IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/09 iphe. 22-23
  • Incwadi Yam Encinane Epinki

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi Yam Encinane Epinki
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • “Emlonyeni Weentsana”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imibuzo Emithathu Eyatshintsha Ubomi Bam
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngaba Wakha Walibona Ichibi Elipinki?
    Vukani!—2005
  • Iimbalasane zonyaka odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2007
Vukani!—2009
g 3/09 iphe. 22-23

Incwadi Yam Encinane Epinki

Kubalisa uCynthia Newell

XA NDANDINEMINYAKA esixhenxe ubudala, intombazana esasikhwela nayo ibhasi xa sisiya esikolweni eShreveport, eLouisiana, eUnited States, yandibonisa incwadi encinane epinki ethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu. Yathi yayiza kundinika ngama-50 eesenti. Ngoko yafika ekhaya, saza sabala sobabini iipeni ezingama-50.

Ndandiyithanda ngokwenene le ncwadi encinane epinki. Kamsinya nje emva kokuba ndiyifumene, ndagula ndaza ndalala esibhedlele. Ukuze indithuthuzele, intsapho yakowethu yayindifundela le ncwadi yam endandiyithanda. Njengoko ndandikhula, ndandingayifundi kakhulu, ekubeni yayenzelwe ngokukhethekileyo abantwana. Le ncwadi yandifundisa izinto ezibalulekileyo, kodwa ndandifuna ukuqonda izinto ezingakumbi. Ndagqiba kwelokuba ndiye kwiicawa ezahlukahlukeneyo veki nganye ukuze ndifumane iimpendulo zemibuzo yeBhayibhile endandinayo. Noko ke, andizange ndizifumane iimpendulo ezanelisayo.

Xa ndandifunda kumabanga aphakamileyo, unqulo lwalungasabalulekanga kum, nangona ndandisafuna ulwazi olungakumbi lweBhayibhile yaye ndiyifunda rhoqo. Ngolunye usuku ndaphawula ukuba omnye endandifunda naye akazange akhahlel’ indwe. Ndambuza ngako oko, waza wathi, “Sele ndizinikele kuYehova, ngoko ndinokuzinikela njani kuThixo nakwindwe ngexesh’ elinye?” Kwakusengqiqweni oko! ‘Kodwa ngubani uYehova?’ Ndazibuza.

Kwimibuzo endandimbuza yona lo mntwana endandifunda naye wayendiphendula ngokusuka eBhayibhileni. Ndazibuza: ‘Wayezifunde phi zonke ezi zinto? Siyalingana ngeminyaka, kodwa wayesazi yonke into eBhayibhileni!’ Waphendula wathi, “Ndifunda ngeBhayibhile kwiHolo yoBukumkani.” Ndasamkela isimemo sakhe sokuya ezintlanganisweni ngeCawa. Ndazihamba zonke iicawa kule dolophu, kodwa andizange ndiye kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Ngaloo Cawa ndaqonda ukuba ndiyifumene indawo efundisa inyaniso yeBhayibhile.

Emva kwaloo ntlanganiso, ndaya kwikhawuntara yeencwadi, yaye phezu kwethala kwakukho incwadi yam encinane epinki! Kwakudlule iminyaka elishumi ndiyifumene le ncwadi kulaa ntombazana ndandikhwele nayo ibhasi, yaye ndandisele ndiyilibele ukuba yayingubani. Kodwa ndakhumbula ukuba ikwayilaa ntombazana, uNancy, eyayindimemele ezintlanganisweni!

Emva koko, ndaqalisa ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile veki nganye yaye ndenza inkqubela ngokukhawuleza. Ndandifunde okuninzi kwincwadi yam encinane epinki kangangokuba ulwazi endalufumana kwisifundo seBhayibhile ndaluqonda ngokukhawuleza. Ngokukhawuleza ndazinikezela kuYehova ndaza ndabhaptizwa ngowe-1985, ndineminyaka eli-18 ubudala. Ngelo xesha, uNancy wayefudukele eFlorida, yaye sasingasanxibelelani.

Emva kweminyaka eliqela, ndatshata. Ngowe-1991 mna nomyeni wam, uDrew, saqalisa ukukhonza njengabalungiseleli bexesha elizeleyo njengoovulindlela kwidolophu encinane kwimpuma yeTexas. Kodwa kwenzeka ntoni kuNancy? Ndandingazi nto kwaphela. Ngobunye ubusuku, ngoxa ndandifunda IMboniselo kaDisemba 1, 1992, ndakhwaza ndisithi: “Ndimfumene uNancy! Ndimfumene uNancy!” Wayekwifoto yakutshanje yababephumelele kwisikolo saseGiliyadi. Yena nomyeni wakhe, uNick Simonelli, bathunyelwa e-Ecuador, eMzantsi Merika.

Ngowama-2006 mna nomyeni wam safaka isicelo sokuba ngamatsha-ntliziyo kumsebenzi wokwakha wezizwe ngezizwe wamaNgqina kaYehova. Hayi indlela esavuya ngayo ukuva ukuba isabelo sethu sokuqala sasikwisebe lase-Ecuador elalisakhiwa! Kusuku lwam lokuqala kwisebe lase-Ecuador, ndadibana noNancy! Ngolo suku wayetyelele nje apho. Sabonana saza sawolana—sisobabini kwakhona, emva kweminyaka engama-32 ndifumene incwadi yam encinane epinki! Hayi indlela endinombulelo ngayo kuYehova ngaloo ncwadi nangentombazana encinane eyandinika yona!

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 23]

ZIYE ZACHUKUMISA IZIGIDI ZABANTU

Ngowama-2003, kwahlaziywa ngokutsha incwadi ethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu, ekubeni yayipapashwe kwiminyaka engama-32 eyadlulayo. Ngoku inomxholo othi Funda KuMfundisi Omkhulu. Namhlanje kuye kwashicilelwa iinkupho ezingama-65 ezigidi zale ncwadi ethetha ngeemfundiso zikaYesu, ngaphezu kweelwimi ezili-100. Unokuzifumanela eyakho incwadi ethi Ukufunda KuMfundisi Omkhulu kumaNgqina kaYehova kwingingqi ohlala kuyo.

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Imifanekiso emincinane: Xa sasisazana sisengabantwana

UCynthia

UNancy

Ngasemva: Emva kweminyaka eliqela, kwisebe lase-Ecuador,

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share