IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 118
  • Ndingayeka Njani Ukuzenza Umntu Endingenguye?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingayeka Njani Ukuzenza Umntu Endingenguye?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kukuthini ukuzenza umntu ongenguye?
  • Ngaba ukuzenza umntu ongenguye kukwenza umntu ombi?
  • Ndingayeka njani ukuzenza umntu endingenguye?
  • Lutsha—Kulumkeleni Ukuphila Ubomi Obumbaxa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Kutheni Ndingafanele Ndiphile Ubomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
  • Ndinokwahlukana Njani Nobomi Obumbaxa?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 118
Imifanekiso ebonisa indlela ezahlukahlukeneyo udade osemtsha alisebenzisa ngazo ixesha lakhe. 1. Udade uhleli nabantu abalingana naye, bayasela abanye bayatshaya. Kukho umfana omgonileyo. 2. Kwalo dade mnye useHolweni yoBukumkani, unxibe kakuhle ibe ucula nebandla.

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingayeka Njani Ukuzenza Umntu Endingenguye?

Ngamanye amaxesha, abakhonzi bukaThixo baye bazibuze ukuba ngaba ukuzama ngandlela zonke ukuphila ngemithetho kaYehova kuyanceda na. (INdumiso 73:2, 3) Baye bazame ukwenza nezinto ezingavumelaniyo nemithetho kaYehova baze ezo zinto bazifihle kwabanye abantu abakhonza nabo.

Eli nqaku, lenzelwe abantu ababekade bephila ngaloo ndlela, kodwa ngoku abafuna ukuyitshintsha indlela abaphila ngayo.

Kweli nqaku

  • Kukuthini ukuzenza umntu ongenguye?

  • Ngaba ukuzenza umntu ongenguye kukwenza umntu ombi?

  • Ndingayeka njani ukuzenza umntu endingenguye?

  • Oko kuthethwa ngoontanga bakho

Kukuthini ukuzenza umntu ongenguye?

Ukuzenza umntu ongenguye kuthetha ukuba xa ukunye nabantu abangamkhonziyo uYehova, uye wenze izinto ozaziyo ukuba zirongo; uze xa ukunye namanye amaKristu, wenze ngathi uyafuna ukumkhonza uYehova. Iba ngathi uphila ubomi obubini ibe obunye uyabufihla xa uveza obunye.

“Xa uzenza umntu ongenguye, kuba nzima ukuba abantu bakwazi kuba uyazifihla umntu onguye. Oko kukunganyaniseki.”—UErin.

Ngaba ubusazi? Ukuzenza umntu ongenguye kuthetha ukwenza izinto ozaziyo ukuba uYehova akazifuni ngokufihlakeleyo.

“Xa ndandina-14, ndaye ndaqalisa ukubukela imifanekiso engamanyala kwi-intanethi. Phambi kwabantu, ndandisenza ngathi ndiyayicaphukela iphonografi, kodwa entliziyweni yam ndibe ndisazi ukuba akunjalo.”—UNolan.

Umgaqo weBhayibhile: “Akukho mntu unokuba likhoboka leenkosi ezimbini; kuba usenokuyicaphukela enye, ayithande enye, okanye uza kuthi nca kwenye, angafuni nokuyibona enye.”—Mateyu 6:24.

Ngaba ukuzenza umntu ongenguye kukwenza umntu ombi?

Hayi. Kaloku abanye abantu baye bagqiba ukuba abazukuphila ngemigaqo yeBhayibhile bona. Ngaba nawe wenze into efanayo? Okanye ubangelwa zizathu ezifana nezi:

  • Uyoyika ukohluka kubantu olingana nabo.

  • Uvakalelwa kukuba abantwana ofunda nabo ngabona bathanda izinto ozithandayo kunabo basebandleni.

  • Uziva ingathi awunokwazi ukuthobela imithetho kaThixo.

