Iindlela Ezahlukeneyo Zokuba Ngamaxhoba Emfazwe
INKQUBO kanomathotholo “iPerspective” yeUN Radio yanikela le ngxelo: “Iimfazwe zanamhlanje zahlukile kwezo zangaphambili . . . Ngabemi abaqhelekileyo, endaweni yamajoni” abangamaxhoba azo. Ngokomzekelo, ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, zazisisi-5 ekhulwini kuphela iingxwelerha ezazingenanto yakwenza nemfazwe. Noko ke, ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, inani leengxwelerha ezingenanto yakwenza nemfazwe lantinga laya kutsho kuma-48 ekhulwini. Yaye namhlanje iUN Radio ithi, “phantse zonke iingxwelerha zemilo ngabantu abangenanto yakwenza nayo—ama-90%—yaye uninzi lwazo ngamabhinqa, abantwana nabantu abasele bekhulile.”
Ngokutsho kukaOlara Otunnu, ongusosiba-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo kwiSpecial Representative for Children and Armed Conflict, “abantwana abaqikelelwa kwizigidi ezibini baye bafa kwimilo yezigalo ukususela ngowe-1987.” Oko kubangela ukuba babe ngama-450 ngosuku abantwana abangamaxhoba emfazwe kule minyaka ili-12 idluleyo! Ukongezelela, kwangelo xesha linye, abantwana abangaphezu kwezigidi ezithandathu baye benzakala ngokumanyumnyezi okanye bayimilwelwe ubomi babo bonke.
UMnu. Otunnu uthi enye indlela iZizwe Ezimanyeneyo ezinokulithintela ngayo inani leengxwelerha zemfazwe ezingabantwana, kukumisela uxolo kwiindawo ezithile. “Iindawo ezizaliswe ngabantwana, njengezikolo, izibhedlele namabala emidlalo, zifanele zigqalwe njengeendawo ekungaliwayo kuzo.” Noko ke, iUN Radio yongezelela ngelithi, “kuqala ukuthintelwa kwemilo” yeyona ndlela iphumelelayo yokuba iZizwe Ezimanyeneyo ziqinisekise ukuba abemi abaqhelekileyo ababi ziingxwelerha zemfazwe. Enyanisweni, ukuphelisa iingxwelerha zemfazwe kufuna ukuba kupheliswe kwamfazwe leyo. Ngaba loo nto iya kuze yenzeke?
Ngenxa yobuninzi beemfazwe ukutyhubela imbali yabantu, abantu abaninzi batsho ngokuqiniseka ukuba abantu abanakuze bazise uxolo lomhlaba wonke. Noko ke, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, lithembisa ukuba uYehova uThixo uya kuyenza loo nto: “Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.” (INdumiso 46:9) Iya kwenzeka nini loo nto? Yaye unokuqiniseka njani ukuba idinga likaThixo loxolo lwehlabathi lonke liya kuzaliseka? Ukuba ungathanda ukuphendulelwa le mibuzo, nceda ubhalele abapapashi beli phephancwadi, usebenzisa idilesi ekufutshane edweliswe kwiphepha 5, okanye uye kwiHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova ekufutshane nawe. Akukho miqathango nantlawulo—ufumana nje iimpendulo ezingqalileyo.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 12]
UN PHOTO 156450/J. Isaac