UYehova Usibonisa Indlela Yokubala Imihla Yethu
“Sibonise kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko.”—INDUMISO 90:12.
1. Kutheni kufanelekile ukucela uYehova ukuba asibonise “indlela yokubala imihla yethu”?
UYEHOVA UTHIXO nguMdali wethu noMniki-bomi. (INdumiso 36:9; ISityhilelo 4:11) Ngenxa yoko, akukho namnye umntu okufanelekelayo ukusibonisa indlela yokusebenzisa ubomi bethu ngobulumko, ngaphandle kwakhe. Ngoko ke, ngokufanelekileyo umdumisi wabongoza uThixo esithi: “Sibonise kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko.” (INdumiso 90:12) INdumiso yama-90, esifumana kuyo esi sibongozo, ngokuqinisekileyo sifanele siyihlolisise ngenyameko. Noko ke, okokuqala, makhe sihlolisise ngokufutshane le ngoma iphefumlelwe nguThixo.
2. (a) Kuthiwa yaqanjwa ngubani INdumiso 90, yaye imele ukuba yabhalwa nini? (b) INdumiso 90 ifanele iyichaphazele njani imbono yethu ngobomi?
2 Umbhalo ongasentla weNdumiso 90 uthi “umthandazo kaMoses, umntu kaThixo oyinyaniso.” Ekubeni le ndumiso ithetha kakhulu ngobufutshane bobomi bomntu, kusenokwenzeka ukuba yaqanjwa emva kokuba amaSirayeli ekhululwe kubukhoboka baseYiputa nasebudeni bohambo lwawo lweminyaka engama-40 entlango, xa abantu abangamawaka beso sizukulwana singenalukholo bafa baphela. (Numeri 32:9-13) Enoba yaqanjwa nini, INdumiso 90 ibonisa ukuba ubomi babantu abangafezekanga bufutshane. Ngoko ke, ngokucacileyo, sifanele siyisebenzise ngobulumko imihla yethu exabisekileyo.
3. Ziziphi izinto ezisisiseko eziqulathwe yiNdumiso 90?
3 KwiNdumiso 90, indinyana 1 ukusa kweyesi-6 ichaza uYehova njengendawo yethu yokuhlala kanaphakade. Indinyana 7 ukusa kweye-12 ibonisa oko sifanele sikwenze ukuze iminyaka yobomi bethu edlula ngokukhawuleza siyisebenzise ngendlela eyamkelekileyo kuye. Yaye njengoko indinyana 13 ukusa kweye-17 zichaza, sinomnqweno onyanisekileyo wokufumana ububele bothando nentsikelelo kaYehova. Kakade ke, le ndumiso ayichazi kusengaphambili ngamava omkhonzi ngamnye kaYehova. Sekunjalo, sifanele sinikele ingqalelo kwisimo sengqondo sokuzinikela esiboniswe kule ndumiso ifana nomthandazo. Ngoko ke, masihlolisise ngenyameko INdumiso 90 njengabantu abazahlulele kuThixo.
UYehova—‘Indawo Yethu Yokuhlala Yokwenene’
4-6. UYehova ‘uyindawo yethu yokuhlala yokwenene’ njani?
4 Umdumisi uqala ngala mazwi: “Owu Yehova, wena uye waba yindawo yethu yokuhlala yokwenene ebudeni bezizukulwana ngezizukulwana. Ngaphambi kokuba neentaba zizalwe, okanye uzise ngokungathi kungenimba umhlaba nelizwe elinemveliso, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.”—INdumiso 90:1, 2.
5 Kuthi ‘uThixo ongunaphakade,’ uYehova “yindawo yethu yokuhlala yokwenene”—indawo yokusabela yokomoya. (Roma 16:26) Siziva sinqabisekile ngenxa yokuba ukulungele ukusinceda ngalo lonke ixesha ‘njengoMphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ngenxa yokuba siphosa amaxhala ethu kuBawo wethu osezulwini ngoNyana wakhe amthandayo, ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luyazilinda iintliziyo zethu namandla ethu engqondo.’—Filipi 4:6, 7; Mateyu 6:9; Yohane 14:6, 14.
6 Sinandipha unqabiseko lokomoya ngenxa yokuba, ngokungathi kunjalo, uYehova “yindawo yethu yokuhlala yokwenene.” Ulungiselela ‘namagumbi angaphakathi’—ekusenokwenzeka ukuba anxulumene ngokusondeleyo namabandla abantu bakhe—ikhusi lokomoya, apho abadala abanothando bafak’ isandla kakhulu kunqabiseko lwethu. (Isaya 26:20; 32:1, 2; IZenzo 20:28, 29) Ngapha koko, abanye bethu bangamalungu eentsapho ekukudala zikhonza uThixo yaye baye bafumanisa ukuba ‘uyindawo yokuhlala yokwenene ebudeni bezizukulwana ngezizukulwana.’
7. Kutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba iintaba ‘zazalwa’ nomhlaba waziswa ngokungathi “kungenimba”?
7 UYehova wayekho ngaphambi kokuba iintaba “zizalwe” okanye ngaphambi kokuba umhlaba uziswe ngokungathi “kungenimba.” Ngokwembono yomntu, ukuvelisa lo mhlaba nazo zonke izinto ezikuwo, imichiza neenkqubo ezintsonkothileyo kwakufuna umgudu othe chatha. Yaye ngokuthi iintaba ‘zazalwa’ nomhlaba waziswa ngokungathi “kungenimba,” umdumisi ubonakalisa intlonelo enzulu ngomsebenzi owawubandakanyekile xa uYehova wadala ezi zinto. Ngaba asifanele sibe nentlonelo noxabiso olufanayo ngomsebenzi owenziwa nguMdali?
UYehova Ukulungele Ukusinceda Ngalo Lonke Ixesha
8. Lithetha ukuthini ibinzana elithi uYehova nguThixo “ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo”?
8 Umdumisi wavuma le ngoma: “Ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.” ‘Ixesha elingenammiselo’ linokubhekisela kwizinto eziphelayo kodwa ekungachazwayo ukuba ziya kuhlala ixesha elide kangakanani. (Eksodus 31:16, 17; Hebhere 9:15) Noko ke, kwiNdumiso 90:2 nakwenye indawo kwiZibhalo zesiHebhere, ‘ixesha elingenammiselo’ lithetha “unaphakade.” (INtshumayeli 1:4) Iingqondo zethu azinako ukuqonda ukuba kuthetha ukuthini ukuthi uThixo wayesoloko ekho. Ukanti, uYehova akazange abe nasiqalo yaye akasokuze abe nasiphelo. (Habhakuki 1:12) Uya kusoloko ephila yaye ekulungele ukusinceda.
9. Umdumisi uyithelekisa nantoni iminyaka eliwaka yobukho bomntu?
9 Umdumisi waphefumlelwa ukuba athelekise iminyaka eliwaka yobukho bomntu nexesha elifutshane kakhulu ngokwembono yoMdali ongunaphakade. Ethetha noThixo, wabhala: “Umntu ofayo umbuyisela eluthulini, kwaye uthi: ‘Buyani, nyana babantu.’ Kuba iminyaka eliwaka emehlweni akho injengemini yezolo xa idlulile, nanjengomlindo ebudeni bobusuku.”—INdumiso 90:3, 4.
10. UThixo “umbuyisela eluthulini” njani umntu?
10 Umntu uyafa, yaye uThixo “umbuyisela eluthulini.” Oko kuthetha ukuba, umntu ubuyela ‘eluthulini,’ njengomhlaba ogutyiweyo okanye ocoliweyo. Ngokungathi kunjalo, uYehova uthi, ‘Buyela eluthulini lomhlaba owenziwa ngawo.’ (Genesis 2:7; 3:19) Oku kubhekisela kubo bonke—abomeleleyo okanye ababuthathaka, abazizityebi okanye abangamahlwempu—kuba akukho mntu ungafezekanga ‘onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe, okanye anike uThixo intlawulelo ngaye ukuze aphile ngonaphakade.’ (INdumiso 49:6-9) Kodwa hayi indlela esinombulelo ngayo kuba ‘uThixo wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye abe nobomi obungunaphakade’!—Yohane 3:16; Roma 6:23.
11. Kutheni sinokuthi ixesha elide kuthi lifutshane kakhulu kuThixo?
11 Ngokwembono kaYehova, kwanoMethusela owayeneminyaka engama-969 ubudala, waphila ixesha elinganeno kosuku. (Genesis 5:27) KuThixo, iminyaka eliwaka injengezolo—iiyure ezingama-24 nje kuphela—xa sele idlule. Umdumisi ukhankanya nokuba kuThixo, iminyaka eliwaka ifana nokulinda kwabalindi enkampini iiyure ezine ebusuku. (ABagwebi 7:19) Ngoko ke, ngokucacileyo, ixesha elide kuthi lifutshane kakhulu kuThixo ongunaphakade, uYehova.
