“Ukuvalelwa Entolongweni Ngenxa Yokholo Lwabo”
NGUMBHALI KAVUKANI! EPOLAND
AMAGAMA athi Arbeit Macht Frei (Umsebenzi Uyakhulula) asafumaneka nanamhlanje kumasango entsimbi enkampu yoxinaniso yaseAuschwitz, emazantsi asePoland, kwiikhilomitha ezinokuba ngama-60 ukusuka kwimida yaseCzech.a Noko ke, loo mazwi akavumelani nakancinane nento eyenzekayo kwinkoliso yabantu abangena kuloo masango kwiminyaka ephakathi kweyee-1940 neyee-1945. AmaNazi abulala abantu abangaphezu kwesigidi eAuschwitz kuloo minyaka. Noko ke, abantu belinye iqela ngebabekhululiwe nangaliphi na ixesha.
Kwakufuneka benze ntoni aba ukuze bakhululwe? Naliphi na ibanjwa eliliNgqina likaYehova elityobele lisithi alisayi kuphinda libe liNgqina lalinokukhululwa. AmaNgqina amaninzi enza ntoni? Umbhali-mbali uIstván Deák uthi amaNgqina “ayenjengamaKristu okuqala awaxolela ukutyiwa ziingonyama kunokubingelela kumlawuli wamaRoma.” Isenzo esinjengesi sifanele sikhunjulwe, yaye yiloo nto kanye eyenzekayo.
Kangangeenyanga ezimbini, ukususela ngoSeptemba 21, 2004, iholo enkulu yaseAuschwitz-Birkenau State Museum yayinomboniso owenzelwe amaNgqina ngokukhethekileyo. Lo mboniso wawunomxholo ofanelekileyo owawusithi “Basentolongweni Ngenxa Yokholo Lwabo—AmaNgqina KaYehova Nomkhosi WamaNazi.” Kulo mboniso kwakukho iibhodi ezingama-27 ezazibonisa isigqibo esomeleleyo esenziwa ngamaNgqina sokuhlala engathabath’ icala ngenxa yokuba engamaKristu ebudeni bokulawula kwamaNazi.
Iindwendwe ezininzi zazichukumisekile kukubona umbhalo okhutshelweyo weleta eyayithunyelwe nguDeliana Rademakers waseNetherlands ngoxa wayesentolongweni. Ebhalela intsapho yakowabo, wathi: “Ndenze isifungo sokwenza ukuthanda kukaYehova. . . . Yibani nenkalipho nize ningoyiki. UYehova unathi.” Ngowe-1942, uDeliana wagxothelwa eAuschwitz, apho wafela khona kwixesha elingaphantsi kweeveki ezintathu efikile.
EAuschwitz kwakukho amaNgqina anokuba ngama-400. Amathathu awasindayo ayekho xa kwakuqaliswa lo mboniso, yaye abalisa oko kwenzekayo, ephendula nemibuzo yeentatheli. La maNgqina ayesabonakalisa inkalipho eyawenza akwazi ukuxhathisa iimeko ezimbi zasezinkampini.
Kwincwadi yakhe ethi Imprisoned for Their Faith—Jehovah’s Witnesses in Auschwitz Concentration Camp, umphengululi uTeresa Wontor-Cichy osebenza kwiState Museum wathi: “Ukuzimisela kweli qela lincinane kwaba nempembelelo nakwamanye amabanjwa, ukungavumi kwawo suku ngalunye ukunikezela kwawomeleza namanye amabanjwa ukuba ahlale eqinisekile ukuba enoba umntu ujamelene naziphi na iimeko unokuhlala ethembekile kwimigaqo ayikholelwayo.”
Inyaniso ikukuba, ukubanjwa nokubulawa asinto intsha kubalandeli bakaYesu Kristu, naye owabanjwa waza wabulawa ngenxa yokholo lwakhe. (Luka 22:54; 23:32, 33) Nompostile kaYesu uYakobi wabulawa. Umpostile uPetros wabanjwa, yena umpostile uPawulos wabethwa waza wabanjwa izihlandlo eziliqela.—IZenzo 12:2, 5; 16:22-25; 2 Korinte 11:23.
Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova eYurophu aba ngumzekelo omhle wokholo kuThixo ngeminyaka yee-1930 neyee-1940. Incomeka gqitha into yokuba ukholo lwaba bantu luye lwaxatyiswa gqitha eAuschwitz.
[Umbhalo osemazantsi]
a IAuschwitz yayinamacandelo amathathu—iAuschwitz I (inkampu enkulu), iAuschwitz II (eBirkenau), neAuschwitz III (eMonowitz). Awona magumbi adume kakubi egesi erhaxayo ngawaseBirkenau.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abantu abathathu abaye basinda eAuschwitz babambe ibhodi yomboniso
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
UDeliana Rademakers, neleta awayibhala ngoxa wayesentolongweni
[Inkcazelo]
Imifanekiso ephakathi kweminye: Zdjęcie: Archiwum Państwowego Muzeum Auschwitz-Birkenau
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Tower: Dzięki uprzejmości Państwowego Muzeum Auschwitz-Birkenau