Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaMatshi
“Silapha nje kungenxa yesiganeko esiza kuba ngoAprili 14. Lo mhla sisikhumbuzo sokufa kukaYesu. Abanye baza kulukhumbula olu suku kuba besithi ukufa kukaYesu kubalulekile. Abanye abaqinisekanga kangako ngokubaluleka kokufa kukaYesu. Ngaba ucinga ukuba ukufa kukaYesu kuyasinceda?” Mvumele aphendule. Mbonise inqaku elingemva kwiMboniselo kaMatshi 1, nize nifunde umbandela ophantsi kombuzo wokuqala nesinye sezibhalo ezibonisiweyo. Mnike ezi magazini uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule umbuzo olandelayo.
Matshi 1
“Abantu abaninzi bazibuza isizathu sokuba uThixo engakuphelisi ukuphathwa kakubi kwabantu okukhoyo kweli hlabathi. Ngaba ucinga ukuba uThixo akakukhathalelanga okanye ucinga ukuba abantu kufuneka beve iintlungu? [Mvumele aphendule. Uze ufunde uYohane 3:16] Nangona abaninzi beyisebenzisa le vesi ukuze bangqine ukuba uThixo usikhathalele, abaqinisekanga ukuba ukufa konyana kaThixo kusinceda njani. Le magazini ichaza indlela ukufa kukaYesu okuza kuyiphelisa ngayo yonke impatho embi emhlabeni.”
Matshi
“Sityelele ngokufutshane ukuze sizame ukulungisa imbono engachananga ngale vesi yeBhayibhile. [Funda iGenesis 1:1] Abanye bakholelwa ukuba indalo yadalwa kodwa abanye abayikholelwa loo nto. Ndicela ukubuza, ucinga ntoni wena? [Mvumele aphendule.] Abanye abakholelwa ukuba uThixo wadala kuba abefundisi baye babafundisa izinto ezingekhoyo eBhayibhileni. Le magazini iwucacisa ngokweBhayibhile lo mba.”