Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuqalisa Isifundo Ngencwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Umi Emnyango
Isizathu Sokuba Kubalulekile: Ukuze senze abafundi, kufuneka thina kuqala sibe ngabafundisi beLizwi likaThixo. (Mat 28:19, 20) Sonke sinokuba ngabafundisi abaphum’ izandla ukuba siyazisebenzisa izixhobo esizinikiweyo. Incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! yenye yezixhobo ezenzelwe ukusinceda sifundise abanye inyaniso. Phofu ke, sinokude siqalise ngayo isifundo simi emnyango.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Thandazela ukuba nomnqweno wokuqhuba isifundo. Kwakhona, bongoza uYehova ukuba akuncede uqalise isifundo seBhayibhile aze akuncede ube nobuchule bokufundisa inyaniso.—Fil. 2:13.
Ziphe ixesha lokuqhelisela le ntshumayelo kunqulo lwentsapho okanye kufundisiso lobuqu. Loo nto iya kukunceda uthethe ngokuzithemba uze ukwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile umi emnyango.