Ngaba Uzibekela Usukelo Onokulufikelela?
● Yintoni oyifunayo ebomini? Ngaba uzibekele usukelo onokulufikelela okanye unombono wakho usenza izinto ongenakuzifikelela? Umntu owayeyakhel’ umkhanya indlela abantu abadalwe ngayo weza neli cebiso lobulumko: “Kulunge ngakumbi ukubona ngamehlo kunokuhambahamba komphefumlo. Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 6:9.
Into ‘ebonwa ngamehlo [ethu]’ ziimeko zethu nezinto ezenzeka ngoku. Akukho nto iphosakeleyo ngokuzama ukuphucula ubomi bethu. Noko ke, ingongoma yeBhayibhile isekubeni asibobulumko ukuzibekela usukelo ongenakulufikelela. Usukelo olunjalo lusenokuquka ukufuna ukuba ngumntu owaziwayo, ukuba sisityebi, ukuba neqabane lomtshato elifezekileyo okanye ukuba ngumqabaqaba.
Ukongezelela, abo bafikelela usukelo oluthile njengokuba zizityebi basenokufuna izinto ezingakumbi. IBhayibhile ithi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso. Kwanako oku kungamampunge.” (INtshumayeli 5:10) Ngoko ke, abakhonzi bakaThixo baneliswa yiloo nto banayo, into ‘ebonwa ngamehlo [abo].’ Bayakuqonda oku: “Asingenanga nanto ehlabathini, ngoko ke asinakuphuma nanto.”—1 Timoti 6:7.
Sidalwe ngendlela yokuba ukuze sonwabe kufuneka sanelise intswelo yethu yokomoya. (Mateyu 5:3) Sinokukwenza njani oku? UYesu Kristu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Loo mazwi afumaneka eBhayibhileni yaye wonk’ ubani unokuwafumana.
Amazwi afanayo afumaneka kwiNdumiso 37:4. Athi: “Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.” UYehova, uThixo uSomandla uya kwenzela abanquli bakhe abanyanisekileyo izinto ezingenakwenziwa ngabantu: njengokungabikwa hlaba, ukuba nezinto eziphathekayo nobomi obungunaphakade emhlabeni oyiParadesi. (Luka 23:43; ISityhilelo 21:3, 4) Ukuthembela kula mazwi kusengqiqweni.