Ukuthandwa Kwepizza
NGUMBHALI KAVUKANI! EITALI
UKUMKANI uFerdinand I (owayephila ngowe-1751-1825) wazifihla ukuba ungukumkani waya kwindawo yamahlwempu eNaples. Kwakutheni ukuze azifihle? Kuthiwa wayefuna ukutya into ukumkanikazi awayengafuni kuziwe nayo ebhotwe—ipizza.
Ukuba uFerdinand ebesaphila namhlanje ebeza kuyifumana lula ipizza. Ngoku kukho malunga nama-30 000 eevenkile zokutyela ezithengisa ipizza eItali, yaye nyaka ngamnye kwenziwa iipizza ezininzi kangangokuba kunokunikwa mntu ngamnye iipizza ezingama-45.
Imvelaphi Yayo
Kusenokwenzeka ukuba ipizza yaqaliswa ukwenziwa eNaples malunga nowe-1720. Ngelo xesha, yayikukutya kwamahlwempu, yaye yayithengiswa ize ityelwe ngaphandle. Abathengisi bayo babehamba bekhwaza beyithengisa ezitratweni. Le pizza yayigcinwa ishushu ngokufakwa kwiscudo, isitya sobhedu esasithwalwa entloko.
Ekugqibeleni uKumkani uFerdinand I wachaza ebhotwe ukuba uyayithanda ipizza. Kamva, yathandwa nazizidwangube, kangangokuba zazizala kwiivenkile ezithengisa ipizza. UKumkani uFerdinand II, umzukulwana kaFerdinand, wade wakha ionti kumyezo waseCapodimonte Palace ngowe-1832. Ngaloo ndlela, wayekwazi ukonwabisa iindwendwe zakhe ezibekekileyo.
Ipizza—Ngaba Inesondlo?
Namhlanje, ipizza ithandwa kakhulu ngabantu abasebatsha, kodwa bamele balumke. Ukuze ibe nesondlo, ipizza imele yenziwe ngezinto eziyimpilo eziquka iicarbohydrate, iiprotini, kunye namafutha aneevithamini, iimineral kunye neeamino acid. Ipizza ifanele yenziwe ngeolive oil. Inceda umzimba uvelise iHDL, “uhlobo lwecholesterol ecoca imithambo.”
Ngapha koko, xa ipizza ivuthwe kakuhle, akubi nzima ukuba icoleke esiswini. Enye into ebangela oku, kukuba ukuxovwa nokunyuka kwentlama kubangela kubekho iicarbohydrate. Iicarbohydrate zibangela ukuba umntu ahluthe ngokukhawuleza, nto leyo ibangela ukuba angatyi kakhulu.
Xa uphinda usitya ipizza, khumbula apho yaqala khona ukwenziwa. Vuya kuba uKumkani uFerdinand I engazange azifihle ukuba uyayithanda ipizza.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]
◼ Ipizza iba mnandi xa yenziwe eontini. Umsi uyenza inuke kamnandi, ngoxa amalahle eyenza ibe nencasa.
◼ Ngowe-1990 kwenziwa eyona pizza yakha yankulu ehlabathini lonke. Yayiziimitha ezingama-37 ubude, yaye yayingaphezu kweekhilogram ezili-12 000 ubunzima!
◼ Ukuphoswa phezulu kwentlama yepizza, akwenzelwa nje ukutsala amehlo. Kwenza intlama ibe sicaba yaye ikhukhumale kancinci emacaleni—kuze kube lula ukwenza ipizza!
[Umfanekiso okwiphepha 26]