IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 7/1 iphe. 13
  • Ukugcina Ingqibelelo Phantsi Kokubhangiswa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukugcina Ingqibelelo Phantsi Kokubhangiswa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyabavuza Abo Bagcina Indlela Yakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2008
  • Ungayeki Ukukhonza UYehova Naxa Umsebenzi Wethu Uvaliwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • UThixo Akalulibali ‘Uthando Enalubonakalisa Kulo Igama Lakhe’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 7/1 iphe. 13

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Ukugcina Ingqibelelo Phantsi Kokubhangiswa

KANGANGEMINYAKA eli-11 umsebenzi wokushumayela kwelinye ilizwe eliseMzantsi-mpuma Asiya ubuphantsi kokubhangiswa ngokusemthethweni ngurhulumente. Noko ke, kwiminyaka yak ut shan je, abazalwana baye bafumana isizathu sokuba bakholelwe ukuba abantu abathile abanezigxina eburhulumenteni bebeya kuthanda ukunceda kule meko. Ukubhangiswa komsebenzi kubonakala ukuba kwaye kwabangelwa yimpembelelo enamandla yeecawa zeNgqobhoko eziphantsi kukarhulumente.

Maxa wambi abazalwana babeye babekwe esweni, babanjwe baze bancinwe. Abo basebenzela amaziko karhulumente baye basongelwa ngokuthotywa ezikhundleni okanye banyanzeliswa ukubabayekeukusebenzaukuba abangeneleli iqela lobupolitika leLizwe. Iqela labavakalisi labethwa kabuhlungu.

AmaNgqina aye ohluthwa namalungelo angokwasemthethweni, anjengokwenzelwa izinto ziinkundla zomthetho nokuqhuba imingcwabo. (Abasemagunyeni bamisela umfundisi ukwenza oku.) Kwezinye iindawo, amaNgqina awavunyelwa nokuba abhalise umtshato!

Kanti, abo bongamela umsebenzi apho babika oku: “Ngokungaguquguqukiyo, apho abazalwana bajamelana nembambano ngenkalipho, benikela ngentlonelo ubungqina obuphuma eBhayibhileni, ekugqibeleni ukuncinwa kuyaphela nokubekwa esweni kuyancipha, nto leyo eyenza ukuba abazalwana baqhubeke nom sebenzi wokushumayela nokwenza abafundi ngokunempumelelo.”—Mateyu 28:19, 20.

Ngokomzekeko, omnye udade owayencinwa wabuzwa apho silifumana khona igama elinguYehova. Ngenkalipho wavula iBhayibhile yakhe kwiEksodus 15:3, apho livela khona eli gama. Owayencina, ekwangumphathi womkhosi, walandela inkcazelo eseBhayibhileni, esithi: “Ewe, likho ngokwenene. LiseBhayibhileni.” Ngoko, ephethukela kumfundisi owayenenxaxheba kolu ncino, wambuza wathi: “Kutheni wena ungabazisi nje abantu ngeli gama?” Lo mfundisi waphendula ngokungenankoloseko wathi: “Enyanisweni, eli gama likwiTestamente Endala. Kodwa ngenxa yokuba eli lizwe lingenaluzakuzelwano noSirayeli, asilisebenzisi eli gama.” Ngoko nangoko lo dade wakhululwa!

Esebenzisa icebiso elalivela kumntu “owayezenza onomdla,” amapolisa arhoxisa indibano yokuqala yesithili kwezintathu ngobusuku bangaphambi kokuba iqalise! Noko ke, abantu abanengqondo entle kumkhosi wamapolisa banceda ekunqumamiseni ukuncinwa okulandelayo. Bengoyiki nto, abazalwana baziqhuba ezinye iindibano ezimbini.

Phezu kwayo nje inkcaso enamandla engokonqulo kweli lizwe, basekho abc bathanda ubulungisa. Ngokomzekelo, omnye umqeshi, wada waba nentembelo engakumbi kubazalwana ngenxa yokubona ukunyaniseka kwabo kwimigaqo nakwinkolelo yabo. Banikwe imbopheleleko engakumbi emsebenzini.

Kwenzeka izinto ezifanayo kubantwana besikolo. Abafundisi-ntsapho abaneentliziyo ezinyanisekileyo bayabancoma ngokuyimela kwabo ngokuqinileyo inkolelo yabo.

Nangona imeko entsimini ibisiya iba lula kubazalwana, iicawa zisaqhubeka zihlasela yaye zizama zonke iindlela ezinokuzisebenzisa ukunqumamisa umsebenzi wokushumayela. Maxa wambi zizama ukubenzakalisa emzimbeni abo bafundisisa iBhayibhile namaNgqina. Phofu ke, abantu abanomdla basathontelana ukungena kwintlangano kaYehova. Amanye amava ngawomakhulu okwiminyaka yakhe yama-70. Emva kokuba elinye iliso lakhe lathi lahlinzwa, wavakalisa umnqweno wakhe wokuba nguvulindlela ongumncedani. Ngenxa yobudala bakhe, ekuqaleni wavakalelwa kukuba imfuneko yeeyure ezingama-60 yayingaphezu kwamandla akhe, kodwa emva kokuzizama, wafumanisa ukuba wayenokuzenza. Enyanisweni, kwiintsuku zokuqala ezilishumi, wabika iiyure ezingama-38 enkonzweni yasentsimini; wahambisa iincwadi ezimbini, iincwadana ezintathu namaphephancwadi amabini kummandla onzima; yaye waqalisa izifundo ezibini zeBhayibhile. Wayevuya ngokwenene!

Ngaphezu koko, imeko yenkonzo yasentsimini kwelo lizwe intle kakhulu. Abazalwana baye bakwazi ukuzama iindlela ezahlukahlukeneyo zokunikela ubungqina, ingakumbi emva konyulo jikelele. Ngokwenene oku kuye kwawukhawulezisa umsebenzi. Umvakalisi othe rhoqo entsimini unako ukuba nezifundo zeBhayibhile ezisixhenxe ukuya kwezilishumi. Ngaphambili, abaninimzi babefuna ukwazi ukuba sasingoobani, sasivela phi, njalo njalo. Ngoku akuseyomfuneko ngabazalwana ukuba bazazise ukuba bangoobani na. Abantu balambele ukutya okwanelisayo kokomoya. Ngokwenene intsimi ilungele ukuvunwa.—Mateyu 9:37, 38.

Enyanisweni, abazalwana kweli lizwe baye bagcina ingqibelelo phantsi kovavanyo, kutshanje bebevuyela ulwando lwabavakalisi olusisi-7 ekhulwini! Baba nembono efana neyavakaliswa ngumdumisi uDavide xa wathi: “Mna ke okwam ndihamba engqibelelweni yam.”—INdumiso 26:11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share