IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/14 iphe. 3
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ETshayina
  • Ehlabathini
  • EKhanada
  • EIreland
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ukhetho Neengxaki Ezibandakanyekileyo
    Vukani!—2004
  • Imitshato Ebekekileyo Emehlweni KaThixo Nawabantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ingxelo Yezomthetho
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2014
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 6/14 iphe. 3

OKWENZEKA EHLABATHINI

ETshayina

Isibini esiqhawule umtshato

Uqhawulo-mtshato eBeijing lunyuke nge-41 pesenti kwiinyanga ezisithoba zokuqala zonyaka ka-2013 xa uthelekisa nexesha elifanayo ngo-2012. Iingcali zithi oku kusenokuba kubangelwe kukuba ezinye izibini ezitshatileyo ziqhawula umtshato ngabom ukuze ziphephe ukuhlawula irhafu exhomileyo ye-20 pesenti xa umntu eye wathengisa indlu. Kaloku, urhulumente uyayehlisa intlawulo yerhafu kwizibini eziqhawule umtshato, xa zithengisa indlu yazo yesibini.

Ehlabathini

Isitya sezinambuzane ezityiwayo

IZizwe Ezimanyeneyo ziye zavela necebo lokuba ingayigxotha ikati eziko into yokuba uninzi lwabantu lutye izinambuzane. Kwingxelo yazo yakutshanje ziye zathi izinambuzane ezityekayo zinesondlo yaye “zisenokuthatha indawo yenyama.” Noko ke, le ngxelo iyivelele nenkalo yokuba, “kwezinye iindawo ukutyiwa [kwezinambuzane] kuyenyanyeka.”

EKhanada

Iimveku ezingekazalwa ezisemkhenkceni

Iikliniki zokubelekisa zime nematha zixakwe yinto emaziyenze ngeemveku ezingekazalwa ezigcinwe emkhenkceni, ngenxa yokuduka “kwabaninizo.” Kuthiwa kwenye yezo kliniki kukho iimveku eziyi-1000 ezisemkhenkceni “ezingenabani.”

EIreland

Abatshatisi abangakhonziyo

AmaKatolika aseIreland ebekwazi ukukhetha phakathi kokutshatela ecaweni okanye kwamantyi. Kodwa ukususela ngo-2013 ayenako nokukhetha ukutshatiswa ngabantu abangakhonziyo. Iziko losasazo iReuters libhengeze ukuba “lintinge kakhulu inani labantu abangafuni ukutshatela ecaweni nakwamantyi,” kodwa befuna ukumanywa ngabatshatisi abangakhonziyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share