IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g23 No. 1 iphe. 12-14
  • Umoya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umoya
  • Vukani!—2023
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubungozi Obubangelwa Kukungcoliswa Komoya
  • Umhlaba Wethu​—Udalelwe Ukuba Ukwazi Ukuzilungisa
  • Iinzame Ezenziwe Ngabantu
  • Izizathu Zokuba Nethemba​—Ithini IBhayibhile?
  • Ukuphefumla “Umoya” Weli Hlabathi Kuyabulala!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Akwaba Besinokufumana Umoya Omtsha!
    Vukani!—1996
  • Hlala Uzithoba ‘Kumoya Odlisa Ubomi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Izixeko Ezikhulu Ziphelelwa Ngumoya
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—2023
g23 No. 1 iphe. 12-14
Abantu ababini abatshatileyo bahamba kwindawo enekhephu, bajonge ichibi ibe emva kwalo kukho iintaba ezinamahlathi nesibhakabhaka esiblue.

NGABA UMHLABA UNOKUKWAZI UKUSINDA?

UMOYA

SIYAWUDINGA umoya ukuze siphefumle nokuze ukhusele umhlaba wethu kubushushu obuvela elangeni. Ukuba ubungekho umoya bekuza kubanda kakhulu apha emhlabeni.

Ubungozi Obubangelwa Kukungcoliswa Komoya

Ukungcoliswa komoya kunokuzibulala izinto eziphilayo emhlabeni. Ngokutsho kweWorld Health Organization, bambalwa kakhulu abantu abaphefumla umoya oklini emhlabeni.

Ukungcoliswa komoya kuye kwabangela nezifo ezinokwenza nemiphunga, umhlaza wemiphunga nezinye izifo ezichaphazela intliziyo. Kukwabangele nokuba abantu abamalunga ne-7 000 000 bakhawuleze basweleke.

Umhlaba Wethu​—Udalelwe Ukuba Ukwazi Ukuzilungisa

Umhlaba wethu wenziwe ngendlela yokuba ukwazi ukwenza umoya oklini owaneleyo, okwaziyo ukunceda zonke izinto eziphilayo ezilapha emhlabeni. Kodwa ukwazi ukuyenza le nto xa abantu bekulumkele ukungcolisa umhlaba. Khawucinge ngale mizekelo imbalwa.

  • Abantu bayayazi ukuba amahlathi ayakwazi ukufunxa icarbon dioxide esemoyeni. Into engaxhaphakanga kukuba imithi ekuthiwa ziimangroves ekhula ngakwimigxobhozo engaselwandle inokuyenza bhetele le nto. Ezimangroves zenza umsebenzi omkhulu wokususa icarbon dioxide emoyeni ngokuphindaphindwe kayi-5 kunaleyo isuswa ngamahlathi anetha imvula kakhulu.

  • Uphando lubonisa ukuba ingca enkulu yaselwandle efana nekelp ayifunxi nje icarbon dioxide emoyeni kodwa ikwayigcina phantsi komhlaba. Amagqabi ekelp aneendawo ezigcina umoya, eziwanceda ahlale phezu kwamanzi kangangexesha elide. Xa sele ekude elunxwemeni ezindawo zinomoya ziyagqabhuka, ize ikelp enecarbon dioxide yehle iye emazantsi olwandle. Xa ifika ezantsi, ihlala igqunyelelwe ukuze ingabiyongozi kangangamawaka eminyaka.

  • Ngexesha lokuvaleleka ezindlini ngenxa yeKhorona, siyibonile indlela umoya okwazi ngayo ukuzicoca nangona ubungcoliswe kakhulu. Ngo-2020, emhlabeni wonke xa iifactory zayeka ukusebenza njengesiqhelo kungekho neemoto ezininzi ezihambayo, umoya waye wakhawuleza ukuziklina. “I-2020 World Air Quality Report” ithe, uninzi lwamazwe ababewahlola aye anomoya oklini nangakumbi emva kokuba abantu bevaleleke ezindlini.

    NGABA UBUSAZI?

    Umoya Ungakwazi Ukuphinda Ube Klini

    Itshathi ebonisa indlela umoya ongacocekanga ngayo nezinga lezinto ezincinci ezisemoyeni (PM2.5) eNew Delhi, eIndia. NgoJanuwari 2020 eli zinga lalingekho sempilweni kumntu wonke kuba lalingu-120.1, kodwa ngo Agasti 2020 lehla labhetele laba ngaphantsi kancinci ko-35.5.

