“Iintshayelelo Onokuzisebenzisa Xa Uhambisa Amaphephancwadi . . .”
Sidla ngokuba nenxalenye yeNtlanganiso yeNkonzo ethetha ngokuhambisa amaphephancwadi. Injongo yayo asikokuxubusha oko kuqulethwe ngamaphephancwadi. Kunoko, yenzelwe ukuba sixubushe iindlela zokuhambisa amaphephancwadi. Ngenxa yoko, umzalwana owabelwe le nxalenye uyalelwa ukuba abethe koomofu ukuze avuse umdla ngala maphephancwadi. Emva koko, ucela abavakalisi ukuba bacebise ngendlela yokuhambisa inqaku elinye (okanye ungcelele) ukuze bonke bakwazi ukulandela baze baphawule namacebiso abafuna ukuwasebenzisa. Kunokuba acele abavakalisi ukuba bagqabaze ngenqaku lonke, ucela amacebiso aliqela ngombuzo abanokuba nomdla kuwo abantu entsimini. Aze acele amagqabaza ngesibhalo esinokufundwa. Uqukumbela ngokwenza umboniso wendlela yokuhambisa iphephancwadi ngalinye. Siyanikhuthaza ukuba niwafunde amaphephancwadi ukuze nikwazi ukunikela amacebiso. Ukuba sonke silungiselela kakuhle, le nxalenye iya kusinceda sikwazi ukulolana ubuso.—IMize. 27:17.