYehova ukuba asincede siphendule ngendlela efanelekileyo. (Neh. 2:4) Kwakhona sinokucela ubulumko ukuze ubulungiseleli bethu bube kwindawo yokuqala. (Yak. 1:5) Ukongezelela koko, uYehova uyakholiswa xa sisenza amazwi okubulela ngelungelo lokuba ngabalungiseleli bakhe.—Kol. 3:15.
3. Ukuthandazela abanye kuwuhambisela njani phambili umsebenzi wokushumayela?
3 Ukuthandazela Abanye: Kwakhona sifanele ‘sithandazelane,’ side sikhankanye abazalwana esinabo ngamagama xa kuyimfuneko. (Yak. 5:16; IZe. 12:5) Ngaba ukuba nempilo enkenenkene kukubangela ungakwazi ukwenza umsebenzi wokushumayela? Xa kunjalo, thandazela amanye amaKristu anempilo entle. Ungayijongeli phantsi imithandazo oyenzela wona! Kuyinto efanelekileyo nokuthandazela abasemagunyeni babe notyekelo oluhle kwiindaba ezilungileyo, ukuze abazalwana bethu ‘baphile ubomi obuzolileyo noboxolo.’—1 Tim. 2:1, 2.
4. Kutheni sifanele sizingise emthandazweni?
4 Ukushumayela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke kungumsebenzi omkhulu. Ukuba ‘siyazingisa emthandazweni,’ siya kuwugqiba umsebenzi ngoncedo lukaYehova.—Roma 12:12.