Ngaba Siya Kuba Nekamva Eliqaqambileyo?
Abantu baba nomdla kakhulu xa kuthethwa ngekamva. Sonke siyafun’ ukwazi ukuba siza kube sisenza ntoni kwinyanga ezayo, kulo nyak’ uzayo, okanye kwiminyaka elishumi ukususela ngoku. Xa sikhangela zonke iinkalo zobomi, kwiminyaka eli-10, engama-20 okanye engama-30 ezayo liza kube linjani eli hlabathi?
NGABA uba nethemba xa ucinga ngekamva? Abantu abaninzi banalo, yaye aba bantu basenokuba ngamaqela amabini: abo banezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba izinto ziza kuba bhetele, nabo basuka nje bathi, ithemba alidanisi.
Kakade ke, abanye abantu abacingi nokucinga ngekamva elonwabisayo. Abanye bacinga ukuba wonke lo Mhlaba uza kutshatyalaliswa. Bathi, ukuba baya kubakho abasindayo, baya kuba mbalwa gqitha.
Wena ucinga ukuba ikamva lisiphathele ntoni? Ngaba ucinga ukuba lo Mhlaba uya kutshatyalaliswa okanye siya kuphila kuwo siseluxolweni yaye sikhuselekile? Ukuba ulindele ukuba siya kube siseluxolweni yaye sikhuselekile, ithemba onalo lisekelwe entwenini—kumnqweno nje okanye kubungqina obubambekayo?
Ngokungafaniyo nabo bathi kuza kutshatyalaliswa, abapapashi bakaVukani! abakholelwa ekubeni umhlaba uza kutshabalala. Kunoko, iBhayibhile isinika isizathu esivakalayo sokukholelwa ukuba siya kuba nekamva elivuyisayo.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 5]
U.S. Department of Energy photograph