Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Kwiphulo Lokuhambisa Izimemo ZeSikhumbuzo
“Sisasaza esi simemo sesi sihlandlo sibalulekileyo. NgoAprili 3, izigidi zabantu ehlabathini lonke ziza kukhumbula ukufa kukaYesu Kristu zize ziphulaphule nentshumayelo ethetha ngendlela okusinceda ngayo ukufa kwakhe. Esi simemo sichaza ixesha nendawo esiza kuba kuyo aph’ ekuhlaleni.”
IMboniselo Matshi 1
“UAprili 3 uza kube elusuku lokukhumbula ukufa kukaYesu Kristu. Abanye abantu ekuhlaleni baza kudibana ukuze bakhumbule esi sihlandlo, kodwa bakhona abo bathi ukufa kukaYesu akubalulekanga. Ucinga ntoni wena? Ucinga ukuba ukufa nokuvuswa kukaYesu kuyasinceda? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba lithini iLizwi likaThixo ngoku. [Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:22, 26.] Le magazini ithetha ngokupheliswa kokufa, enye yezinto eziza kwenzeka kwikamva ngenxa yokusifela kukaYesu.”
Vukani! Matshi
“Sityelela abamelwane bethu ukuze sibabonise uVukani! wakutshanje. [Mbonise iphepha elingaphandle.] Abantu baneempendulo ezahlukahlukeneyo kulo mbuzo wokuqala uthi: ‘Ngaba ukhona uThixo?’ Wena ucinga ukuba ngoobani abanethemba ngekamva—ngabo bathi uThixo ukho okanye abo bathi akakho? [Mlinde aphendule.] Nasi isithembiso esivela kuThixo esinika abantu abaninzi ithemba. [Funda iNdumiso 37:10, 11.] Le magazini ithetha ngezizathu ezine zokuba sifanele siphande enoba uThixo ukho.”