Kungekudala—Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazo Iziyobisi
Ngaba unawo umbono wehlabathi elingenabantu abasebenzisa iziyobisi?
USOSIBA-JIKELELE weZizwe Ezimanyeneyo uKofi Annan wabongoza onke amazwe ukuba asebenzele ukwakha ihlabathi elinjalo. Wathi: “Simele sithabathe amanyathelo angqalileyo ukuze silwe nalo mkhwa umbi; esi sihelegu sibambise abantwana bethu abaninzi.”
Nangona iinkokeli zisenokuvumelana ukuba ukuveliswa nokusasazwa kweziyobisi ezingekho mthethweni kuncitshiswe ehlabathini lonke, zijamelene nocelomngeni olunzima. UHennadiy Udovenko waseUkraine, oba ngumongameli xa kukho intlanganiso kwiNgqungquthela yeZizwe Ezimanyeneyo, wathi “kuthelekelelwa ukuba ishishini leziyobisi lingenisa ngaphezu kwee-R3.75 zamawaka ezigidi ngonyaka, yaye lelinye lawona mashishini anengeniso kumashishini enziwa ngokufihlakeleyo, . . . yaye linokubangela ukuwohloka okanye ukungazinzi kurhwebo lwehlabathi lonke.” Wahlabela mgama wathi ingxaki yokusetyenziswa kweziyobisi “ichaphazela ihlabathi lonke yaye akukho lizwe lingachaphazelekiyo yile ngxaki.”
Kunzima ukwakha umfanekiso-ngqondweni wehlabathi elingenazo iziyobisi eziyingozi. Ngokuqinisekileyo, oorhulumente babantu abakwazanga ukuwushenxisa lo mkhwa. Noko ke, akukho bani unokuthintela uThixo uSomandla ekuzalisekiseni injongo yakhe yokuzisa umhlaba oyiparadesi apho kuya kwaneliswa zonke iintswelo zabantu ngokweemvakalelo, ngokwenyama nangokomoya. (INdumiso 145:16; Luka 23:43; 2 Petros 3:13) Ngokutsho komprofeti uIsaya, ilizwi likaThixo ‘aliyi kubuyela kuye ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ayoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko alithumele kona.’—Isaya 55:11.
Ukuba nethemba kwezo zithembiso kunokuzisa iingenelo ezininzi kwanangoku. Ngokomzekelo, uEdmundo, wayesebenzisa iziyobisi. Kodwa isithembiso esiseBhayibhileni sehlabathi elitsha lobulungisa sambangela ukuba aphinde ahlolisise indlela aphila ngayo. UEdmundo ngoku uthi: “Obunjani bona ubuyatha endabenzayo ngokudlala ngobomi bam.” Kuba enqwenela ukuzuza inkoliseko kaThixo, akazisebenzisi iziyobisi ngoku. Ewe, ukuba nolwazi ngoThixo nangezithembiso zakhe kunokusishukumisela ukuba ‘sambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’—Efese 4:24.
Bakho nabanye abantu abaninzi ababefudula besebenzisa iziyobisi abanandipha ulwalamano olusenyongweni noMdali wabo. Kwaba bantu, anentsingiselo ngakumbi la mazwi omdumisi athi: “Ungazikhumbuli izono zobutsha bam nemvukelo yam. Ngokobubele bakho obunothando ndikhumbule, ngenxa yokulunga kwakho, Yehova. Ulungile yaye uthe tye uYehova. Kungenxa yoko eyalela aboni endleleni.” (INdumiso 25:7, 8) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo kubazali abanabantwana abanxaxhayo ukwazi ukuba abantwana babo banako ukutshintsha! Xa bezibhokoxa, abazali banokunceda abantwana babo ukuba baxhathise kwesi silingo sokusebenzisa iziyobisi baze bafumane ‘ubomi benene,’ obuya kufumaneka kwihlabathi elitsha likaThixo.—1 Timoti 6:19.
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ngenxa yethemba lokuphila kwihlabathi elitsha likaThixo abantu abaninzi ababesebenzisa iziyobisi baye bashukunyiselwa ekubeni baguqule indlela ababephila ngayo