IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g00 8/8 iphe. 18
  • Ukumsebenzisa Kakuhle Umabonwakude

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukumsebenzisa Kakuhle Umabonwakude
  • Vukani!—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Umabonwakude Ukuguqule?
    Vukani!—1991
  • Ukulawula Indlela Owubukela Ngayo
    Vukani!—2006
  • Mlawule Umabonwakude Ngaphambi Kokuba Akulawule
    Vukani!—1991
  • Ngaba Umabonwakude Utya Ixesha?
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
Vukani!—2000
g00 8/8 iphe. 18

Ukumsebenzisa Kakuhle Umabonwakude

UMABONWAKUDE usebenza “njengombalisi wamabali, umgcini wosana nento etshintsha iingqondo zikawonke-wonke,” itsho njalo iNot in the Public Interest—Local TV News in America, eyingxelo eyaqulunqwa liqela labaququzeleli beendaba eUnited States. “Oomabonwakude bazalise indawo yonke . . . Kanye njengomsi womntu otshayayo, bazalise umoya.” Yaye kanye njengokuba ukusezela umoya wecuba lomnye umntu kuyingozi, ngoko nokuhlala iiyure ezininzi ubukele nje zonke iinkqubo zikamabonwakude kuyingozi—ingakumbi ebantwaneni.

Ithetha ngolwaphulo-mthetho nogonyamelo olukumabonwakude, kwale ngxelo inye ithi “amakhulukhulu ohlolisiso aye abonisa ukuba ukubukela imifanekiso enogonyamelo kuphazamisana nokufunda kwabantwana kuze kubenze babe ndlongondlongo.” IAmerican Medical Association yathi ngowe-1992 “ugonyamelo oluboniswa kumabonwakude luyingozi esongela impilontle yabantu abaselula.”

Unokuyilawula njani impembelelo embi yeenkqubo zikamabonwakude ebantwaneni bakho? Le ngxelo idwelisa amacebiso afunyenwe kwimibutho yezempilo kawonke-wonke, angendlela yokumsebenzisa kakuhle ngakumbi umabonwakude. Nanga amanye aloo macebiso.

◼ Yiba nocwangciso kwanomlinganiselo wokubukela kwakho umabonwakude. Yiba nemiqathango ngexesha abantwana bakho abambukela ngalo umabonwakude. Musa ukumbeka umabonwakude kumagumbi abantwana.

◼ Beka imaphu yomhlaba ecaleni komabonwakude ukuze abantwana bakhangele iindawo abazibona kwiinkqubo.

◼ Mbukele nabantwana bakho umabonwakude ukuze ubachazele izinto ezinjengomahluko phakathi kwemibono nezinto zokwenene. Abantwana abaninzi abaneminyaka engaphantsi kwelishumi ubudala abasoloko bekwazi ukuwubona umahluko.

◼ Msuse umabonwakude kwindawo ebonakalayo ekhayeni lakho. Mfake umabonwakude kwikhabhathi evalwayo. Loo nto iya kwenza ukuba kungabi lula ukumvula nokutshintshatshintsha izitishi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share