Ukumsebenzisa Kakuhle Umabonwakude
UMABONWAKUDE usebenza “njengombalisi wamabali, umgcini wosana nento etshintsha iingqondo zikawonke-wonke,” itsho njalo iNot in the Public Interest—Local TV News in America, eyingxelo eyaqulunqwa liqela labaququzeleli beendaba eUnited States. “Oomabonwakude bazalise indawo yonke . . . Kanye njengomsi womntu otshayayo, bazalise umoya.” Yaye kanye njengokuba ukusezela umoya wecuba lomnye umntu kuyingozi, ngoko nokuhlala iiyure ezininzi ubukele nje zonke iinkqubo zikamabonwakude kuyingozi—ingakumbi ebantwaneni.
Ithetha ngolwaphulo-mthetho nogonyamelo olukumabonwakude, kwale ngxelo inye ithi “amakhulukhulu ohlolisiso aye abonisa ukuba ukubukela imifanekiso enogonyamelo kuphazamisana nokufunda kwabantwana kuze kubenze babe ndlongondlongo.” IAmerican Medical Association yathi ngowe-1992 “ugonyamelo oluboniswa kumabonwakude luyingozi esongela impilontle yabantu abaselula.”
Unokuyilawula njani impembelelo embi yeenkqubo zikamabonwakude ebantwaneni bakho? Le ngxelo idwelisa amacebiso afunyenwe kwimibutho yezempilo kawonke-wonke, angendlela yokumsebenzisa kakuhle ngakumbi umabonwakude. Nanga amanye aloo macebiso.
◼ Yiba nocwangciso kwanomlinganiselo wokubukela kwakho umabonwakude. Yiba nemiqathango ngexesha abantwana bakho abambukela ngalo umabonwakude. Musa ukumbeka umabonwakude kumagumbi abantwana.
◼ Beka imaphu yomhlaba ecaleni komabonwakude ukuze abantwana bakhangele iindawo abazibona kwiinkqubo.
◼ Mbukele nabantwana bakho umabonwakude ukuze ubachazele izinto ezinjengomahluko phakathi kwemibono nezinto zokwenene. Abantwana abaninzi abaneminyaka engaphantsi kwelishumi ubudala abasoloko bekwazi ukuwubona umahluko.
◼ Msuse umabonwakude kwindawo ebonakalayo ekhayeni lakho. Mfake umabonwakude kwikhabhathi evalwayo. Loo nto iya kwenza ukuba kungabi lula ukumvula nokutshintshatshintsha izitishi.