IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 5/8 iphe. 3
  • Ziziphi Iifilimu Ezidlalayo Kweli Hlobo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ziziphi Iifilimu Ezidlalayo Kweli Hlobo?
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Into Eyenzekayo Ngaphambi Kokuba Umbhalo Ube Yifilimu
    Vukani!—2005
  • Ngaba Kunomsebenzi Ukuba Luhlobo Luni Lwemifanekiso Eshukumayo Endiyibukelayo?
    Vukani!—1990
  • Ziziphi Iifilimu Wena Oza Kuzibukela?
    Vukani!—2005
  • Xhakamfula Amathuba Okunikel’ Ubungqina Ebudeni Behlobo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 5/8 iphe. 3

Ziziphi Iifilimu Ezidlalayo Kweli Hlobo?

UKUFIKA kwehlobo kuthetha ntoni kuwe? Ukuba kuza kufudumala, kusenokuthetha ukuba akusayi kusoloko uhleli endlwini—mhlawumbi uza kuya elwandle okanye utyelele ipaki ethile.

Noko ke, abo bashishina ngokwenza iifilimu banethemba lokuba abantu abaninzi baza kuhlala ezindlwini bebukele iifilimu. Ubuncinane, eUnited States nje kuphela kukho iindawo zokubukela iifilimu ezinokuba ngama-35 000, yaye kwiminyaka yamvanje ama-40 ekhulwini ayo yonke imali eyenziwa kwiindawo ezinjalo kwelo lizwe ifumaneka ehlotyeni.a UHeidi Parker umhleli oyintloko wephephancwadi iMovieline uthi: “Oku kunjengeKrismesi kubarhwebi.”

Oku bekungasoloko kunjalo. Abantu bebengakuthandi kangako ukubukela iifilimu ehlotyeni eUnited States, nto leyo eyayinyanzela iindawo ezininzi ukuba zibonise iifilimu ezimbalwa okanye zivale ngelo xesha. Kodwa kwathi kwakufakwa oomatshini abakhupha umoya opholileyo kwezi ndawo phakathi kweminyaka yee-1970 bathontelan’ abantu ukuya ebhayiskophu bebaleka ubushushu. Ekubeni nabantwana babevala esikolweni ngelo xesha babeba yimiqodi ukuya ebhayiskophu nto leyo eyayibavuyisa abarhwebi. Kungekudala, ehlotyeni kwaqala into ebizwa ngokuba yiblockbuster.b Oku kwayiguqula indlela ezazisenziwa ngayo iifilimu, njengoko siza kubona.

[Imibhalo esemazantsi]

a EUnited States, ixesha leefilimu zasehlotyeni liqala ngoMeyi de kube ngoSeptemba.

b Ngokuqhelekileyo, igama elithi “blockbuster” lalisetyenziswa kwiifilimu ezingenisa imali ezizigidi ezingama-R600 okanye ngaphezulu. Noko ke, maxa wambi eli gama lisetyenziswa kuyo nayiphi na ifilimu ethandwayo, enoba yimalini eyenzileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share