Ukuba Ngabalungiseleli Ababhetyebhetye Nabahambisana Namaxesha
“Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile.”—1 KORINTE 9:22.
1, 2. (a) Umpostile uPawulos waba ngumlungiseleli ophumelelayo ngaziphi iindlela? (b) UPawulos uyichaza njani indlela awayewujonga ngayo umsebenzi wakhe?
WAYEKHULULEKA phakathi kweenkcuba-buchopho ukanti enjalo nakubenzi beentente. Wayekwazi ukuthimb’ ingqalelo yezihandiba zaseRoma neyabantu nje abaqhelekileyo baseFrigiya. Iincwadi zakhe zazichukumisa amaGrike awayephangalele kunye namaYuda awayesadla ngendeb’ endala. Wayeqiqa ngendlela engenakuphikiswa nenomtsalane. Wayekhangela izinto avumelana ngazo nabantu ukuze babe nokholo kuKristu.—IZenzo 20:21.
2 Lo yayingumpostile uPawulos, ekungekho mathandabuzo ukuba wayengumlungiseleli ophumelelayo nobhetyebhetye. (1 Timoti 1:12) Wathunywa nguYesu umsebenzi ‘wokuthwala igama lakhe ezintlangeni nakookumkani noonyana bakaSirayeli.’ (IZenzo 9:15) Wayewujonga njani loo msebenzi? Wathi: “Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile. Kodwa ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.” (1 Korinte 9:19-23) Yintoni esinokuyifunda kulo mzekelo kaPawulos, enokusinceda siphumelele kumsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa?
Indoda Eguqukileyo Iyaphumelela Kwisabelo Sayo
3. UPawulos wayewaphatha njani amaKristu ngaphambi kokuba aguquke?
3 Ngaba uPawulos wayehleli engumntu ozeka kade umsindo, nonobubele, esifanelekela neso sabelo sakhe? Akunjalo! Inzondelelo yempambano ngonqulo yenza uSawule (igama awayekade ebizwa ngalo uPawulos) waba ngumtshutshisi onogonyamelo wabalandeli bakaKristu. Esengumfana, wayekholiswa kukubulawa kukaStefano. Emva koko, wawaphilisa ubomi bentshontsho amaKristu ewazingela. (IZenzo 7:58; 8:1, 3; 1 Timoti 1:13) Wayebafuthela “ngesisongelo nokubabulala abafundi beNkosi.” Enganeliswanga kukutshutshisa loo makholwa ayeseYerusalem, wadlulela kwiindawo ezisemantla njengeDamasko.—IZenzo 9:1, 2.
4. Luluphi utshintsho ekwafuneka uPawulos alwenze ukuze afeze isabelo sakhe?
4 Kusenokwenzeka ukuba esona sizathu sokuba uPawulos abuthiye ubuKristu wayekholelwa ukuba babuza konakalisa ubuYuda bubuvange neengcamango zabantu beentlanga ezazingafunwa. Ngapha koko, uPawulos ‘wayengumFarisi,’ igama elithetha ‘ozahlulileyo.’ (IZenzo 23:6) Cinga nje indlela amele ukuba wothuka ngayo uPawulos xa esiva ukuba uThixo umkhethe ukuba ashumayele ngoKristu ebantwini—nalapha ebantwini—abantu beeNtlanga! (IZenzo 22:14, 15; 26:16-18) Bona abaFarisi babengafuni kwaukutya nabo babebagqala njengaboni! (Luka 7:36-39) Ngokuqinisekileyo uPawulos kwafuneka enze umgudu ukuze atshintshe kwisimo sengqondo sakhe athobele intando kaThixo yokuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe.—Galati 1:13-17.
