Sebenzisa Amaphephancwadi Ukwabelana Nabanye Ngenyaniso
1 Ixabiso lenkcazelo eyinyaniso nechanileyo lijongelwa phantsi ngokubanzi libutho lanamhlanje ngenxa yezibhengezo ezibaxiweyo, izithembiso zezobupolitika zenkohliso namabango obuqhetseba ezizwe ngezizwe. IMboniselo noVukani! zikhethekile kuba zizo kuphela ezivakalisa inyaniso engoBukumkani bukaThixo zize zicacise oko bonke bamele bakwenze ukuze banandiphe iintsikelelo obuya kuzizisa.
2 Kwelinye ilizwe igosa lesebe lezenkcazelo elalikuxabisa ukubaluleka kwala maphephancwadi mabini ngokuvumayo lancedisa ekufunyanweni koncomelo lokuwasasaza. Lathi: “IMboniselo ndiyijonga njengelinye lawona maphephancwadi abalaseleyo; ndikuvuyela gqitha ukunceda.” Sinelungelo lokunceda abanye ngokusasaza aba lindixesha banokudlulisela ulwazi olunik’ ubomi. (Yoh. 17:3) Uza kuwahambisa njani la maphephancwadi axabisekileyo ngoMeyi? Mhlawumbi la macebiso alandelayo aya kuba luncedo.
3 Ukuba ubalaselisa amanqaku okuqala e-“Mboniselo” kaMeyi 15, usenokuthi:
◼ “Sithetha nabantu ngeyona ncwadi ithengiswa kakhulu ehlabathini. Ngaba uyayazi? [Vumela impendulo.] Sithetha ngeBhayibhile. Kumele kubekho isizathu esivakalayo sokuba abantu abaninzi kangaka bathenge iBhayibhile. Eso sizathu sifumaneka kweyesi-2 kuTimoti 3:16.” Emva kokufunda esi sibhalo, balaselisa iingongoma ezifanelekileyo kwelinye lamanqaku. Nikela umrhumo.
4 Okanye emva kwentshayelelo emfutshane, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Mhlawumbi uphawule ukuba kwiminyaka yakutshanje ehlabathini lonke iingxaki abajamelene nazo abantwana zixhalatyelwe ngokwandayo. Ziziphi iingxaki zabantwana ozibonayo ekuhlaleni ezikuxhalabisayo?” Vumela impendulo. Chaza ezinye iingxaki zabantwana abasehlabathini jikelele njengokuba zixutyushwa kumanqaku asekuqaleni kaVukani! kaMeyi 8, uze utsalele ingqalelo kwisicombululo esinikelwa buBukumkani bukaThixo.
5 Kwingxelo yakho yamabuyelo, mhlawumbi unoludwe lwabo babebonise umdla ongephi ekuqaleni, kodwa akwabikho miphumo. Ekubeni babenentsabelo elinganiselweyo, usenokubona kungeyomfuneko ukuqhubeka ubuyela. Kodwa usenokusebenzisa olu ludwe ukwenza umzila wamaphephancwadi. Xa uphawula inqaku ovakalelwa kukuba lisenokuba nomtsalane kumntu othile, qiniseka ukuba uyamtyelela uze uhambise amaphephancwadi nomrhumo.
6 Ubungqina Obungacwangciswanga: Le yeyona ndlela ibalaseleyo yokwakha umdla kumaphephancwadi. Ukuveza ngobulumko iphepha elingaphandle elinomtsalane kusenokutsala umdla kukodwa. Omnye udade wabeka iinkupho ezithile edesikeni yakhe ukuze abo asebenza nabo bazibone xa bedlula; wahambisa zaliqela. Qiniseka ukuba uphatha amaphephancwadi ambalwa, uze uqalise ukuwahambisa kule nyanga xa uye kuthenga, usiya esikolweni, ukhwela udula-dula, okanye udibana nabanye kwezinye iindawo.
7 Ngoncedo lweMboniselo noVukani!, sifumene iimpendulo kwimibuzo ebalulekileyo engoYehova nonqulo lwakhe. Sifuna ukubasebenzisa aba lindixesha ngazo zonke iindlela eziphumelelayo ukuze sincede abanye bazi ‘uYehova, uThixo wenyaniso.’—INdu. 31:5.