“Ndicinga ukuba ulutsha oluzenza abantu olungengabo luye lukhululeke kakhulu xa luhleli nabantu olungakholwa nabo, kuba lifuna ukuziva lwamkelekile.”—UDavid.

Ewe kona, asikho isizathu esikuthethelelayo ukuzenza umntu ongenguye. Kodwa ezi zizathu zingasentla zisinceda sibone ukuba kutheni nabantu abalungileyo beyenza le nto. Ukuba wawukhe wazenza umntu ongenguye, ungenza njani?

Ndingayeka njani ukuzenza umntu endingenguye?

  1. 1. Jonga indlela ubomi bakho obuyiyo ngoku. Zibuze: ‘Ngaba ndingulo mntu endifuna ukuba nguye? Ukuba akunjalo, izigqibo zam ziza kundenza ndiphelele phi?’

    Umgaqo weBhayibhile: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi . . . , kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.”—IMizekeliso 27:12.

  2. 2. Zixele. Thetha nabazali bakho okanye umhlobo oyihloniphayo imithetho kaYehova ngento oyenzileyo. Basenokuvuya kakhulu kuba uzokucela uncedo kubo ibe ufuna ukwenza into elungileyo!

    Umfana usengxakini ibe uzama ukuphuma emngxunyeni ngokubamba isandla sendoda efuna ukumnceda ephezulu.

    Ukuba uzenza umntu ongenguye, cela uncedo

    “Kwakunzima kakhulu ukuchaza izinto endandizenza, kodwa emva kokuba ndizichazile kwaba ngathi kukho into esuswe emagxeni am.”—UNolan.

    Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ozifihlayo izono zakhe akazukuphumelela, kodwa nabani na ozivumayo aze aziyeke uza kwenzelwa inceba.”—IMizekeliso 28:13.

  3. 3. Yamkele imiphumo. Yazi ukuba xa ufihla into kubazali bakho okanye ebandleni, loo nto yenza bangakuthembi. Ngenxa yaloo nto, abazali bakho okanye abadala bebandla basenokuthi zikhona izinto ongazukwazi ukuzenza. Ngoko yamkele loo miphumo uze uzame ukuziphatha “ngokunyaniseka kuzo zonke izinto” ukususela ngoku.—Hebhere 13:18.

    Umgaqo weBhayibhile: “Mamela xa ucetyiswa, wamkele nengqeqesho, ukuze ube sisilumko kwixesha elizayo.”—IMizekeliso 19:20.

  4. 4. Qiniseka ukuba uThixo uyakuthanda. Kuba uYehova esithanda, uzazi zonke izinto esizenzayo. Ngoko ukuba uzenza umntu ongenguye, uyayazi loo nto ibe iyamkhathaza. Kodwa kuba ‘ekukhathalele,’ ufuna ukukunceda utshintshe.—1 Petros 5:7.

    Umgaqo weBhayibhile: “Kuba amehlo kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke ukuze abonise amandla akhe ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.”—2 Kronike 16:9.

Oko kuthethwa ngoontanga bakho

UMacy.

“Ndandifuna ukuthandwa ngabantwana endandifunda nabo esikolweni, kodwa ukuqinisa ubuhlobo bam namanye amaKristu kwandinceda ndatshintsha. Njengokuba ndandisiya ndithandwa ngabantu abakhonza uYehova, ndandingasakuhoyanga ukuthandwa ngabantwana endandifunda nabo.”—UMacy.

UAlban.

“Nam ndandikhe ndafuna ukuzenza umntu endandinguye. Abantwana endandifunda nabo esikolweni babebonakala ngathi bantswempu futhi bonwabile. Kodwa ekuhambeni kwexesha abaninzi kubo baqalisa ukusebenzisa iziyobisi nokusela utywala. Ngoko aba bantwana babebonakala bentswempu kwavele kwacaca ukuba ayikho loo nto.”—UAlban.

Ukuze wazi nezinye izinto, funda ibali likaElie noLisa—ababekade bezenza abantu abangengabo kodwa babuyela kuYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share