12. Abantu ‘batshayelwa’ njani nguThixo?
12 Xa buthelekiswa nobukho bukaThixo ongunaphakade, eneneni, ubomi bomntu bangoku bufutshane. Umdumisi uthi: “Uye wabatshayela; baba bubuthongo nje; kusasa banjengengca le itshintshayo. Kusasa iyatyatyamba yaye imele itshintshe; ngokuhlwa iyabuna ize ngokuqinisekileyo yome.” (INdumiso 90:5, 6) UMoses wabona amaSirayeli angamawaka awafela entlango, ‘etshayelwe’ nguThixo ngokungathi kungomkhukula. Le nxalenye yendumiso iye yaguqulelwa ngokuthi: “Uyabatshayela abantu ngokufa.” (New International Version) Kwelinye icala, ubude bobomi babantu abangafezekanga “bubuthongo nje” bexeshana—xa buthelekiswa nobuthongo bobusuku bonke.
13. Sifana njani ‘nengca eluhlaza,’ yaye oku kufanele kuyichaphazele njani indlela esicinga ngayo?
13 Sifana ‘nengca eluhlaza etyatyambayo kusasa’ ize ibune ngokuhlwa xa kutshisa ilanga. Ewe, ubomi bethu bufutshane njengengca ebuna ngosuku olunye. Ngoko ke, masingabusebenzisi kakubi obu buncwane buxabisekileyo. Kunoko, sifanele sifune ulwalathiso lukaThixo ngendlela esifanele siyisebenzise ngayo le minyaka iseleyo kule nkqubo yezinto.
UYehova Uyasinceda ‘Sibale Imihla Yethu’
14, 15. Yazaliseka njani INdumiso 90:7-9 kumaSirayeli?
14 KuThixo, umdumisi uyongezelela: “Siyaphela ngumsindo wakho, nangobushushu bakho siphazamisekile. Ubeke iziphoso zethu kanye phambi kwethu, izinto zethu ezifihlakeleyo phambi kobuso bethu obuqaqambileyo. Kuba yonke imihla yethu ifikelele ekupheleni kwayo ngokuvutha komsindo wakho; siyigqibile iminyaka yethu kanye njengokusebeza.”—INdumiso 90:7-9.
15 AmaSirayeli awayengenalukholo ‘aphela ngumsindo kaThixo.’ ‘Aphazamiseka ngobushushu bakhe,’ okanye ‘ayenkwantya ngenxa yokucaphuka kwakhe.’ (New International Version) Abanye “bathiwa waca entlango” ngenxa yomgwebo kaThixo. (1 Korinte 10:5) UYehova ‘wabeka iziphoso zabo kanye phambi kwakhe.’ Wabaphendulisa ngenxa yezenzo zabo zobubi ababezenza esidlangalaleni, kodwa ‘kwanezinto zabo ezifihlakeleyo,’ okanye izono ezenziwa ngasese, ‘zaziphambi kobuso bakhe obuqaqambileyo.’ (IMizekeliso 15:3) Njengabo bafikelwa ngumsindo kaThixo, amaSirayeli angaguqukiyo ‘ayigqiba iminyaka yawo kanye njengokusebeza.’ Ngapha koko, ubomi bethu obufutshane bunjengokudlula komoya phakathi kwemilebe yethu kanye njengokusebeza.
16. Ukuba abathile benza isono emfihlekweni, yintoni abafanele bayenze?
16 Ukuba nabani na kuthi wenza isono emfihlekweni, usenokukwazi ukuyifihla loo hambo kwabanye abantu kangangethuba elithile. Kodwa eso senzo sethu sobubi sifihlakeleyo siya kuba ‘phambi kobuso bukaYehova obuqaqambileyo,’ yaye izenzo zethu ziya kulonakalisa ulwalamano lwethu naye. Ukuze siphinde sibe nolwalamano olusenyongweni noYehova, kuya kufuneka sithandazele ukuxolelwa nguye, sizishiye iziphoso zethu, size silwamkele ngovuyo uncedo lokomoya lwabadala abangamaKristu. (IMizekeliso 28:13; Yakobi 5:14, 15) Hayi indlela ekunokuba bhetele ngayo oko kunokuba ‘sigqibe iminyaka yethu kanye njengokusebeza,’ size silibeke esichengeni ithemba lethu lobomi obungunaphakade!
