Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Xa Umninimzi Ekrwada
Isizathu Sokuba Kubalulekile: Abantu abaninzi esidibana nabo entsimini banembeko. Noko ke, uYesu waprofeta esithi abanye baya kusithiya. (Yoh. 17:14) Ngenxa yoko, asifanele sothuke xa sidibana nomninimzi okrwada. Indlela esiziphatha ngayo xa kusenzeka oku ifanele ivuyise lowo usithumileyo, uYehova. (Roma 12:17-21; 1 Pet. 3:15) Ukwenjenjalo kunokuthintela ingxabano engakumbi. Kusenokunikela ubungqina obuhle kumninimzi nakwabanye ababukeleyo, nto leyo enokubenza bafune ukuphulaphula xa bephinda bedibana namaNgqina kaYehova.—2 Kor. 6:3.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Liqheliseleni rhoqo kunqulo lwentsapho.
Emva kokuba nidibene nomntu okrwada, ncokola nomvakalisi ohamba naye ngendlela engenimphendule bhetele ngayo.