IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 10/8 iphe. 13-15
  • Ukuncokola Kwi-Internet—Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngale Nkqubo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuncokola Kwi-Internet—Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngale Nkqubo?
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indawo Yokuzingela Yabo Baxhaphaza Abanye Ngokwesini
  • Ngaba Kukho Ingozi Ngokuncokola Ngesini Kwi-Internet?
  • ‘Abazifihlayo Oko Bakuko.’
  • Ukuncokola Kwi-Internet—Ndinokuziphepha Njani Iingozi?
    Vukani!—2005
  • Ndinokuziphepha Njani Iingozi ZeInternet?
    Vukani!—2000
  • Kuthekani Ngabahlobo Oncokola Nabo Ngekhompyutha?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Abantwana Abasebenzisa I-Internet—Oko Kufanele Kwaziwe Ngabazali
    Vukani!—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 10/8 iphe. 13-15

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ukuncokola Kwi-Internet—Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngale Nkqubo?

“Ekubeni ndineentloni, kwi-Internet ndisenokuthetha nabantu ebendingenakuze ndithethe nabo. Abandazi nokundazi.”—UPeter.a

“Kwi-Internet, uziv’ ukhululekile ukuthetha nantoni na.”—UAbigail.

KWI-INTERNET abantu banokuncokola ngokubhalelana. Eli isenokuba liqela labantu, ukuba nje bayakwazi ukufunda baze baphendulane.

Amanye amajelo okuncokola kwi-Internet athandwa gqitha lulutsha. Ulutsha oluninzi oluneemvelaphi ezahlukahlukeneyo luphakelan’ izimvo mihla le phantse ngawo nawuphi na umbandela. Le nkqubo esetyenziswa ehlabathini lonke, ngoku iyasetyenziswa nakwezinye izikolo. Ngokomzekelo, bejongwe ngootitshala babo, abafundi baseUnited States basenokuncokola ngombandela othile odl’ umzi nabafundi baseSpeyin, eNgilani, okanye kwenye indawo. Abafundi basenokuthetha ngomsebenzi wabo wesikolo nononjineli ovunyiweyo, isazi samayeza okanye nayiphi na ingcaphephe.

Phofu ke asingabo bonke abasebenzisa eli jelo abathetha ngemibandela yemfundo. Ukuba unamathuba okusebenzisa i-Internet, ziziphi iingozi ofanele uzilumkele?

Indawo Yokuzingela Yabo Baxhaphaza Abanye Ngokwesini

UAbigail uthi: “Ndandincokola nabathile kwi-Internet xa indoda ethile yandibuza ngabantwana endibaziyo abaneminyaka eli-14 ubudala. Le ndoda yayifuna ukulala nabo. Kaloku, yayikulungele nokubahlawula ukuze nje ilale nabo.”

Asinto intsha le yenzeka kuAbigail. Yande gqitha into yabantu abaxhaphaza abanye besebenzisa i-Internet kangangokuba abanye oorhulumente bade babeka imithetho yokukhusela abaselula. Ngokomzekelo, incwadi ebhalwe yiFederal Bureau of Investigation (FBI) eUnited States ilumkisa ngabantu abaqalisa ngokuthetha ngemibandela yesini ngendlela ephandle. Kwakhona ilumkisa nangabo “babalukuhla ngokuthe ngcembe abo babonakala bengamaxhoba abo ngokubonakalisa umdla, uthando, ububele nangokubapha izipho.”

Ichaza iindlela ezisetyenziswa ngabanye kwaba bakhohlisi, le ncwadi yeFBI ithi: “Bayaphulaphula baze babonakalise uvelwano xa abantwana bechaza iingxaki zabo. Bazi nomculo othandwa lulutsha, imisetyenzana yokuzonwabisa nezinto abanomdla kuzo abantwana. Ngokuthe ngcembe babenza bakhululeke abantwana ngokuthetha nje kancinane ngemibandela ebandakanya isini kwiincoko zabo.”

