IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 11/1 iphe. 19
  • Ngaba Amangqina Kayehova Yinxalenye Yamaprotestanti?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Amangqina Kayehova Yinxalenye Yamaprotestanti?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • UHlaziyo—Iphulo Elazisa Inguqulelo
    Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
  • Iliza Elinamandla Lonqulo—Umphumo Wokugqibela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Ukuqalisa Kwamajingi-qhiwu OHlaziyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 11/1 iphe. 19

Imibuzo Yabafundi

Ngaba Amangqina Kayehova Yinxalenye Yamaprotestanti?

AmaNgqina kaYehova awazigqali njengenxalenye yenkonzo zobuProtestanti. Ngoba?

UbuProtestanti bavela ngenkulungwane ye-16 eYurophu kuba kwakuhlaziywa iCawa YamaRoma Katolika. Abantu bokuqala ukubizwa ngokuba “ngamaProtestanti” yayingabalandeli bakaMartin Luther ababekwiNdibano yaseSpeyer ngowe-1529. Ukususela ngoko, eli binzana liye lasetyenziselwa ukuchaza bonke abo bebekhuthaza uHlaziyo. Ngenxa yoko iMerriam-Webster’s Collegiate Dictionary, 11th Edition, ichaza umProtestanti “njengelungu leecawa ezigatya igunya likaPopu zize zibambelele kwimigaqo yoHlaziyo yokuba umntu wamkeleka ngokholo, onke amakholwa angabefundisi nokuthi igunya lenyaniso yiBhayibhile kuphela.”

Nangona amaNgqina kaYehova engekho ngaphantsi kwegunya likaPopu yaye elixhasa igunya leBhayibhile, ahluke ngezinto ezininzi kwiinkonzo zobuProtestanti. Phofu ke neThe Encyclopedia of Religion ithi amaNgqina kaYehova “ahlukile.” Makhe sithethe ngeendlela ezintathu ahluke ngazo.

Okokuqala, nangona amaProtestanti ezigatya iindlela ezithile anqula ngazo amaKatolika, iinkokeli zoHlaziyo zabambelela kwezinye iimfundiso zamaKatolika njengokukholelwa kuBathathu Emnye, isihogo somlilo nokungafi komphefumlo. Kodwa ke, amaNgqina kaYehova akholelwa ukuba ezo mfundiso azaneli nje ukuphikisana neBhayibhile kuphela kodwa zikwamchaza ngendlela egqwethekileyo uThixo.—Funda kwiphepha 4-7 leli phephancwadi.

Okwesibini, amaNgqina kaYehova akalonqulo nje olukhalazayo, kodwa afundisa izinto ezibalulekileyo ngoThixo. Athobela isiluleko seBhayibhile esithi: “Isicaka seNkosi asifanele kulwa, koko sifanele ukuba nobubele kubantu bonke. Sifanele ukuba nemfundiso, sinomonde, sithantamise xa siluleka abo bachasayo.” (2 Timoti 2:24, 25 iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) AmaNgqina kaYehova ayazibhenca iimfundiso zecawa eziphikisana neBhayibhile. Kodwa loo nto akayenzeli ukutshintsha ezinye iicawa. Kunoko, afuna ukunceda abantu abanyanisekileyo bafumane ulwazi oluchanileyo ngoThixo nangeLizwi lakhe iBhayibhile. (Kolose 1:9, 10) Xa abantu abaneenkolelo ezahlukileyo kwezawo ewachasa, amaNgqina kaYehova awaphikisani nabo.—2 Timoti 2:23.

Okwesithathu, ngokungafaniyo nobuProtestanti obaqhekekayo baza baba ziimvaba ngeemvaba, amaNgqina kaYehova ebesoloko emanyene onke ehlabathini. Kwizinto ezifundiswa yiBhayibhile, amaNgqina kaYehova kumazwe angaphezu kwama-230 athobela isiluleko sompostile uPawulos esithi “nithethe ngokuvumelanayo.” Akukho mahlelo phakathi kwawo. Kunoko ‘amanyene engqondweni enye nasengcamangweni enye.’ (1 Korinte 1:10) Onke asebenza ngaxhatha linye ukuze ‘agcine ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’—Efese 4:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share