Okwenzeka Ehlabathini
Ileta ebhalwe nguPopu Benedict XVI ithi: “Kufuneka . . . kulungiswe indlela osebenza ngayo uMbutho Wezizwe Ezimanyeneyo, amaziko ezoqoqosho nawezimali ehlabathini, ukuze into yokumanyana kweentlanga yenzeke ngokoqobo.”—IL’OSSERVATORE ROMANO; akekeliswe ngabo.
“Umntu wesithathu kubemi baseUkraine utshaya ipakethe enye yecuba ngosuku.”—IEXPRESS, YASEUKRAINE.
Angama-44 ekhulwini amakhwenkwe akwishumi elivisayo eUnited States athi “akhe abona ifoto yentombazana afunda nayo eklasini ihamba ze kwi-Internet okanye kwiselfowuni.”—ITIME, YASEUNITED STATES.
Akunyamezeleki
IAssociated Press ithi imfazwe, imbalela, ukungazinzi kwezopolitiko, ukunyuka kwamaxabiso okutya nendlala kwenze abantu abakwazi ukunyamezela. Inani labantu abathwaxwa yindlala lintinge ladlula ngaphaya kwebhiliyoni. UJosette Sheeran weUN World Food Program uthi “liyingozi ihlabathi elinabantu abathwaxwa yindlala. . . . Xa kungekho ukutya abantu banokwenza ezi zinto zintathu zilandelayo: Ukudal’ uqhushululu, ukubalekela kwamanye amazwe okanye ukufa. Akukho noba ibenye kwezi eyamkelekileyo.” Eyona nto imbi kukuba inani labantu abalambayo liyalodlula inani labantu abasehlabathini. Nakumazwe ahambele phambili, inani labantu abangondlekanga linyuke nge-15,4 ekhulwini.
Ukubafundela Ngaphambi Kokuba Balale Kuyanceda
Abazali abafundela abantwana babo ngaphambi kokuba balale abenzeli nje ukubozelisa ukuze balale. Abaphengululi bathi ukwenza oku kuphucula ulwimi lomntwana nokusebenza kwamalungu omzimba kuba bafunda ukubamba izinto, ukutyhila amaphepha kuze kubancede baphucule inkumbulo yabo. Iphephandaba iThe Guardian lona lithi: “Eyona nto ibalulekileyo kukuba, . . . ixesha lokufunda ngokuvakalayo linceda umzali nomntwana ukuba babe nolwalamano oluhle. Oku kwenza ukuba umntwana akuthande ukufunda.” UNjingalwazi uBarry Zuckerman owayesongamela olu phengululo uthi “abantwana baye bafunde ukuzithanda iincwadi kuba babezifundelwa ngabantu ababathandayo.”
Xa Iinkomo Zanelisekile Zivelisa Ubisi Olungakumbi
Isazinzulu saseNewcastle University, eNgilani sithi: “Inkomo ebizwa ngegama ivelisa ubisi olungakumbi kunaleyo ingenalo igama.” Eneneni, umlinganiselo wobisi lwenkomo ephethwe kakuhle uyanda ube ziilitha ezimalunga nama-250 ngonyaka. Ibangelwa yintoni loo nto? UGqr. Catherine Douglas osebenza kwiyunivesithi iSchool of Agriculture, Food and Rural Development uthi: “Kanye njengokuba abantu bekuthanda ukuba kunye nabanye, nayo inkomo iyakhululeka xa kukho umntu oyihoyileyo. Uthi: “Olu hlolisiso lubonisa ukuba le nto kudala isenziwa ngabafuyi abanenkathalo. Ukunikela ingqalelo kwinkomo enye, uyibize ngegama, uman’ udlala nayo ngoxa ikhula akupheleli nje ekubeni uyincede ikhule kakuhle iqhele abantu, kodwa kuyinceda ivelise ubisi olungakumbi.”