Uhlengahlengiso Kwisisikelo Seeyure Zoovulindlela
1 Sonke siyakuxabisa ukuba noovulindlela abathe ngxi nabangabancedani abazibhokoxayo ebandleni. Kwanalapho intsimi incinane khona yaye isetyenzwa rhoqo ngokucokisekileyo, oovulindlela baye bamisela umzekelo omhle ngenzondelelo yabo kwinkonzo yoBukumkani. Bakhuthaza bonke abavakalisi ukuba baxakeke bekhangela abo ‘banotyekelo olufanelekileyo.’—IZe. 13:48.
2 UMbutho uye waziphawula iinzima abajamelene nazo oovulindlela, ngokukodwa ngokuphathelele ukufumana umsebenzi wesingxungxo oza kubavumela bazinyamekele kakuhle iintswelo zabo zobuqu ukuze baqhubeke bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Imeko egqubayo yezoqoqosho kumazwe amaninzi ikwenze kwanzima ngakumbi ngabanye ukungenela umsebenzi wobuvulindlela, nangona lowo ingumnqweno wabo osuka entliziyweni. Kwiinyanga zakutshanje, ezi kwanezinye izibakala ziye zahlolisiswa ngenyameko.
3 Ngoko ke, ngenxa yoku kungasentla, uMbutho uye wasinciphisa isisikelo seeyure zoovulindlela abathe ngxi nabangabancedani. Ukuqala kunyaka wekhalenda we-1999, isisikelo soovulindlela abathe ngxi siya kuba ziiyure ezingama-70 nyanga nganye, okanye isimbuku seeyure ezingama-840 ngonyaka. Koovulindlela abangabancedani sibe ziiyure ezingama-50 ngenyanga. Isisikelo soovulindlela abakhethekileyo nabavangeli basemazweni asiyi kutshintsha, kuba uMbutho wenze ilungiselelo lokubanceda banyamekele iintswelo zabo ezisisiseko zezinto eziphathekayo. Ngenxa yoko, banokunikela ingqalelo engakumbi kumsebenzi wabo wokushumayela nakumsebenzi wokwenza abafundi.
4 Sinethemba lokuba olu hlengahlengiso kwisisikelo seeyure luya kunceda oovulindlela abangakumbi babambelele kweli lungelo lixabisekileyo lenkonzo. Oku kukwafanele kuvulele ithuba abavakalisi abangakumbi ukuba bangenele umsebenzi wobuvulindlela obuthe ngxi nobobuncedani. Hayi indlela ekuya kungqineka kuyintsikelelo ngayo oku kuye wonke ubani ebandleni!