Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukumemela Abantu ESikhumbuzweni
“Sihambisa ezi zimemo zesona siganeko sibalulekileyo. NgoAprili 14, izigidi zabantu ehlabathini jikelele ziza kube zihlanganisene ukuze zikhumbule ukufa kukaYesu Kristu zize ziphulaphule intshumayelo yasimahla esekelwe eBhayibhileni ethetha ngendlela ukufa kwakhe okusinceda ngayo. Kwesi simemo kubhalwe indawo nexesha esiza kuqhutywa ngalo esi siganeko.”
Aprili 1
“Asiz’ ukuba bade, kodwa sithetha ngeyona nto yenziwa ngabantu abaninzi. Phantse wonke umntu, kungakhathaliseki ukuba ucawa phi, uyathandaza. Ucinga ukuba imithandazo iyaphendulwa nguThixo, okanye isenza sizive bhetele kwiingxaki ezisihluphayo? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba ithini iBhayibhile ngomthandazo. [Funda eyoku-1 kaYohane 5:14.] Le magazini icacisa indlela umthandazo osinceda ngayo.”
Aprili
“Sinceda abantu ngeyona ngxaki ethande ukuqatsela. Abanye baye bonganyelwa zizinto zomhlaba kangangokuba baye bacinga ngokuzibulala. Ucinga ukuba xa umntu enestres, unqwenela ukufa okanye isiqabu? [Mlinde aphendule.] Nasi isithembiso seBhayibhile esiye sanceda abantu abaninzi. [Funda iSityhilelo 21:3, 4.] Le magazini inezizathu ezintathu zokuba umntu aqhubeke ephila nangona eneengxaki.”