Abantwana Abasebenzisa I-Internet—Oko Kunokwenziwa Ngabazali
NJENGOMZALI, yiyiphi eyona nto inokukukhathaza kakhulu—kukwazi ukuba unyana okanye intombi yakho inezitshixo zemoto okanye kukwazi ukuba inokuvula naliphi na ijelo kwi-Internet? Zombini ezi zinto zinokuba yingozi. Kuzo zombini ezi meko, umntwana kufuneka azingqine enokuthenjwa. Abazali abanakubalela kuphele abantwana babo ukuba baqhube imoto, kodwa bamele baqiniseke ukuba bafundiswe ukuqhuba kakuhle. Ngokufanayo, abazali abaninzi bafundisa abantwana babo ukuphepha izinto eziyingozi xa besebenzisa i-Internet. Le migaqo yeBhayibhile inokubanceda.
“Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi.” (IMizekeliso 13:16) Abazali abanabantwana abasebenzisa i-Internet bamele bayazi indlela esebenza ngayo, babazi nabantu abathumelelana nabo imiyalezo, okanye nantoni na enye abayenzayo kwi-Internet. UMarshay, unina wabantwana ababini uthi: “Musa ukucinga ukuba umdala gqitha okanye akunakukwazi ukusebenzisa i-Internet kuba ungafundanga. Funda izinto zobugcisa.”
“Umele ulwenzele ungqameko uphahla lwakho [olusicaba], ukuze ungazisi tyala lagazi endlwini yakho xa athe wawa owayo kuyo.” (Duteronomi 22:8) Abantu abahlela amajelo neenkqubo zeInternet baye balungiselele ukuba kubekho iinkqubo ezifana “nongqameko” ezinokusetyenziswa ngabazali xa befuna ukuthintela abantwana ukuba bangavuli kumajelo athile ayingozi. Ezinye iinkqubo zinokubangela ukuba abantwana bangakwazi ukufaka iinkcukacha zabo, njengamagama okanye iiadresi zabo. Noko ke, aninakukwazi ukuthintela zonke izinto eziyingozi. Kwakhona, abantwana abaziincutshe kwizinto zekhompyutha bayakwazi ukuvula iisite ezivaliweyo.
“Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Uhlolisiso olwenziwe eUnited Kingdom lubonisa ukuba kubantwana abaneminyaka esi-9 ukusa kweli-19 ubudala, umntwana om-1 kwaba-5 usebenzisa i-Internet kwigumbi lakhe lokulala. Xa ikhompyutha ikwindawo enokubonwa ngumntu wonke ekhaya, abazali bayakwazi ukuyibona into eyenziwa ngabantwana babo kwi-Internet yaye banokukwazi ukubakhuthaza ukuba bangavuli iisite ezingafanelekanga.
“Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efese 5:15, 16) Misela ixesha abantwana abanokuyivula ngalo i-Internet, neesite abanokuzivula nabangafanele bazivule. Babekele imilinganiselo abantwana bakho uze uqiniseke ukuba bayayiqonda kakuhle.
Liyinyaniso elokuba, xa abantwana bengekho sekhaya awunakuyibona into abayenzayo. Ngoko ke, kubalulekile ukubethelela imigaqo efanelekileyo ebantwaneni ukuze benze izigqibo zobulumko xa bengekho phambi kwakho.a (Filipi 2:12) Bacacisele kakuhle ngento eya kwenzeka xa bethe bayityeshela imithetho oyibekileyo ngokuphathelele indlela yokusebenzisa i-Internet. Bambelela kuloo mithetho uyibekileyo.
“[Umama onenyameko] uyayondela ihambo yendlu yakhe.” (IMizekeliso 31:27) Babek’ esweni abantwana bakho xa besebenzisa i-Internet yaye musa ukubafihlela ukuba uza kuzihlola izinto abazivulayo. Xa usenza oku, akuthethi ukuba ufak’ impumlo kwimicimbi yabo yobuqu. Khumbula ukuba i-Internet isetyenziswa nguwonke-wonke. IFederal Bureau of Investigation yaseUnited States ikhuthaza abazali ukuba bajonge indlela abantwana babo abayisebenzisa ngayo i-Internet.
“Amandla okucinga aya kukulinda, ukuqonda kuya kukulondoloza, ukuze kukuhlangule endleleni embi, emntwini othetha izinto ezigwenxa.” (IMizekeliso 2:11, 12) Ukuhlola kwabazali amajelo avulwa ngabantwana babo kwi-Internet akunakuyicombulula ngokupheleleyo le ngxaki. Yimigaqo obafundisa yona—nomzekelo owumiselayo—eya kubakhusela ngokupheleleyo. Ngoko ziphe ixesha elaneleyo lokuxubusha nabantwana bakho ngeengozi zeInternet. Eyona ndlela onokubakhusela ngayo kwezi ngozi kukuncokola ngokukhululekileyo nabo. UTom, utata ongumKristu uthi: “Saxelela oonyana bethu ababini ukuba kwi-Internet kukho abantu ‘abangalunganga.’ Sabacacisela nokuba xa kuthethwa ngemifanekiso engamanyala kuthethwa ngantoni nesizathu sokuba bangayibukeli, yaye sabaxelela nokuba bangancokoli nabantu abangabaziyo.”
Unokubakhusela Abantwana Bakho
Ukukhusela abantwana bakho kwiingozi zeInternet kufuna umgudu, yaye amaziko onxibelelwano e-elektroniki aguquguquka rhoqo. Iindlela ezintsha zobugcisa zinokuba yingenelo ngeyona ndlela yaye zinokubeka abantwana kwingozi engathethekiyo. Abazali banokubaxhobisa njani abantwana babo ukuze bakhuseleke kwezi ngozi? IBhayibhile ithi: “Ubulumko buyakhusela njengokuba nemali ikhusela.”—INtshumayeli 7:12.
Lumkisa abantwana bakho. Bancede bayisebenzisele izinto ezibalulekileyo i-Internet, bayazi nendlela yokuphepha iingozi zayo. Ngaloo ndlela, i-Internet inokuba luncedo kubantwana bakho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Abazali bamele bangalibali ukuba ulutsha lunokuyivula i-Internet kwiicell phone, nakwabanye oomatshini abancinane.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
EUnited Kingdom, ulutsha olungama-57 ekhulwini oluneminyaka esi-9 ukusa kweli-19 ubudala olusebenzisa i-Internet veki nganye, luye lwabona imifanekiso engamanyala; noko ke, bali-16 ekhulwini kuphela abazali abacinga ukuba abantwana babo baye bayibona le mifanekiso
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
Iingcali zithi suku ngalunye, kubakho abaxhaphazi abamalunga nama-750 000 abasebenzisa i-Internet
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
EUnited States, ulutsha olungama-93 ekhulwini oluneminyaka eli-12 ukusa kweli-17 ubudala lusebenzisa i-Internet
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Ngaba uyamfundisa umntwana wakho ukuba angayisebenzisi kakubi i-Internet?