Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Ukunceda Ulutsha Oluneengxaki (Aprili 8, 2005) La manqaku aye aluncedo gqitha. Maxa wambi, ukuba kwishumi elivisayo kunzima, kodwa ukufumana amanqaku akhuthaza ngale ndlela kwenza kungabi nzima kangako. Le yinkcazelo kanye esiyifunayo ukuze isikhuthaze kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” (2 Timoti 3:1) Amazwi okusikhumbuza afumaneka kula manqaku aya kusinceda singabanjiswa ‘ngamaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:11) Sibamba ngazibini ngokufumana ukudla kokomoya ngexesha elifanelekileyo.
K. S., United States
Ukuba Nekhaya Elicocekileyo—Igalelo Esinalo (Juni 8, 2005) Ukukhula kwam, utata nomama babephangela yaye thina singabantwana abathathu sasisoloko sidlala endlwini. Sasiyingcolisa indlu ibe ngathi yihoko yeehagu. Nanamhlanj’ oku, andikuthandi ukucoca indlu. Kodwa ukufunda eli nqaku kube ngathi umama ebendifundisa ukucoca. Ngoku ndinabantwana abakhulileyo, ibe nabo abakuthandi ukucoca. Kufuneka ndibafundise izinto ezininzi. Lindikhuthazile eli nqaku.
Y. E., Japan
Impinda Yentsapho (Meyi 8, 2005 kuVukani! wesiNgesi) Ndathi ndakubona eli nqaku, zehl’ iinyembezi. Ndalibonisa intombi yam. Yandixelela ukuba sele ilifundile eli nqaku elithetha ngongqabe owenzakalayo yaye iye yayiphendula yomibini imibuzo kwindawo ethi “Impinda Yentsapho.”
L. S., United States
Amathala Eencwadi—Indlela Yokufumana Ulwazi (UVukani! wesiNgesi kaMeyi 22, 2005) Ndicela ukunazisa ukuba umfanekiso okwiphepha 18 awuchananga xa usithi lo nguKumkani uAshurbanipal waseAsiriya. Enyanisweni, lo ngumfanekiso kaKumkani uEsar-hadon waseAsiriya.
A. W., Jamani
Impendulo ka-“Vukani!”: Enkosi ngokukukhankanya oku. Njengokuba kuchaziwe kwintyilalwazi yeBhayibhile ethi “Insight on the Scriptures,” uMqulu 1, iphepha 757, uEsar-hadon wayengunyana omncinane nelandela likaKumkani waseAsiriya uSenaribhe.a
Ikhalenda Ebalaseleyo YamaMaya (UVukani! wesiNgesi ka-Aprili 8, 2005) Eli nqaku landikhuthaza ukuba ndiphande kwi-Internet. Ndafumanisa ukuba kukho unxibelelwano phakathi kwekhalenda yamaMaya nenzululwazi ngeenkwenkwezi. Ndicinga ukuba ukupapasha amanqaku anjengala kusenokubangela abanye babe nomdla ekujongeni iinkwenkwezi nemilingo.
J. K., Poland
Impendulo ka-“Vukani!”: Njengokuba kuchaziwe kwiphepha 4 lika-“Vukani!” lo lindixesha “uchaza iindaba, ubalisa ngabantu abakumazwe amaninzi, uhlolisisa unqulo nenzululwazi.” Oku akuthethi kuthi sikhuthaza yonke into eyenzekayo kwezi nkalo. Kweli nqaku lifutshane uthetha ngalo, siye sachaza nje into eyayisenziwa ngamaMaya mandulo, awayebala ixesha ngobuchule obanceda ekuvelisweni kwekhalenda echanileyo. Ukuba le khalenda yayisetyenziswe ekuvumiseni—nto leyo ekhankanywayo kweli nqaku—ayifanele ikhuthaze abafundi ukuba babe nomdla kwinzululwazi yokuvumisa ngeenkwenkwezi.
Maxa wambi sibuzwa ngemifanekiso esetyenziswa kwiimpapasho zethu. Imifanekiso yezithixo, imiqondiso yonqulo, okanye izinto ezinokuthanani nokusebenzelana nemimoya ayifakwa ngenjongo yokuvus’ umdla kodwa ukwazisa abantu ngezi zinto nokulumkisa abafundi ukuze bangabi nanxaxheba kuzo. Abanye baye bawabulela amanqaku nemifanekiso esiyisebenzisayo besithi ibancedile.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.