Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
Yeyephulo Lokumemela Isikhumbuzo
“Silapha ukuze simeme yonke intsapho yakho ukuba ibekhona kwiSikhumbuzo esenziwa minyaka ehlabathini lonke ngoMatshi 26. Ngolo suku siza kube sikhumbula ukufa kukaYesu. Kuya kube kukho intshumayelo engabhatelelwayo ecacisa indlela ukufa kwakhe okusinceda ngayo. Esi simemo sinexesha kunye nendawo esiza kuba kuyo isikhumbuzo.
IMboniselo Matshi 1
“Abanye abantu bakha babuza lo mbuzo, ‘Sazi njani ukuba uYesu wavuswa?’ Ngaba wakha wazibuza loo mbuzo? [Mvumele aphendule.] Nasi isizathu sokuba oku kubaluleke. [Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:14.] Eli phephancwadi lichaza ukuba uYesu wavuka ngokwenene.”
Vukani! Matshi
“Uyayivuma into yokuba eli lixesha elinzima lokukhulisa abantwana? [Mvumele aphendule.] Abazali abaninzi baye bafumana amacebiso aluncedo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, le vesi iye yanceda ootata bakwazi ukuncoma abantwana babo, batsho bakwazi ukuzithemba. [Funda eyabaseKolose 3:21.] Eli nqaku lithetha ngemigaqo emihlanu enokunceda ootata.”