5. Sinokumxelisa njani uPawulos kubulungiseleli bethu?
5 Nathi kusenokufuneka sizeke mzekweni. Njengoko sishumayela kubantu bezizwe ngezizwe neelwimi ezahlukeneyo, kufuneka senze imigudu sihlolisise isimo sengqondo sethu ukuze silisiphule neengcambu naliphi na ikhethe ekunokuthi kanti sinalo. (Efese 4:22-24) Enoba siyakuqonda okanye asikuqondi oko, siyaphenjelelwa yindlela esikhule ngayo nesifundiswe ngayo. Oku kunokusenza sibe nocalucalulo, neentloko ezilukhuni. Simele soyise ezo ngcamango ukuze siphumelele ekufuneni nasekuncedeni abo bafana nezimvu. (Roma 15:7) Yiloo nto kanye eyenziwa nguPawulos. Walwamkela olu celomngeni ukuze andise ubulungiseleli bakhe. Ngenxa yothando, wafunda ubuchule bokufundisa esimele sibuxelise. Eneneni, xa uhlolisisa ubulungiseleli balo ‘mpostile weentlanga’ uyabona ukuba wayeneliso elibukhali, ebhetyebhetye yaye esebenzisa ubuchule ekushumayeleni nasekufundiseni.a—Roma 11:13.
Umlungiseleli Ohambisana Neemeko
6. UPawulos wayeyinikela njani ingqalelo kwimvelaphi yabantu athetha nabo, ibe oko kwaba nayiphi imiphumo?
6 UPawulos wayenikela ingqalelo kwiinkolelo nemvelaphi yabantu athetha nabo. Xa wayethetha noKumkani Agripa II, wavuma ukuba lo kumkani ‘wayeyingcali kuwo onke amasiko kwakunye neembambano eziphakathi kwamaYuda.’ Wandula ke ngobuchule esebenzisa oko kwazi kwakhe iinkolelo zika-Agripa waxubusha naye imibandela awayeyiqonda kakuhle lo kumkani. Ukucaca nokweyisela kwindlela awayeqiqa ngayo uPawulos kwabangela ukuba uAgripa ade athi: “Ngexesha elifutshane ubuya kundeyisela ekubeni ndibe ngumKristu.”—IZenzo 26:2, 3, 27, 28.
7. UPawulos waba bhetyebhetye njani xa wayeshumayela kwisihlwele saseListra?
7 Kwelinye icala uPawulos wayebhetyebhetye. Phawula indlela awathetha ngokwahluke ngayo xa wayezama ukunqanda izihlwele zesixeko saseListra ukuze zingabanquli yena noBharnabhas zibenze oothixo. Kuthiwa abantu ababethetha isiLikawoniya babengafundanga kuyaphi yaye bengabona bantu beneenkolelo gqitha. Ngokutsho kweZenzo 14:14-18, uPawulos walathisela ingqalelo yabo kwindalo nakwizinto zayo ezintle ababezinandipha njengobungqina bokongama koThixo oyinyaniso. Loo ngxubusho yayilula, ibe kuyabonakala ukuba ‘yazithintela izihlwele azabingelela’ kuPawulos noBharnabhas.
8. UPawulos wakubonisa njani ukuba bhetyebhetye nakuba kukho izinto awayeziva engenakuyekelela kuzo?
8 Kakade ke, uPawulos wayengafezekanga ibe kukho izinto awayekhe azive engenakuyekelela kuzo. Ngokomzekelo, xa wahlaselwa ngendlela ethob’ isidima nengekho sikweni, wathetha rhabaxa nomYuda ekuthiwa nguAnaniyas. Kodwa wathi akuxelelwa ukuba wenze impazamo yokuthuka umbingeleli ophakamileyo, akalibazisa ukungxengxeza. (IZenzo 23:1-5) EAthene waqala “wacatshukiswa kukubona ukuba isixeko sasizaliswe zizithixo.” Ukanti, xa wayethetha kwiNduli yaseMars, akazange abonise kucaphuka. Kunoko, wathetha nabantu baseAthene kwindawo yabo yembutho, eqiqa nabo ngezinto abavumelana ngazo ebhekisela kwisibingelelo esibizwa ngokuthi “Kongaziwayo uThixo” waza wacaphula enye yeembongi zabo.—IZenzo 17:16-28.