17. Bude kangakanani ubomi babantu ngokuqhelekileyo, yaye izaliswe yintoni iminyaka yobomi bethu?
17 Ngokuphathelele ubude bobomi babantu abangafezekanga, umdumisi uthi: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo, ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo; kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.” (INdumiso 90:10) Abantu ngokuqhelekileyo baphila iminyaka engama-70, yaye xa wayeneminyaka engama-85, uKalebhi wathi wayomelele ngendlela engaqhelekanga. Kuye kwakho iimeko ezahlukileyo, njengoAron owaba neminyaka (eli-123), uMoses owaba neminyaka (eli-120), noYoshuwa owaba neminyaka (eli-110). (Numeri 33:39; Duteronomi 34:7; Yoshuwa 14:6, 10, 11; 24:29) Kodwa kwisizukulwana esingenalukholo esaphuma eYiputa, ababebhalisiwe ukususela kwabaneminyaka engama-20 ubudala ukusa phezulu bafa kwisithuba seminyaka engama-40 ubudala. (Numeri 14:29-34) Namhlanje, kumazwe amaninzi ngokuqhelekileyo ubude bobomi bomntu bukumlinganiselo owachazwa ngumdumisi. Iminyaka yobomi bethu izaliswe ‘ziinkathazo nazizinto ezenzakalisayo.’ Idlula ngokukhawuleza, “siphaphazele simke.”—Yobhi 14:1, 2.
18, 19. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko’? (b) Ukusebenzisa kwethu ubulumko kuya kusishukumisela ukuba senze ntoni?
18 Ngokulandelayo umdumisi uvuma le ngoma: “Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho nokuvutha komsindo wakho ngokokoyikeka kwakho? Sibonise kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko.” (INdumiso 90:11, 12) Akukho namnye kuthi owazi ngokupheleleyo amandla omsindo kaThixo okanye ukuvutha komsindo wakhe, yaye oku kufanele kusenze simoyike ngakumbi uYehova. Eneneni, kufanele kusishukumisele ukuba simcele asazise “kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko.”
19 La mazwi omdumisi ngumthandazo wokucela uYehova ukuba afundise abantu bakhe ukusebenzisa ubulumko ngokubonakalisa uxabiso nokusebenzisa imihla yabo eseleyo ngendlela ekholisa uThixo. Iminyaka engama-70 yobomi bomntu lithemba lokuphila iintsuku ezimalunga nama-25 500. Noko ke, enoba sibadala kangakanani, ‘asikwazi oko ubomi bethu buya kuba kuko ngomso, kuba sifana nje nenkungu ebonakala okwethutyana ize ithi shwaka.’ (Yakobi 4:13-15) Ekubeni ‘sonke sisehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili,’ asinakwazi ukuba siya kuphila ixesha elide kangakanani na. Ngoko ke, masithandazele ubulumko bokuhlangabezana nezilingo, sibaphathe kakuhle abanye yaye senze konke okusemandleni enkonzweni kaYehova kanye ngoku—namhlanje! (INtshumayeli 9:11; Yakobi 1:5-8) UYehova uyasikhokela ngeLizwi lakhe, ngomoya wakhe nangentlangano yakhe. (Mateyu 24:45-47; 1 Korinte 2:10; 2 Timoti 3:16, 17) Ukuqhelisela ubulumko kusishukumisela ukuba ‘sifune kuqala uBukumkani bukaThixo’ size sisebenzise imihla yethu ngendlela ezisa uzuko kuYehova nevuyisa intliziyo yakhe. (Mateyu 6:25-33; IMizekeliso 27:11) Kakade ke, ukumnqula ngentliziyo iphela akuyi kuzishenxisa zonke iingxaki zethu, kodwa ngokuqinisekileyo kubangela uvuyo olukhulu.
Intsikelelo KaYehova Isizisela Uvuyo
20. (a) UThixo ‘uzisola’ ngayiphi indlela? (b) Uya kusiphatha njani uYehova ukuba sona ngokunzulu size siguquke ngokwenene?
20 Hayi indlela ebekuya kuba kuhle ngayo ukuba besinokuhlala sivuya ubomi bethu bonke! Ngokuphathelele le nkalo, uMoses uyabongoza: “Buya, Yehova! Kuya kude kube nini na? Zisole ngenxa yabakhonzi bakho. Sanelise kusasa ngobubele bakho bothando [okanye, “uthando olunyanisekileyo”], ukuze sibe nokumemelela ngovuyo size sibe nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu.” (INdumiso 90:13, 14; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) UThixo akazenzi iimpazamo. Sekunjalo, ‘uyazisola’ aze ‘awubuyise’ umsindo wakhe angasiphumezi nesohlwayo xa abenzi bobubi beguqula isimo sabo sengqondo nehambo yabo emva kokuba beye balunyukiswa. (Duteronomi 13:17) Kodwa nokuba besinokwenza isono esinzulu size siguquke ngokwenene, uYehova ebeya ‘kusanelisa ngobubele bakhe bothando,’ yaye besiya kuba nesizathu ‘sokumemelela ngovuyo.’ (INdumiso 32:1-5) Yaye ngokulandela ikhondo lobulungisa, siya kufumana uthando lukaThixo olunyanisekileyo yaye siya kuba “nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu”—ewe, ubomi bethu bonke.
