IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/11 iphe. 24-25
  • “Ndandingakwazi Ukuyibeka Phantsi!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ndandingakwazi Ukuyibeka Phantsi!”
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Umfundi Usabela Kwincwadi Ethi Abantu Abaselula
    Vukani!—1990
  • Incwadi Yokunceda Ulutsha Lukhumbule UMdali Walo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ukuphulaphula Isilumkiso Kwandisindisa
    Vukani!—2006
  • Bazali—Khuselani Abantwana Benu!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 4/11 iphe. 24-25

“Ndandingakwazi Ukuyibeka Phantsi!”

● Ulutsha olusehlabathini lonke aluwuval’ umlomo ngencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2.a Makhe sihlole ezinye zezinto oluzithethayo:

“Ndiyayithanda into yokuba le ncwadi isikhuthaza ukuba sincokole nabazali bethu. Ndiye ndawasebenzisa amacebiso ayo yaye ngoku ndincokola ngokukhululekileyo nabazali bam.”—URoberto, waseMexico.

“Ndathi ndakuqalisa ukuyifunda le ncwadi, andaphinda ndikwazi ukuyibeka phantsi! Ndiyawuthanda umxholo othi ‘Oko Ndiceba Ukukwenza!’ osekupheleni kwesahluko ngasinye nothi ‘Uluvo Lwam’ osekupheleni kwecandelo ngalinye. Le ncwadi indincede ndakwazi ukuzimela iinkolelo zam esikolweni.”—UJoelah, waseUnited States.

“Le ncwadi yandinceda ngakumbi njengoko ndandiqhubeka ndiyifunda. Ndazithanda izinto ezazithethwa lulutsha oluninzi kuquka ibhokisi ethi ‘Ngaba Ubusazi?’ nethi ‘Icebiso.’ Yandenza ndabona ukuba iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova linomdla kulutsha.”—UHui-won, waseMzantsi Korea.

“Kuzo zonke iincwadi ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova, le yeyona ndiyithandayo. Utsho uzazi kakuhle izinto ezicingwa lulutsha neengxaki oluba nazo entsatsheni, esikolweni nakubahlobo.”—UShana, waseKhanada.

“Qho abazali bam bexambulisana ndandidla ngokuya egumbini lam ndize ndikhale. Kodwa emva kokuba ndifunde isahluko 24 esinomxholo othi ‘Ndimele Ndenze Ntoni Xa Abazali Bam Bexambulisana?,’ ndakwazi ukuthetha nomama notata ngaloo nto. Bothuka bakufumanisa ukuba ukuxambulisana kwabo kwakundikhathaza. Basifunda nabo esi sahluko. Ngoku bandazi bhetele yaye abasaxambulisani kangako.”—UMariana, waseCzech Republic.

“Imixholo ethi ‘Umzekelo Wokuxeliswa’ iye yandinceda ndalungisa iindawo endibuthathaka kuzo. Ngokomzekelo, ndikufumanisa kunzima ukubaqhela abantu endingabaziyo ebandleni. Kodwa kwiphepha 97 sifunda ukuba uLidiya wamazi bhetele uPawulos namaqabane akhe ngokubamemela ekhayeni lakhe. Ngoku ndizama ukuxelisa yena.”—UMónika, waseHungary.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 25]

“UKULALA NOMNTU NGAPHAMBI KOMTSHATO—ISIZATHU SOKUBA KUPHOSAKELE”

UKatrina waseUnited States oneminyaka eli-16 ubudala, esikolweni kwathiwa makakhethe umbandela afuna ukuthetha ngawo. Esebenzisa incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, wakhetha umxholo othi “Ukulala Nomntu Ngaphambi Komtshato—Isizathu Sokuba Kuphosakele.” Abazali bakhe bathi: “Kumxholo awakhetha ukuthetha ngawo, uKatrina wakhuthaza ukungalali namntu ngaphambi komtshato, echaza iingozi okuzibangelayo kunye nemiphumo ebuhlungu yokwaphula imithetho kaThixo yokuziphatha. UKatrina wafunda iindawo ezibonisa indlela olwavakalelwa ngayo olunye ulutsha emva kokwaphula imithetho kaThixo. Emva koko wacela abafundi ukuba babuze imibuzo waza wayiphendula. Emva koko utitshalakazi kaKatrina wamnika iphetshana elibhalwe kwathiwa: ‘Enkosi ngokuthetha inyaniso nangokusikhanyisela ngezinto ebesingazazi. Hlala womelele elukholweni.’”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share