9. UPawulos wabubonisa njani ubuchule bokujamelana neemeko ezahlukeneyo xa wayethetha nabantu abahlukeneyo?
9 Kubantu abahlukahlukeneyo, uPawulos wabonisa ukuba nobuchule bokujamelana neemeko ezahlukahlukeneyo. Wayenikela ingqalelo kwisithethe nemvelaphi ephembelela indlela abacinga ngayo abaphulaphuli bakhe. Xa wayebhalela amaKristu aseRoma, wayesazi ukuba ahlala kwisixeko esilikomkhulu lelona gunya likhulu laloo mihla. Eyona ngongoma yeleta kaPawulos eyayisiya kumaKristu aseRoma yayikukuba ukuze koyiswe amandla onakalisayo esono sika-Adam kufuneka amandla kaKristu akhululayo. Xa wayethetha namaKristu aseRoma nalawo ayehlala kufuphi apho wasebenzisa intetho awayeza kuyiqonda kakuhle.—Roma 1:4; 5:14, 15.
10, 11. Yintoni eyayisenziwa nguPawulos ukuze imizekeliso yakhe ifanele abaphulaphuli bakhe? (Bona nombhalo osemazantsi.)
10 Yintoni eyayisenziwa nguPawulos xa efuna ukucacisa inyaniso enzulu yeBhayibhile ebantwini? Lo mpostile wayenobuchule bokusebenzisa imizekeliso eqhelekileyo nenokuqondwa lula ukuze acacise izinto ezintsonkothileyo zeZibhalo. Ngokomzekelo, wayesazi ukuba abantu baseRoma baqhelene nenkqubo yobukhoboka eyayizalise bonke uBukhosi baseRoma. Kusenokwenzeka ukuba abaninzi kwabo wayebabhalela babengamakhoboka. Ngoko uPawulos wenza umzekeliso ngobukhoboka ukuze atsho kuvokotheke kumbandela wokuzikhethela komntu ukuthobela isono okanye ubulungisa.—Roma 6:16-20.
11 Enye incwadi ithi: “KumaRoma, umnini khoboka wayenokusuka nje alikhulule ikhoboka lakhe okanye lona lizikhulule ngokuhlawula umninilo. Ayekho namalungiselelo okulikhulula xa liza kuba likhoboka lothixo.” Ikhoboka elikhululekileyo lalinokuqhubeka lisebenzela inkosi yalo ukuze lifumane umvuzo. Kuyabonakala ukuba uPawulos wayebhekisela kule nkqubo xa wayebhala ngabathile ababemele bakhethe eyona nkosi bamele bayithobele—isono okanye ubulungisa. AmaKristu aseRoma ayekhululwe esonweni umniniwo inguThixo. Ayekhululekile ukuba akhonze uThixo, ukanti ayenokukhetha ukukhonza isono—esasikade siyinkosi yawo—xa efuna. Loo mzekelo ulula noqhelekileyo wawuza kwenza amaKristu aseRoma azibuze oku, ‘Yiyiphi eyona nkosi ndiyikhonzayo?’b
Ukufunda Kumzekelo KaPawulos
12, 13. (a) Nguwuphi umgudu ofunekayo namhlanje ukuze kufikelelwe iintliziyo zabantu abahlukahlukeneyo? (b) Yintoni oye wayifumanisa iphumelela xa ushumayela kubantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo?
12 NjengoPawulos, simele sibe neliso elibukhali, sibe bhetyebhetye, sikwazi nokujamelana neemeko ezahlukeneyo ukuze sifikelele iintliziyo zabantu abahlukeneyo esithetha nabo. Ukuze sibancede baziqonde iindaba ezilungileyo, simele senze okungakumbi kunokumana sisiya nje kubo ukuze sise isigidimi esilungiselelweyo, okanye sibashiyele uncwadi lweBhayibhile. Kunoko simele sizame ukuqonda iintswelo zabo nezinto ezibaxhalabisayo, izinto abazithandayo nabangazithandiyo kunye noloyiko lwabo neembono zabo. Nakuba oku kufuna sizikise ukucinga size senze umgudu, ehlabathini lonke abavakalisi boBukumkani bazimisele ukukwenza. Ngokomzekelo, iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eseHungary ithi: “Abazalwana bayawahlonela amasiko neendlela abaphila ngazo abantu bamanye amazwe, ibe abazami kubaguqula ukuze bamkele iindlela zokuphila zalapha.” Nakwezinye iindawo amaNgqina azabalazela ukwenjenjalo.