21. Kumazwi abhalwe kwiNdumiso 90:15, 16, yintoni ekusenokwenzeka ukuba uMoses wayeyicela?
21 Umdumisi uthandaza ngokunyanisekileyo esithi: “Senze sibe nemihlali ngokulinganayo nemihla owasixhwalekisa ngayo, iminyaka esibone ngayo intlekele. Ngamana umsebenzi wakho ungabonakala kubakhonzi bakho nobungangamsha bakho koonyana babo.” (INdumiso 90:15, 16) Kusenokwenzeka ukuba uMoses wayecela uThixo ukuba asikelele uSirayeli ngokumenza abe nemihlali ngendlela elinganayo okanye ixesha elilingana neminyaka awayexhwaleke ngayo nasebudeni beminyaka awafumana intlekele ngayo. Wacela uThixo ukuba enze “umsebenzi” wokusikelela kwakhe amaSirayeli ubonakale kubakhonzi Bakhe nokuba ubungangamsha Bakhe bubonakaliswe koonyana bawo, okanye inzala yawo. Ngokufanelekileyo, sinokuthandazela ukuthululwa kweentsikelelo phezu koluntu oluthobelayo kwihlabathi elitsha likaThixo.—2 Petros 3:13.
22. Ngokutsho kweNdumiso 90:17 yintoni ekufanelekileyo ukuba siyithandazele?
22 INdumiso 90 iqukumbela ngesi sibongozo: “Ukuthandeka kukaYehova uThixo wethu makube phezu kwethu, nomsebenzi wezandla zethu wumisele ngokuqinileyo phezu kwethu. Ewe, umsebenzi wezandla zethu, wumisele ngokuqinileyo.” (INdumiso 90:17) La mazwi abonisa ukuba kufanelekile ukuthandazela ukuba uThixo asikelele imigudu esiyenzayo enkonzweni yakhe. NjengamaKristu athanjisiweyo okanye amaqabane awo, ‘ezinye izimvu,’ sinemihlali ngenxa yokuba “ukuthandeka kukaYehova” kuhleli phezu kwethu. (Yohane 10:16) Hayi indlela esivuya ngayo kuba uThixo eye ‘wawumisela ngokuqinileyo umsebenzi wezandla zethu’ njengabavakalisi boBukumkani nangezinye iindlela!
Masiqhubeke Sibala Imihla Yethu
23, 24. Sinokungenelwa njani xa sicamngca ngeNdumiso 90?
23 Ukucamngca ngeNdumiso 90 kufanele kusenze sayame ngakumbi ngoYehova, ‘indawo yethu yokuhlala yokwenene.’ Ngokucinga ngamazwi ayo athetha ngobufutshane bobomi, sifanele siyiphaphele ngakumbi imfuneko yokhokelo lukaThixo ekubaleni imihla yethu. Yaye ukuba siqhubeka sifuna yaye siqhelisela ubulumko bukaThixo, ngokuqinisekileyo siya kuzuza ububele bothando nentsikelelo kaYehova.
24 UYehova uya kuqhubeka esibonisa indlela yokubala imihla yethu. Yaye ukuba siyawuthobela umyalelo wakhe, siya kukwazi ukuqhubeka sibala imihla yethu de kuse emaphakadeni. (Yohane 17:3) Noko ke, ukuba sibufuna ngokwenene ubomi obungunaphakade, simele senze uYehova abe yindawo yethu yokusabela. (Yude 20, 21) Njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo, le ngongoma icaciswe ngakumbi kumazwi akhuthazayo afumaneka kwiNdumiso 91.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UYehova ‘uyindawo yethu yokuhlala yokwenene’ njani?
• Kutheni sinokuthi uYehova usoloko ekulungele ukusinceda?
• UYehova usinceda njani ‘sibale imihla yethu’?
• Yintoni esinceda “sibe nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu”?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYehova wayenguThixo “ngaphambi kokuba neentaba zizalwe”
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ngokwembono kaYehova, uMethusela owayeneminyaka engama-969 waphila ixesha elingaphantsi kosuku
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
UYehova ‘uwumisele ngokuqinileyo umsebenzi wezandla zethu’