Wonk’ Umntu Ufuna Ukuba Ngumqabaqaba!
KWIMINYAKA engaphezu kwama-2 700 eyadlulayo, umprofeti othile wathetha ngexesha xa ukugula kuya kube kungasekho. Eso siprofeto siye salondolozwa de kwanamhlanje yaye sifumaneka kwincwadi yamandulo kaIsaya. Lo mprofeti wabhala wathi: “Akukho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula,’” wongezelela ngokuthi: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 33:24; 35:5, 6) Zikho nezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngekamva elinjalo. Ngokomzekelo, incwadi yokugqibela yeBhayibhile, iSityhilelo, ichaza ixesha uThixo aya kuphelisa ngalo iintlungu.—ISityhilelo 21:4.
Ngaba ziya kuzaliseka ezi zithembiso? Ngaba kuseza ixesha apho abantu baya kuba yimiqabaqaba kuze kuphele ukugula? Ewe kona, abantu namhlanje banempilo ebhetele kunaxa kuthelekiswa nezizukulwana zangaphambili. Kodwa ukuba bhetele akuthethi kuthi akubikwa hlaba. Ukugula kuseyintsinda badala nanamhlanje. Ukucinga nje ngokugula kuyabaxhalabisa abanye. Nakuba siphila kule minyaka yempucuko, intw’ embi kukuba akukho namnye unokukuphepha ukugula ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni.
Imali Oyihlawulayo
Ukugula kuluxanduva ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Eny’ into eyenza abantu baxhalabe namhlanje yimali abayihlawula ngenxa yokugula. Ngokomzekelo, kunyaka wakutshanje eYurophu, kuye akwasetyenzwa iintsuku ezizizigidi ezingama-500 ngenxa yokugula. Nakwezinye iindawo kukho ingxaki efanayo. Ukungasebenzi kakuhle, nokuxhoma kwamaxabiso empilo ephucukileyo, kuzisa uxinezeleko lwezoqoqosho ebantwini. Urhulumente uyachaphazeleka ndawonye nezoshishino. Ukuze bazikhulule kule ngxubakaxaka, abezoshishino norhulumente baphakamisa amaxabiso ezinto, norhulumente kwelakhe icala unyusa irhafu. Ngubani ohlawulayo emva koko? Nguwe kanye!
Okulusizi kukuba amahlwempu, kunzima ukuba afumane unyango olusemgangathweni, ukuba phofu uyalufumana. Le yeyona nto ithwaxa abantu abaninzi kumazwe asakhasayo. Kula mazwe, abantu abaninzi abalufumani unyango oluphucukileyo okanye akukho kwaolo nyango. Koko kanye kwehlela abantu baseMerika abazizigidi ezingama-46 kuba nje bengenayo i-inshorensi.
Kodwa ke, ukugula kukhatshwa zezinye iingxaki. Eyona ngxaki ngokugula sisifo esinganyangekiyo, ukunyamezela isifo esikuthe mbende, intlungu yokubona abanye abagulel’ ukufa nokufelwa zizalamane nabahlobo.
Ithemba lokuphila kwihlabathi elingenako ukugula ziindaba ezimnandi ngokwenene. Ihlabathi lifuna impilo esemgangathweni! Abanye bakholelwa ukuba, nakuba oku kufana nephupha, likho ithemba. Kukho abantu abacinga ukuba ubugcisa babantu bunokususa neengcambu izifo nokugula. Kwelinye icala, abo banokholo eBhayibhileni bakholelwa ukuba uThixo uya kuzalisekisa iziprofeto zakhe zamandulo ngehlabathi elingenakugula. Ngaba umntu unokukuphelisa ukugula? Kuthekani ngoThixo? Kuza kwenzeka ntoni kwikamva?