Asingobantu nje abadala abangcolileyo abayingozi. Ufanele ulumkele nolutsha olungayaziyo okanye olungayikhathalelanga imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha. Cinga ngoko kwenzeka kumfana ogama linguCody. Wayencokola nabanye abaselula xa intombazana ethile yambizela ecaleni. Le ntombazana yambuza imibuzo engqalileyo ngesini. Ngoko nangoko, uCody wayiphelisa loo ncoko.

Ngenxa yomdla wemvelo kwimibandela yesini, kusenokuba nzima ukuyisingatha le meko ngendlela awenza ngayo uCody. UPeter okhankanywe ekuqaleni uyavuma esithi: “Ndandicinga ukuba ndinesibindi sokuyiphelisa incoko kwi-Internet ukuba iqalisa ukubandakanya isini. Kodwa kumaxesha amaninzi ndandiye ndizifumanise sendibambekile nam, sendincokola ngemibandela enokuthanani nesini. Hayi indlela endandiye ndidane ngayo kamva.” Mhlawumbi usenokubuza, ‘Ukuba andilichazi igama lam lokwenene, ngaba kukho into embi ngokuthetha ngesini kwi-Internet?’

Ngaba Kukho Ingozi Ngokuncokola Ngesini Kwi-Internet?

IBhayibhile ithetha phandle ngesini. (IMizekeliso 5:18, 19) Kuyavunywa ukuba xa abantu beselula banomdla ongakumbi kwimibandela yesini. Ngoko ke kufanelekile ukuthetha ngemibandela yesini. Ufanele wazi ngalo mbandela ubalulekileyo.b Noko ke, indlela oyifumana ngayo inkcazelo ngesini iya kugqiba enoba usenokonwaba ngoku nakwixesha elizayo.

Ukuba ukhetha ukuthetha ngesini kwi-Internet, enoba uncokola nabantu abathi bangabahlobo bakho, nakuwe kusenokwenzeka into eyenzeka kumfana ekuthethwe ngaye eBhayibhileni. Enomdla nje, uzulazula ngakwindlu kanongogo. Ekuqaleni, unongogo wayencokola nje naye. Noko ke, emva kokuba lo mfana engenwe yinkanuko, kwakunganele nje ukuncokola. “Ngequbuliso uyamlandela, njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni, . . . njengentaka ingxamela esibatheni.”—IMizekeliso 7:22, 23.

Nakuwe, ukuthetha ngesini kwi-Internet kusenokuphumela ekubeni ube nenkanuko. Umfana okwishumi elivisayo, uPhilip uthi: “Ndandincokola nomntu othile kwikhompyutha xa ngequbuliso kwavela umfanekiso ongcolileyo. Lo mntu ndandincokola naye wawuthumela kwikhompyutha yam.” Xa uqalisa ukuba nomdla kwimifanekiso enokuthanani nesini, usenokuhendelwa ekubeni ufune ukuwanelisa ngakumbi loo mnqweno, kanye njengokuba kusenzeka kwijelo leInternet labantu abadala.c Abaninzi ababanjiswa ngumgibe wokubukela imifanekiso engamanyala bagqibela ngokuziphatha kakubi ngokwesini baze bavune abakuhlwayeleyo.—Galati 6:7, 8.

Abantu abafuna ukuncokola nawe ngesini kwikhompyutha abanamdla kuwe. Into nje abayifunayo aba bantu ungabaziyo kukukulukuhla nje ngesini—yaye ukuba kunokwenzeka—balale nawe ukuze banelise inkanuko yabo.d Ezama ukukhusela unyana wakhe kumntu owayexhaphaza abanye ngokwesini, uKumkani uSolomon wathi: “Mayibe kude kuye indlela yakho, ungasondeli nasemnyangweni wendlu yakhe, ukuze unganikeli ngesidima sakho kwabanye, . . . ukuze abasemzini bangazanelisi ngamandla akho.” (IMizekeliso 5:8-10) Ngamany’ amazwi, eli cebiso lithi: Musa ukuncokola nabantu kwi-Internet, uze uzithob’ isidima ngabantu ongabaziyo abafuna nje ukukuxhaphaza ukuze banelise inkanuko yabo.

‘Abazifihlayo Oko Bakuko.’