13 Kwelinye ilizwe kwiMpuma Ekude, inkoliso yabantu balapho ixhalatyiswa yimpilo, ukuqeqeshwa kwabantwana nemfundo. Abavakalisi boBukumkani balapho babalaselisa ezo zinto kunokuxubusha ngokuwohloka kwemeko yehlabathi okanye iingxaki ezintsonkothileyo ezithwaxa uluntu. Ngokufanayo, kwesinye isixeko esikhulu saseUnited States, abavakalisi baye baphawula ukuba kwenye indawo kummandla abashumayela kuwo abantu balapho baxhalatyiswa zizinto ezifana nobuqhetseba, ukuxinana kweemoto endleleni nolwaphulo-mthetho. AmaNgqina axubusha ngezo zinto ukuze akwazi ukuqalisa iingxubusho zeBhayibhile. Enoba nguwuphi na umbandela abaxubusha ngawo, abafundisi beBhayibhile abaphumelelayo basoloko bekhuthaza baze bagxininise indlela ekuluncedo ngayo ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kweli xesha kunye nethemba lekamva eliqaqambileyo elithenjiswa nguThixo.—Isaya 48:17, 18; 52:7.
14. Chaza iindlela esinokuba bhetyebhetye ngazo kwiintswelo nakwiimeko ezahlukahlukeneyo zabantu.
14 Ekubeni abantu beneemvelaphi, imfundo neenkolelo ezahlukahlukeneyo, kuya kusinceda ukutshintshatshintsha izinto esithetha ngazo xa sishumayela. Izinto esithetha ngazo nabantu abakholelwayo kubukho boMdali kodwa bengakholelwa eBhayibhileni zimele zahluke kwezo sithetha ngazo nabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo. Xa sithetha nomntu ocinga ukuba akufanelekanga kwaphela ukusebenzisa uncwadi lonqulo, intshumayelo ifanele yahluke kuleyo yomntu ozamkelayo iimfundiso zeBhayibhile. Kufuneka sibe bhetyebhetye naxa sithetha nabantu abakumgangatho owahlukahlukeneyo wemfundo. Abafundisi abanobuchule bayaqiqa nabantu baze basebenzise nemizekeliso efanelekileyo.—1 Yohane 5:20.
Ukunceda Abo Basandul’ Ukuba Ngabalungiseleli
15, 16. Kutheni kukho imfuneko yokuqeqesha abalungiseleli abatsha nje?
15 UPawulos akazange aneliswe nje kukuphucula indlela yakhe yokufundisa. Waqonda ukuba umele aqeqeshe abo basebatsha, njengoTimoti noTito ukuze babe ngabalungiseleli abanobuchule kwixesha elizayo. (2 Timoti 2:2; 3:10, 14; Tito 1:4) Nanamhlanje kusekho intswelo enkulu yokuqeqesha abanye.
16 Ngowe-1914, kwakukho abavakalisi boBukumkani abamalunga nama-5 000 ehlabathini lonke; kodwa namhlanje, veki nganye kubhaptizwa abantu abatsha abamalunga nelo nani! (Isaya 54:2, 3; IZenzo 11:21) Xa abasebatsha beqalisa ukunxulumana nebandla lamaKristu baze nabo banqwenele ukushumayela, kufuneka bafumane uqeqesho nokhokelo. (Galati 6:6) Kufuneka sisebenzise iindlela zoyena Mfundisi, uYesu ukuze sifundise yaye siqeqeshe abafundi.c
17, 18. Sinokubanceda njani abasebatsha bakwazi ukuzithemba kubulungiseleli?
