IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/09 iphe. 30
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ixesha LeKrismesi “Liyonwabisa”?
  • “Izindlu Zokuzala” Zisindisa Ubomi
  • Zihlala Zifika Emva Kwexesha
  • Ukwanda Koqhawulo-mtshato
    Vukani!—1992
  • Ithetha Ntoni IKrisimesi Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Uqhawulo-mtshato Luba Nawo Amaxhoba
    Vukani!—1991
  • Isivuno Esibi Soqhawulo-mtshato
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 4/09 iphe. 30

Okwenzeka Ehlabathini

Kwiminyaka engama-35 ukususela ngowe-1970 ukusa ngowama-2005, ikota yezilwanyana ezinethambo lomqolo—iintlanzi, izilwanyana eziphila emhlabeni nasemanzini, izilwanyana ezirhubuluzayo, iintaka nezilwanyana ezanyisayo—ziye zaphela.—ISÜDDEUTSCHE ZEITUNG, EJAMANI

◼ Ukuze ikwazi ukuhlangabezana nokunyuka kwamaxabiso ngezigidi ezi-2,2 ekhulwini, iZimbabwe yatshintsha amanani emali ayo ngoAgasti 2008. Imali eliphepha eliwaka lezigidi ezili-10 yatshintshwa yaba “yizimdollar” enye.—IAGENCE FRANCE PRESSE, EZIMBABWE.

◼ “Kuye kwanikelwa ingxelo yokuba kudutyulwe abantu abangama-12 000 eUnited States ngowama-2005. Kodwa baninzi gqitha abantu abaye benzakala baza basinda emva kokudutyulwa—phantse abangama-53 000 baye basiwa kumagumbi onyango olungxamisekileyo ngowama-2006.”—ITHE SEATTLE TIMES, EUNITED STATES.

Ngaba Ixesha LeKrismesi “Liyonwabisa”?

ISunday Telegraph yaseSydney ithi, malungu nama-20 ekhulwini amalungiselelo okuqhawula umtshato eOstreliya enziwa kamva nje emva kwexesha leKrismesi noNyaka Omtsha. UBarry Frakes, oligqwetha loqhawulo-mtshato, uthi: “Sibona abantu abaninzi besilwa okanye bexabana yaye begaleleka kwiiofisi zethu ukuvula nje kwethu. Abantu balindele ukuba ixesha leKrismesi liza kufana noko bakubona kwiinkqubo zikamabonwakude nakwizibhengezo zentengiso.” Wongezelela ngelithi, xa oku kungenzeki, bafuna ukuqhawula umtshato. Kodwa ke, uAngela Conway, osisithethi seAustralian Family Association uthi, “uqhawulo-mtshato aluzicombululi iingxaki ekuhambeni kwexesha okanye luzise uxolo nolonwabo abantu abacinga ukuba baza kuba nalo.” Ucebisa ngelithi: “Eyona nto ibhetele kukuhlala emtshatweni wakho uze uzame ukulungisa izinto.”

“Izindlu Zokuzala” Zisindisa Ubomi

IPeru iye yazama ngazo zonke iindlela ukuba kuncitshiswe inani loo mama abafayo xa bebeleka. Ukuze kukhuthazwe amabhinqa kwiidolophu ezincinane zaseAndes ukuba azalele kwiikliniki kunasekhaya, kuye kwavulwa “izindlu zokuzala” ezingama-390 ePeru, kwiminyaka elishumi edluleyo. Ibhinqa elikhulelweyo linokuhlala kwenye yezi zindlu kunye nentsapho yalo—zonke ezikufutshane nekliniki—de libeleke. Ingxelo yeReuters eCuzco ithi, ezi kliniki zenza kube “lula ngakumbi ukufumana unyango.” Enye into ebangela ukuba ezi kliniki zithandwe kukuba zidibanisa “iindlela zokunyanga zakutshanje nezomthonyama,” ezifana “nokuzala umile,” nto leyo “enciphisa ixesha lokubeleka . . . kuze kube lula ngakumbi ngomama ukubona usana lwakhe xa luzalwa kunaxa elele ngomqolo.”

Zihlala Zifika Emva Kwexesha

Ngokutsho kwengxelo ye-2008 U.S. Department of Transportation, ama-30 ekhulwini eenqwelo-moya eUnited States afika kwimizuzu eli-15 emva kwexesha. Eyona efika emva kwexesha nakakhulu, yileyo edla ngokuya eKhalifoniya isuka eTexas, engazange ikhe ilibambe ixesha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share