Izinto Ezinokusinceda Sithande Okusesikweni
UMDALI wethu ufuna sonwabe, sibe noxolo lwangaphakathi size senze nabanye bonwabe. Ngenxa yoko, uthi simele ‘siqhelisele okusesikweni sithande nobubele.’ (Mika 6:8) Singakwenza njani oko? Kufuneka sizabalazele ukuba neempawu eziya kusenza sikuthiye okungekho sesikweni. Khawuhlolisise indlela iBhayibhile enokusinceda ngayo kule nkalo.
UKOYISA UKUBAWA. Esona sixhobo siphambili sokoyisa ukubawa luthando—kungekhona nje amazwi nokutsaleleka—kodwa uthando lokuzincama ngenxa yabanye. Eyoku-1 kwabaseKorinte 13:4, 5 ithi, ‘olu thando lunobubele, alufuni ezalo izilangazelelo.’ Ukongezelela koko, olu thando alupheleli kwintsapho nabahlobo. UYesu wabuza oku: “Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na?” waza wongezelela into yokuba nabantu abangamaziyo uThixo bayabathanda abo babathandayo.—Mateyu 5:46.
UKOYIKA UMKHETHE. KwiZenzo 10:34, 35 sifunda oku: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” UThixo akasindisi abantu ngenxa yohlanga abalulo, umgangatho wobomi okanye isini sabo. Emehlweni akhe “akukho mYuda namGrike, akukho khoboka nokhululekileyo, akukho ndoda nabhinqa.” (Galati 3:28) Xa sixelisa uThixo, siyawoyisa umkhethe. Khawucinge ngomzekelo kaDorothy, owayehlala eUnited States.
Kangangendlela awayephazanyiswe ngayo lucalulo lobuhlanga, uDorothy wayefuna ukungenelela umzabalazo wezigalo ukuze akhulule abantu abamnyama ababecinezelwe. Noko ke, kanye ngelo xesha waya kwintlanganiso yamaKristu yamaNgqina kaYehova ibe wachukumiseka gqitha luthando awamkelwa ngalo ngabantu abamnyama nabamhlophe. Kungekudala waqonda ukuba nguThixo kuphela onokutshintsha iintliziyo zabantu. Xa wafumana uthando lokwenene lamaNgqina amhlophe—abo bantu bamhlophe wayesithi “ukulungele ukubabulala ngenxa yomzabalazo”—intliziyo yakhe “yachukumiseka” kangangokuba wakhala engayeki.
UKOYISA UMKHWA WOKUNGAFUNI KUHLALA NABANTU. Ngaphambi kokuba babe ngamaKristu, abanye kubalandeli bakaYesu bokuqala babengamanxila, abaphangi, abathandi beziyunguma nabatshabhisi. Ukanti ngoncedo lukaThixo bahlukana naloo mikhwa mibi baza banothando, ububele nokulunga. (1 Korinte 5:11; 6:9-11; Galati 5:22) Ngokufanayo namhlanje, izigidi zabantu ziye zenza utshintsho kubomi bazo zaza zanqula uThixo. Omnye umzekelo wazo nguFiruddin, ohlala eAzerbaijan.
UFiruddin wakhulela kwikhaya leenkedama, apho wayesoloko esilwa namanye amakhwenkwe. Akuba mdala waba ngumhlohli kwindlela yokulwa ngezandla. Uthi: “Ndandikrwada, ndikhohlakele yaye ndinogonyamelo. Ukuba siyatya aze umfazi wam uZahra abe nento ayilibalayo—nokuba ngumcinga wokuvungula—ndandimbetha. Nabani na omjongayo xa sisendleleni ndandikhwela kuye!”
Ngenye imini, uFiruddin wachukumiseka xa weva ukuba uYesu wacela uThixo ukuba axolele loo majoni ayembethelele. (Luka 23:34) Wagqiba kwelithi ‘nguNyana kaThixo kuphela owayenokwenza oko.’ Emva koko, waqalisa ukufuna uThixo. Xa amaNgqina kaYehova acela ukumnceda, wasamkela isifundo seBhayibhile. Zange kube kudala batshintsha ubuntu bakhe. Enyanisweni, waba nobubele kuZahra kangangokuba naye waqalisa ukufunda iBhayibhile. Namhlanje bobabini bamanyene ngoxolo kunqulo lwenyaniso.
Kakade ke, iinguqu esizenzayo kubomi bethu azinakukucombulula ukungabikho kokusesikweni okusehlabathini! Noko ke, kuthekani ukuba uThixo unenjongo yokuzisa ihlabathi elitsha elinokusesikweni? Enye into, unawo amandla okwenjenjalo! Khawucinge ngoku: Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-4, ecatshulwe ekuqaleni kwenqaku elandulela eli, siye sabona ukuba iBhayibhile yayichaza kwangaphambili indlela ababeya kuziphatha ngayo abantu kulo mhla wethu. Eso siprofeto siye sazaliseka ngokweenkcukacha—kanye njengokuba kunjalo ngeziprofeto ezininzi zeBhayibhile. Ngoko ke, asikokuzintwanisa ukuba nentembelo kwisithembiso sikaThixo sokuba uya kukuphelisa konke ukungabikho kokusesikweni. Enyanisweni, uThixo uza kuyiphumeza loo njongo. Njani?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
IPHULO LIKAHEIDE LOKUFUNA OKUSESIKWENI
UHeide ohlala eUnited States uthi: “Ndandicatshukiswa bubuhlanga, iimfazwe, ubuhlwempu nezinye izenzo zokungekho sesikweni, ngoko ndandikhangela isicombululo. Ndazama ukusebenzisana nemibutho yamalungelo abantu de ekugqibeleni ndazibandakanya neqela lezopolitiko, kodwa zonke ezi zinto zazingakwazi ukuyiphelisa le ngxaki.
“Ndandivakalelwa kukuba kufuneka iinguqu eziphawulekayo, abe amahippie ebonakala eza kuziphumeza. Nawo awa phantsi sasala sidanile. Ndaphawula ukuba amahippie amaninzi anomdla nje kwiintlobano zesini, iziyobisi nakumculo werock kunokutshintsha inkqubo—nto leyo yandishiya ndidandatheke ngakumbi. Emva koko ndadibana nelinye iNgqina likaYehova. Landibonisa ngokusuka eBhayibhileni iinguqulelo eziza kwenziwa nguThixo. Ngokomzekelo, landibonisa izibhalo ezifana neSityhilelo 21:3, 4, esibonisa ukuba uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni aze aphelise ukuzila nokukhala neentlungu—izinto ezidla ngokubangelwa kukungabikho kokusesikweni. Ndazibuza, ‘Ngaba zinokuthenjwa ezi zithembiso?’
“Amathandabuzo am aphela emva kokuba ndifunde oko iZibhalo zikutshoyo ngamandla nothando lukaThixo naxa ndalufumanayo olo thando phakathi kwamaNgqina kaYehova. Ngoku ndilindele ngolangazelelo ukuzaliseka kwezithembiso zikaThixo.”
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Umkhethe siyawoyisa xa sixelisa uthando lukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UFiruddin nomfazi wakhe uZahra