Noko ke, usenokuthi akufuni kuthetha ngesini kwikhompyutha. NjengoPeter noAbigail abakhankanywe ngaphambilana, usenokuyigqala i-Internet njengejelo lokuvakalisa uluvo lwakho ungaziwa, nto leyo enokukwenza ungabi nazintloni.e Sekunjalo, kukho enye ingozi ofanele uyazi.

Ekubeni kwi-Internet uncokola nabantu abangakwaziyo, usenokuzibona sele ufuna ukukhohlisa. UAbigail uthi: “Bendidla ngokuqalisa incoko nabantu abathile ndize ndizenze omnye umntu ukuze ndamkeleke kubo.” NjengoAbigail, nawe usenokufuna ukuzenza mntu wumbi ukuze wamkeleke kubantu oncokola nabo kwi-Internet. Usenokusebenzisa intetho abayisebenzisayo okanye ube nomdla kwizinto abazithandayo ukuze uzakhele abahlobo abatsha. Kanti usenokuyibona le ndlela yokuncokola njengethuba lokuvakalisa uluvo lwakho nendlela ovakalelwa ngayo ocinga ukuba abazali okanye abahlobo bakho abasayi kuyamkela. Enoba sekutheni, likho iqela oza kulikhohlisa. Ngokuzenza umntu ongenguye kwikhompyutha, uyabakhohlisa abo bantu uncokola nabo. Kanti, ukuba abantu bakowenu okanye abahlobo bakho akubaxeleli eyona ndlela uvakalelwa ngayo nezinto ozicingayo, nabo uyabakhohlisa.

Nangona eli jelo lokuncokola kwi-Internet liyinto yamvanje, utyekelo lwabantu lokuxoka nokukhohlisa yinto eyaqala mandulo. IBhayibhile ityhila ukuba ixoki lokuqala, uSathana uMtyholi, nguye oweza necebo elisetyenziswa ngabantu abathile abancokola kwi-Internet. Wazenza mntu wumbi ngaphambi kokuba athethe ubuxoki bokuqala. (Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9, 10) Unokukuphepha ukukhohliswa ngamaxoki ngokulandela umzekelo kaDavide. Wathi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.”—INdumiso 26:4.

Njengokuba kuphawulwe ngaphambilana, ukuncokola kwi-Internet kusenokuba luncedo. Sekunjalo, abantu abaselula abafun’ ukukholisa uYehova bafanele balumke gqitha xa besebenzisa le ndlela yamvanje yokufumana inkcazelo ethile. Ukuba ufuna ukuyisebenzisa, njengakumsebenzi wakho wesikolo, cela abazali bakho okanye omnye umntu oqolileyo ukuba ahlale nawe xa usebenzisa i-Internet. Kwinqaku elilandelayo kuza kuthethwa ngokubanzi ngezizathu ezingakumbi ezibini zokuba ufanele ulumke xa uncokola kwi-Internet. Kwakhona kuya kuthethwa ngendlela onokuzisingatha ngayo iingxaki ezithile ezinokuvela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama atshintshiwe.

b Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo inamacebiso aluncedo gqitha asekelwe eBhayibhileni ngokuphathelele isini ngaphambi komtshato, ukuphulula amaphambili neminye imibandela.

c Amajelo athile eInternet ekuthiwa ngawabantu abadala amele ukuba avulela nje kuphela abantu abangaphezu kweminyaka ethile. Ngokuqhelekileyo kungenxa yokuba izinto ekuthethwa ngazo nemifanekiso ibonisa amanyala. Noko ke, uhlolisiso olwenziweyo lubonise ukuba abantwana abaneminyaka esithoba ubudala bayakwazi ukuwavula la majelo abantu abadala.

d Nangona esenokuzenza indoda okanye ibhinqa, enyanisweni umntu oncokola naye usenokuba naye uyindoda okanye ibhinqa njengawe ekubeni ungakwazi ukuqiniseka ngomntu oncokola naye kwi-Internet.

e Incwadi ethi A Parent’s Guide to Internet Safety ikhuthaza ukuba abantu abasebenzisa i-Internet bangaze bawachaze amagama abo, iadresi yabo okanye inombolo yefowuni kubantu abangabaziyo!

[Umfanekiso okwiphepha 14, 15]

Ukuncokola kwi-Internet kusenokuba yingozi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share