    Ngexesha leKhorona xa abantu babevaleleke ezindlini, ukungcoliswa komoya okusuka kwiifactory nakwiimoto kwaye kwehla ngokungummangaliso eNew Delhi, eIndia. Izinga lezinto ezincinci ezingabonakaliyo ezisemoyeni ekuthiwa yifine particulate matter (PM2.5) laye lehla ngokukhawuleza. Ezi zinto zincinci zisemoyeni (eziyi-.0025 mm okanye ngaphantsi) zinokubangela izifo ezisemiphungeni okanye ezinye ezigulisa kakhulu. Nangona le nto yenzeka okwexeshana, yayibonisa ukuba umoya ungakwazi ukuphinda uzikline nokuba ubungcoliswe kakhulu.

    ENew Delhi, eIndia, ekupheleni kuka-2019, kukho inkungu eninzi yomoya omdaka.

    © Amit kg/​Shutterstock

    Ekupheleni kuka-2019

    ENew Delhi, eIndia, ngexesha lovaleleko ngeCOVID-19, umoya ucocekile ngenxa yokuncipha ekungcolisweni komoya.

    © Volobotti/​Shutterstock

    Ngexesha lovaleleko ngeCOVID-19

Iinzame Ezenziwe Ngabantu

Ubhuti upaka ibhayisekile yakhe ukufika kwakhe emsebenzini.

Ukuya ngebhayisekile emsebenzini nasesikolweni kunceda umoya ungabimdaka kakhulu

Oorhulumente baqhubeka bexelela iinkampani indlela yokunciphisa ukungcoliswa komoya. Noososayensi beza neendlela ezintsha zokuklina nalo moya sele umdaka. Ngokomzekelo, enye into abayisebenzisayo zizinto eziphilayo ezingenakubonwa ngamehlo ezijika ubumdaka obusemoyeni buyeke ukuba yingozi. Eny’into, iingcali zicebisa abantu ukuba bahambe ngeenyawo okanye ngeebhayisekile kunokuba baqhube, zikwabacebisa ukuba bazame iindlela zokungawusebenzisi kakhulu umbane emakhayeni abo.

Umntu ongumama uhleli phantsi kwikhaya lakhe elingenazinto zininzi ibe uyapheka. Istovu sakhe esincinci sinendawo evulekileyo yokufaka iinkuni ibe sikhupha umsi omncinci.

Abanye oorhulumente baye bathengela abantu basemazweni abo izitovu ezikwaziyo ukunceda umoya ungangcoli kakhulu, kodwa abantu abaninzi abakabinazo ezi zitovu

Ingxelo eyenziwa ngo-2022 ziinkampani ezisebenza emhlabeni wonke kuquka iWorld Health Organization neWorld Bank, yabonisa ukuba kusafuneka kusetyenzwe kakhulu.

Le ngxelo yayibonisa ukuba ngo-2020 umntu omnye kwabathathu emhlabeni wonke wayepheka ngezinto ezaziwungcolisa umoya. Kwiindawo ezininzi bambalwa abantu abakwaziyo ukuthenga izitovu ezitsha okanye ezinye izinto ezingawungcolisiyo umoya.

Izizathu Zokuba Nethemba​—Ithini IBhayibhile?

“Uthi uThixo wokwenene uYehova, UMdali wamazulu . . . Lowo wolula umhlaba nemveliso yawo, Lowo unika abantu abakuwo impefumlo.”​—Isaya 42:5.

NguThixo owenze lo moya siwuphefumlayo ibe nemijikelo yendalo ekhoyo yenzelwe ukuba icoce lo moya. Amandla akhe nothando analo ngabantu makhulu kakhulu futhi awasoze aphele. Ngenxa yaloo nto kusengqiqweni ukukholelwa ukuba uza kukususa ukungcola okusemoyeni. Jonga inqaku elithi “Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela.”

FUNDA NEZINYE IZINTO

Indlela umhlaba obonakala ngayo xa ukwispace.

Wabakho njani umoya apha emhlabeni? Bukela ividiyo ethi Ngaba Umhlaba Wadalwa? eku-jw.org/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share