IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/92 iphe. 1
  • Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuthwala Umthwalo Wethu Wembopheleleko
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Hlalani Niphaphile Nize Niqabuke
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 7/92 iphe. 1

Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo

1 Nangona izigidi zabantu zinayo iBhayibhile, abaninzi abayamkeli njengeLizwi likaThixo, inkoliso ayizisebenzisi iziluleko zayo zobulumko, yaye ngaloo ndlela bambalwa abangenelwayo kuyo. Noko ke, abantu bakaYehova ngokwenene bakholelwa ukuba iliLizwi likaThixo nokuba iyingenelo kwizinto zonke. (2 Tim. 3:16, 17) Kungenxa yoko umxholo wocwangciso lwendibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo we-1993 uya kuthi “Ukwamkela, Ukusebenzisa Nokungenelwa KwiLizwi LikaThixo.”

2 Kuya kubakho iintetho, imiboniso, imidlalo emifutshane, amava nodliwano-ndlebe lokusikhuthaza, lokwenza nzulu uxabiso lwethu ngeLizwi likaThixo, nokusinceda silisebenzise ngokuzele ngakumbi kuzo zonke iinkalo zobomi. Kucwangciso lwasemva kwemini ngoMgqibelo kuya kuqwalaselwa isiluleko noqeqesho kwisangqa sentsapho ngokuphathelele ukuzonwabisa, unxulumano nokuthanda izinto eziphathekayo. Kuya kuboniswa indlela esimele sahluke ngayo ehlabathini singamkeli imikhwa yalo emibi nentetho ethob’ isidima okanye engamanyala. Ukongezelela, kuya kulungiselelwa ukhuthazo oluya kuba yingenelo kubazali abangenamaqabane nabantwana abangenayise.

3 Kwakhona, ngoMgqibelo abantu abasandul’ ukuzahlulela baya kufumana ithuba lokubhaptizwa emva kokuphulaphula intetho yeZibhalo ngalo mbandela. Abo baceba ukubhaptizwa kwindibano yesiphaluka bafanele bazise umveleli owongamelayo webandla ngomnqweno wabo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ukuze abe nexesha elaneleyo lokulungiselela abadala bokuhlolisisa imibuzo yabaza kubhaptizwa.

4 Kucwangciso lwakusasa ngeCawa kuya kuhlolisiswa iindlela esizahlula ngazo kwihlabathi ngokuzivisisanisa neLizwi likaThixo. Ukubaluleka kwenkangeleko yethu nendlela yokuphepha ukungcolisa iingqondo zethu yeminye yemibandela eya kuhlolisiswa. Emva kwemini, umveleli wesithili uya kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi “Yintoni Ebonisa Ukuba IBhayibhile Iyinyaniso?” Masiqinisekise ukuba simemela bonke abantu abanomdla kolu cwangciso lwakhayo.

5 Imihla nendawo oluya kuqhutyelwa kuyo olu cwangciso lwendibano yesiphaluka niya kuzifumana kumveleli wenu wesiphaluka, yaye sinikhuthaza nonke ukuba nibekho ukuze namkele, nisebenzise nize ningenelwe kwisiluleko seLizwi likaThixo.—Yak. 1:22-25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share