Ukuhlakulela Umdla Ovuselelwe YiKingdom News No. 36
1 Ngaba sele ugqibile ukusasaza isabelo sakho seKingdom News No. 36? Ibuza umbuzo osexesheni obenza bacamngce bonke abantu: “Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?” Njengokuba unyaka wama-2000 wawusondela, ulindelo loko kwakuza kuziswa liwaka elitsha lwalahluke gqitha. IKingdom News No. 36 ihlolisisa ezinye zezo zinto ebezilindelwe yaye isikhumbuza ukuba iimeko zehlabathi azinikeli isizathu sokuba nethemba. Ekuphela kwewaka leminyaka eliya kuzisa uxolo nonqabiseko olufunwa yinkoliso yabantu luLawulo Lwewaka Leminyaka LukaKristu Yesu. Intembelo yethu kubukho boBukumkani iye yasishukumisela ukuba sihambisele wonke ubani esidibana naye iKingdom News No. 36.
2 Intsabelo KwiKingdom News: Ukuhanjiswa kweKingdom News kwixa elidlulileyo kuye kwangqineka kulukhuthazo oluhle kumsebenzi wethu. Ngokuphathelele iKingdom News No. 35, isebe laseKhanada labhala lathi: “Eli phulo likhethekileyo laxhaswa ngehlombe ngabavakalisi noovulindlela entsimini, yaye kwananditshwa intaphane yamava akhuthazayo.” Ngokungathandabuzekiyo niye nabonisa ihlombe elifanayo ngokusasazwa kweKingdom News No. 36.
3 Eli iphulo lokusasaza iKingdom News licwangciselwe ukuba liphele ngoNovemba 17, 2000. Ngaba sele ugutyungelwe wonke umhlaba owabelwe ibandla lenu? Ukuba akunjalo, abadala basenokunicela ukuba niqhubeke neli phulo de kube sekupheleni kukaNovemba.
4 Ibinjani intsabelo ukuza kuthi ga ngoku ekusasazweni kweKingdom News No. 36 kwindawo yenu? Iqaqobana labantu liya kuzalisa iphetshana lize licele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo nesifundo seBhayibhile sekhaya okanye enye yazo. Noko ke, inkoliso yabo babonisa umdla ekuqaleni kulo mbandela wewaka leminyaka abanakuze bathabathe inyathelo de omnye wamaNgqina kaYehova abatyelele. Bonke abo baye babonisa umdla bafanele baphinde batyelelwe. Liliphi ixesha elifanelekileyo lokwenza oku? Kufanele kubuyelwe ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
5 Phawula la mava aba ngumphumo wokubuyela kubantu ababehanjiselwe iKingdom News No. 35. Uvulindlela waseIreland washiyela umnini wevenkile yokutyela iKingdom News. Eli bhinqa lachukumiseka gqitha sesi sigidimi laza lamcela lo dade ukuba aphinde abuye. Lo dade wabuyela emva kweentsuku ezimbini, yaye kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. EDenmark, kwashiywa umbhalo weKingdom News kwelinye ikhaya ekwakungekho mntu kulo. Kwangolo suku ibhinqa elalihlala apho lakrazula isiqwengana sephepha elisekupheleni kweKingdom News laza lasithumela kwiofisi yesebe, yona yasidlulisela kwibandla lasekuhlaleni. Ngaphambi kokuba iphele iveki, latyelelwa ngoodade ababini, kwalungiselelwa isifundo, yaye eli bhinqa laya kwintlanganiso yalo yokuqala kwiHolo yoBukumkani!
6 Oko Unokukuthetha Xa Ubuyela: Ukubuyela apho bekuhanjiswe iKingdom News kulula yaye yinxalenye enandiphekayo yobulungiseleli bethu. Xa ubuyela, kucebiseka ukuba uphathe umbhalo weKingdom News No. 36, ekubeni esenokungabi nawo owakhe umbhalo umninimzi. Unokuzama la macebiso alandelayo.
7 Emva kokumkhumbuza umininimzi ukuba ungubani, usenokuthi:
◼ “Bendikushiyele iphecana elinomxholo othi ‘Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?’ Ngaba akuzange kukukhuthaze ukufunda ukuba kungekudala uLawulo lukaKristu Yesu lweWaka Leminyaka luza kuqalisa, luze luzise iParadesi emhlabeni? [Mbonise imifanekiso yeParadesi ekwiKingdom News No. 36.] Kwiphepha elingasemva, uyamenywa ukuba ucele umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?” Mbonise incwadana enemifanekiso, uze utyhile kwisifundo 5, funda umbuzo wokuqala nesiqendu 1 nesesi-2, uze ucele umninimzi ukuba agqabaze. Funda uze uxubushe isibhalo esinye okanye ezibini. Ukuba kunokwenzeka, hlolisisa omnye umbuzo nesiqendu, uze ulungiselele ukubuyela uqhubeke nengxubusho.
8 Ekubeni ngoNovemba kuza kuhanjiswa incwadana enemifanekiso ethi “Okufunwa NguThixo” okanye incwadi ethi “Ulwazi,” usenokuthi:
◼ “Xa bendikutyelele kutshanje, ndiye ndakushiyela umbhalo wephecana elithi ‘Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?’ Eli phecana linesicelo sesisa sesifundo seBhayibhile sekhaya. Ndibuyile ukuze ndikubonise isixhobo sokufundisisa esisisebenzisayo. [Mbonise incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze utyhile kwiphepha elingasemva; okanye umbonise incwadi ethi Ulwazi, uze utyhile kwiphepha 188-9.] Iwaka Leminyaka ekuthethwa ngalo eBhayibhileni liya kuzisa iimeko ezinjengezi uzibona kulo mfanekiso. Ukuze sifanelekele ubomi eParadesi, kufuneka singenise ulwazi oluchanileyo ngoThixo. Ndicela ukukubonisa ngokufutshane indlela esiyifundisisa ngayo iBhayibhile.”
9 Ukusasaza iKingdom News No. 36 kuye kwasishukumisela ukuba sibe nesabelo ngakumbi kubulungiseleli, sinikele ubungqina obusemagqabini. Mhlawumbi oku kuye kwavuselela umdla wabantu abaninzi entsimini. Ngoncedo lukaYehova, umgudu wethu omanyeneyo ekuhlakuleleni lo mdla, uya kuphumela ekubeni sifumane ababumvu.—Mat. 10:11; IZe. 13:48, 49, 52.