17 UYesu akazange asuke athi akubona izihlwele axelele abapostile bakhe ukuba bathethe nazo. Waqala ngokugxininisa imfuneko yokushumayela nokuthandaza ngokuzingisileyo. Wandula ke wenza amalungiselelo amathathu okwenjenjalo: wabela ngamnye umntu aza kuhamba naye, indawo abaza kushumayela kuyo, nesigidimi abaza kusishumayela. (Mateyu 9:35-38; 10:5-7; Marko 6:7; Luka 9:2, 6) Nathi sinokuzeka mzekweni. Enoba sinceda umntwana wethu, umfundi omtsha, okanye umntu ogqibele kudala ukushumayela, simele siqinisekise ukuba sibaqeqesha ngale ndlela.
18 Abasebatsha bafuna ukuncedwa bakwazi ukuzithemba xa beshumayela. Ngaba unokubanceda balungiselele intshumayelo elula neza kuthimba ingqalelo? Entsimini, bavumele bafunde kuwe njengoko kuqala kuthethe wena kwizindlu zokuqala. Unokuxelisa uGidiyon, owathi kwabo babenaye edabini: “Nifanele nifunde ngokondela kum, yaye leyo yindlela enifanele nenze ngayo.” (ABagwebi 7:17) Emva koko banike ithuba lokuthetha. Bancome ngokunyanisekileyo kwimigudu yabo, ibe xa kufanelekile cebisa nje ngokufutshane kwezo ndawo bamele baphucule kuzo.
19. Luyintoni usukelo lwakho njengoko uzabalazela ‘ukufeza ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho’?
19 Ukuze ‘sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu,’ sizimisele ukuba bhetyebhetye kwindlela esithetha ngayo, ibe sifuna ukuqeqesha abalungiseleli abasebatsha benjenjalo. Xa sicinga ngokubaluleka kosukelo lwethu—ukunceda abanye bazi uThixo nto leyo ekhokelela ekubeni basindiswe—siye siqiniseke ukuba kufanelekile ukwenza konke okusemandleni ukuze sibe ‘zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke sisindise abathile.’—2 Timoti 4:5; 1 Korinte 9:22.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ubone umzekelo wezo mpawu kubulungiseleli bukaPawulos, khangela IZenzo 13:9, 16-42; 17:2-4; 18:1-4; 19:11-20; 20:34; Roma 10:11-15; 2 Korinte 6:11-13.
b Ngendlela efanayo, xa wayecacisa ulwalamano olutsha lukaThixo ‘noonyana’ bakhe abathanjisiweyo, uPawulos wasebenzisa ibinzana lasemthethweni elalisaziwa ngabo babeza kufunda loo ncwadi kuBukhosi baseRoma. (Roma 8:14-17) Incwadi ethi St. Paul at Rome ithi: “ERoma yayiqhelekile yaye ithandwa ziintsapho zalapho into yokuzikhulisela abantwana bomnye umntu ukuze babe ngabakho.”
c Sithetha nje, kukho inkqubo YooVulindlela Abanceda Abanye kuwo onke amabandla amaNgqina kaYehova. Kule nkqubo abalungiseleli bexesha elizeleyo baqeqesha abavakalisa abangenamava.
Uyakhumbula Na?
• Ziziphi indlela esinokumxelisa ngazo uPawulos kubulungiseleli bethu?
• Ziziphi iinguqulelo ekusenokufuneka sizenze kwindlela esicinga ngayo?
• Singenza njani ukuze isigidimi sethu sihlale sifanelekile?
• Yintoni abayifunayo abalungiseleli abasebatsha ukuze bakwazi ukuzithemba?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Umpostile uPawulos wayeneliso elibukhali, ebhetyebhetye yaye ekwazi ukujamelana neemeko ezahlukeneyo xa eshumayela naxa efundisa
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]
UYesu wabenzela amalungiselelo amathathu abafundi bakhe: wabela ngamnye umntu aza kuhamba naye, indawo abaza kushumayela kuyo, nesigidimi abaza kusishumayela
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
UPawulos wakwazi ukushumayela kubantu abahlukeneyo ngenxa yokuba bhetyebhetye
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Abalungiseleli abaphumelelayo banikela ingqalelo kwimvelaphi yabantu abashumayela kubo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abalungiseleli ababhetyebhetye banceda abo basebatsha baxhobele ubulungiseleli babo