Imilinganiselo Yokuziphatha Iwohlokile Ehlabathini Lonke
UDAVID Callahan obhale incwadi yakutshanje ethi The Cheating Culture uthi: “Ukuqhatha kukho kuyo yonke indawo.” Ubala ezinye izinto abaye baqhathe kuzo abantu baseUnited States esithi: “Abantwana besikolo bayaqhatha kumabanga abo aphezulu nasekholeji,” “ukwenza ikopi yomculo orekhodiweyo neyomfanekiso oshukumayo,” “ukwenza enye into ngexesha lomsebenzi okanye ukuba izixhobo zasemsebenzini,” “ukuthengisa amayeza ngokungekho mthethweni ukuze ufumane imali,” nabadlali abasebenzisa iisteroids. Ugqiba ngelithi: “Xa ubala zonke iindlela zokuziphatha, siphawula ukuba imilinganiselo yokuziphatha iwohlokile.”
INew York Times ithi, isiTshingitshane uKatrina esathwaxa iUnited States ngasekupheleni kowama-2005 savula elona thuba, “lenkqatho engathethekiyo, amaqhinga kadyakalashe nokusetyenziswa kwemali kakubi ngamagosa kukarhulumente kweli xesha lethu.” Ilungu lebhunga laseburhulumenteni laseUnited States lithi: “Ukuqhatha, amaqhinga nokudlala ngemali—kwaphul’ izikeyi.”
Kakade ke, basekho abantu abanobuntu. (IZenzo 27:3; 28:2) Kodwa sisoloko sisiva umntu esithi: “Ndiza kufumana ntoni ngale nto?” Isimo sengqondo sokuba umntu anyamekele izilangazelelo zakhe kuqala singumthetho kwixesha esiphila kulo.
Ngaphambili, ukucinga ngesiqu sakho nokuziphatha okubi ngokwesini kwakungunobangela wokuwohloka kwempucuko, njengobukhosi baseRoma. Ngaba oko kwenzekayo ngoku yingabula-zigcawu yokuthile okubalulekileyo? Ngaba ihlabathi lonke ngoku lasulelwa ‘kukwanda kokuchas’ umthetho,’ iBhayibhile eyakuchaza njengomqondiso wokupheliswa kwale nkqubo yezinto?—Mateyu 24:3-8, 12-14; 2 Timoti 3:1-5.
Ukuwohloka Kwehlabathi Lonke
Inikela ingxelo kwiqela labantu ababesenza uhlolisiso “ngokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini nangemifanekiso engamanyala,” kubantu abahlala ematyotyombeni eUganda, iAfrica News kaJuni 22, 2006, yathi “unobangela wokwanda koonongogo nokusetyenziswa kweziyobisi kulo mmandla kungenxa yokuba abazali ababakhathalele abantwana babo.” Eli phephancwadi lithi: “Umalathisi weChild and Family Protection Unit kwiSikhululo samaPolisa saseKawempe, uMnu. Dhabangi Salongo uthi uye wanda ngendlela eyothusayo umlinganiselo wabantwana abaxhatshazwayo nogonyamelo lwasekhaya.”
Ugqirha wengqondo waseIndiya uthi: “Abantu baye balahla indlela abakhule ngayo.” Omnye umalathisi weefilimu wathi, “ukwanda kwabantu abasebenzisa iziyobisi nokuziphatha okubi ngokwesini ngomnye umqondiso wokuba i-Indiya iphila ngemilinganiselo ewohlokileyo ‘yaseYurophu neyakuMntla Merika.’”
UHu Peicheng, unobhala jikelele weChina Sexology Association in Beijing wathi: “Ngaphambili, abantu babekade beyazi into efanelekileyo nento ephosakeleyo. Kodwa ngoku abantu benza nantoni na abafuna ukuyenza.” Inqaku elikwiphephancwadi iChina Today likubeka ngale ndlela oku: “Abantu bayiqhwabel’ izandla ukukrexeza.”
Kutshanje iEngland’s Yorkshire Post ithi: “Nokuba kubhengezwa ntoni kumabonwakude, kusoloko kuboniswa abantu abahamba ze. Malunga nesizukulwana nje esidluleyo ukwenza loo nto kwakuza kubakhubekisa abantu. Namhlanje ixhaphakile imifanekiso ebonisa amanyala yaye yamkelekile ekuhlaleni.” Eli phephancwadi longezelela lisithi: “Iincwadi, amaphephancwadi neefilimu ezazijongwa njengezifanele abantu abangaphezu kweminyaka eli-18 ubudala, ngoku zibukelwa yintsapho nje yonke, yaye abantu abayichasileyo imifanekiso engamanyala bathi le mifanekiso ijoliswe kubantwana.”
IThe New York Times Magazine ithi: “[Abanye abakwishumi elivisayo] bathetha [ngokuba neentlobano zesini kwabo] ngokungathi bathetha ngohlobo lokutya abaza kukutya.” Isihlomelo sabazali esiya kubantwana abaneminyaka esi-8 ukusa kwabaneminyaka eli-12 ubudala esikwiTweens News sithi: “Isabhala amarhoqololo, enye intombazana eselula yabhala amazwi abangel’ intliziyo ebuhlungu isithi: ‘UMama uyandinyanzela ukuba ndithandane ndize ndibe neentlobano zesini. Ndineminyaka nje eli-12 ubudala . . . ndincedeni!’”
Amaxesha ngamanye! IToronto Star yaseKhanada ithi “ukuhlalisana kwamafanasini kwakukade kujongwa njengehlazo.” Kanti, uBarbara Freemen umhloli wembali yezentlalo kwiYunivesithi iCarleton, eOttawa uthi: “Ngoku abantu bathi, ‘Oxhel’ eyakhe akabuzwa. Asibafuni ogqada-mbekweni ebomini babanye abantu.’”
Licacile elokuba ebudeni bale minyaka imbalwa ilishumi idluleyo, imilinganiselo yokuziphatha iye yawohloka kwiindawo ezininzi ehlabathini. Yintoni unobangela woko? Uvakalelwa njani wena ngolu tshintsho? Olu tshintsho luthetha ntoni ngekamva?