Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Kwintsimi Esetyenzwa Ngokufuthi
1 Ukushumayela kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi kuvelisa ucelomngeni olukhethekileyo. Usigcina njani isigidimi sisexesheni yaye sinomtsalane? Kufanele kuthiweni kwabo babonakala benze isigqibo sokuba ngokuqinisekileyo abanamdla? Kunokuthiwani kwabo bakhalaza ngelithi sityelela ngokufuthi gqitha?
YIBA NESIMO SENGQONDO ESINGQALILEYO
2 Ngokwahlukileyo kwindlela bambi abanokucinga ngayo, intsimi esetyenzwa ngokufuthi nangokucokisekileyo ngokuqhelekileyo ivelisa iziqhamo ezihle kunaleyo esingatyeleli ngokufuthi kangako kuyo. Ngoko omnye weyona miqobo iphambili esimele siwoyise yingcinga elandulayo ngokuphathelele ukutyelela rhoqo kwizindlu ezifanayo. Abantu kufuneka banikwe lonke ithuba lokuva isigidimi soBukumkani. Besiya kuba senza impazamo ngokugqiba kwelokuba uYehova sele ebagwebile njengabangafanelekanga abo bangasamkeliyo phezu kwako nje ukubatyelela kwethu ngokuphindaphindiweyo.
3 Ukubonisa ulwazelelelo kubaluleke ngokukhethekileyo kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi. Ukuba nesigidimi esingqalileyo esichaza oko kuchaphazela abantu ekuhlaleni ngokunokwenzeka kuya kubenza basamkele abo bebekade bengasiphulaphuli. Ngaba usoloko unenkcazelo esexesheni yeziganeko zakutshanje, yaye ngaba ukulungele ukubonisa indlela isigidimi seBhayibhile esinokubanceda ngayo abantu ekuhlangabezaneni neengxaki zabo?
YIGUQUGUQULE INTSHAYELELO
4 Yiguquguqule intshayelelo yakho kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi. Maxa wambi usenokusebenzisa iphecana kwintshayelelo yakho. Ngesinye isihlandlo usenokusebenzisa enye yeentshayelelo ezingaphezu kwama-40 ezicetyisiweyo kwincwadi Ukuqiqa kwiphepha 9-15 ekuchazeni izinto ezixhalabisa abantu ekuhlaleni. Usengathanda nokubhekisela kutyelelo lwakho lwangaphambili kwalapha elumelwaneni, ngaloo ndlela unciphisa amathuba okusebenzisa oko njengesizathu senkcaso. Ukuba ubuwaphawulile amagqabaza anentsingiselo omninimzi ebudeni botyelelo lwakho oludluleyo, unokuwasebenzisa njengomchankcatho okhokelela kwincoko ebhekele phaya ebangel’ umdla.
5 Masibajonge abantu ngendlela uYehova abajonga ngayo, yaye masihlale sinenkxalabo ngabo basenokuba basixelele ukuba abanamdla nje kwaphela. UYehova wayesoloko ebabongoza abantu bakhe bamandulo phezu kwako nje ukungabakhathaleli kwabo abathunywa bakhe. (2 Kron. 36:15; Yer. 7:13) Abaninzi ababekade bevakalelwa kukuba abanamdla bangabazalwana noodade sithetha nje. Kwanabachasi abangqwabalala baye boyiselwa enyanisweni. Kungokunje bavuya ngokwenene kuba ubani othile waqhubeka ebatyelela ngenyameko ngeendaba ezilungileyo.
GCINA INGXELO ENTLE
6 Kubaluleke ngokwenene ukugcina ingxelo entle yendlu ngendlu. Ukubuyela kwabo bangekhoyo ekhaya kuya kuqinisekisa ukuba siyigubungela ngokucokisekileyo intsimi yaye kwenza nokuba ubukhulu becala sibafumane abantu esibatyelelayo emakhayeni abo. Bambi bakufumanise kukuhle ukudlulisela ingxelo yamakhaya abawafumanise engenabantu phakathi kweveki kwabo basebenza loo ntsimi ngeempela-veki. Oku ngokunempumelelo kwenza ukuba ahlukahlukane amaxesha abaninimzi abatyelelwa ngawo yaye kuyawandisa amathuba okubafumana abantu abasoloko bengekho ngamaxesha athile emini nangeentsuku ezithile evekini. Amacebiso angakumbi anokufunyanwa kwiMboniselo kaJulayi 15, 1988, iphepha 15-20.
7 UYehova uyazi xa kwenziwe umgudu owaneleyo wokufikelela bonke abo baya kuphulaphula. Phantsi kokhokelo lukaKristu, siya kuqhubeka simthobela, sinentembelo yokuba lo msebenzi uya kwenziwa ngeli xesha silinikiweyo.—Hez. 9:11.