Indlela Onokulufumana Ngayo Uvuyo Xa Ungatshatanga
“BATSHATA baza bahlala ngolonwabo.” Amabali amaninzi abantwana adla ngokuphela ngaloo mazwi. Iimovie neenoveli zothando zidla ngokudlulisela ingcamango efanayo—ukuze wonwabe ngokwenene ufanele utshate! Ngaphezulu, kwiindawo ezininzi ulutsha olukwixabiso lokutshata lusoloko lubuzwa ngomtshato. Xa uDebby waneminyaka engaphezu kwama-20 ubudala wathi: “Abantu bakwenza uvakalelwe kukuba eyona nto intombazana efanele icinge ngayo kukutshata. Bakwenza ucinge ukuba ebomini wonwaba kuphela emva kokuba utshatile.”
Umntu oqolileyo ngokomoya akanazo iimbono ezinjalo. Nangona ukutshata kwakuyinto eqhelekileyo kumaSirayeli, iBhayibhile ithetha ngamadoda namabhinqa angatshatanga awayephila kamnandi. Namhlanje, amanye amaKristu akhetha ukuhlala engatshatanga, ngoxa amanye ehlala engatshatanga ngenxa yeemeko. Enoba sisiphi isizathu sokuhlala ungatshatanga, umbuzo obalulekileyo ngulo: UmKristu unokuphumelela njani ngoxa engatshatanga?
UYesu wayengatshatanga kuba wayethunywe umsebenzi obalulekileyo. Waxelela abafundi bakhe ukuba abanye babalandeli bakhe babeya ‘kuvula ithuba’ lokungatshati. (Mat. 19:10-12) Ngenxa yoko, uYesu wabonisa ukuba ukuze sonwabe xa singatshatanga, sifanele siyamkele okanye siyivulele ithuba kwiingqondo nakwiintliziyo zethu le meko.
Ngaba icebiso likaYesu lisebenza kuphela kumntu ozikhethele ngokwakhe ukuhlala engatshatanga ukuze anikele ingqalelo epheleleyo enkonzweni kaThixo? (1 Kor. 7:34, 35) Asingetsho. Cinga ngemeko yomKristu okufunayo ukutshata kodwa ongalifumaniyo iqabane elifanelekileyo. Omnye udade ongatshatanga oneminyaka engaphezu kwama-30 ubudala, ogama linguAna, wathi: “Kutshanje, enye indoda endisebenza nayo engeloNgqina icele ukuba nditshate nayo. Ndiqale ndathabatheka, kodwa ndiye ndakhawuleza ndazikhupha ezo ngcinga kuba ndifuna ukutshata kuphela nomntu oya kundenza ndisondele kuYehova.”
Ukufuna ukutshata “eNkosini” kunceda oodade abaninzi njengoAna ukuba bangatshati nabangakholwayo.a (1 Kor. 7:39; 2 Kor. 6:14) Bethobela isiluleko sikaThixo, bavula ithuba lokungatshati okwethutyana. Banokuphumelela njani?
Zama Ukubona Iingenelo
Isimo sethu sengqondo sinokusinceda siyamkele imeko esikuyo enoba asiyithandi. UCarmen, udade ongatshatanga oneminyaka engaphezu kwama-40 ubudala uthi: “Ndivuyiswa zizinto endinazo yaye andibe ndicinga ngezinto endingenazo.” Eneneni, maxa wambi sinokuziva singamalolo okanye sidakumbile. Kodwa ukwazi ukuba nabanye abazalwana abaninzi ehlabathini bakwimeko efanayo kunokusikhuthaza ukuba singanikezeli. UYehova uye wanceda abaninzi ukuba baphumelele yaye bakwazi ukujamelana nezinye iingxaki ngoxa bengatshatanga.—1 Pet. 5:9, 10.
Abazalwana noodade abangamaKristu abaninzi baye babona iingenelo zokungatshati. Omnye udade ongatshatanga oneminyaka engaphezu kwama-30 ubudala ogama linguEster, uthi: “Ndicinga ukuba ukuze wonwabe ebomini ufanele unandiphe iingenelo zayo nayiphi na imeko okuyo.” “Ndikholelwa ukuba enoba ndiyatshata okanye anditshati, ukuba ndibeka uBukumkani kuqala, uYehova akayi kundibandeza nantoni na elungileyo,” wongezelela ngelitshoyo uCarmen. (INdu. 84:11) “Izinto azihambanga ngendlela endandicinga ukuba ziya kuhamba ngayo ebomini bam, kodwa ndonwabile ibe ndiya kuhlala ndonwabile.”
Imizekelo EseBhayibhileni Yabantu Ababengatshatanga
Intombi kaYifeta yayingenanjongo yokuhlala ingatshatanga. Kodwa isifungo esenziwa nguyise sayinyanzela ukuba ikhonze engcweleni ukususela ebutsheni ukuya phambili. Ngokungathandabuzekiyo, ekubeni esi sabelo yayingasilindelanga, kwafuneka yenze uhlengahlengiso ebomini bayo ize icinezele iimvakalelo zayo. Xa yafumanisa ukuba ayisayi kuze itshate ize ibe nentsapho, yazila iinyanga ezimbini. Sekunjalo, yayamkela le meko yaza yakhonza ngovuyo ubomi bayo bonke. Nyaka ngamnye amanye amabhinqa angamaSirayeli ayeyincoma ngokuba nomoya wokuzincama.—ABagwe. 11:36-40.
Bambi ababengamathenwa ngemihla kaIsaya kusenokwenzeka ukuba imeko yabo yayibadimaza. IBhayibhile ayiwuchazi unobangela wokuba babe ngamathenwa. Ngenxa yoko, babengenakuba ngamalungu apheleleyo ebandla lakwaSirayeli, okanye batshate baze babe nabantwana. (Dut. 23:1) Sekunjalo, uYehova wayeyiqonda indlela abavakalelwa ngayo, ibe wakuncoma ukuthobela kwabo umnqophiso wakhe ngomphefumlo uphela. Wathi uya kubanika “ilitye lesikhumbuzo” ‘negama ukusa kwixesha elingenammiselo’ endlwini yakhe. Ngamany’ amazwi, loo mathenwa athembekileyo ayeza kuba nethemba eliqinisekileyo lokufumana ubomi obungunaphakade kulawulo lukaYesu onguMesiya. UYehova akasayi kuze awalibale.—Isa. 56:3-5.
Imeko kaYeremiya yayahlukile. Emva kokuthuma uYeremiya njengomprofeti, uThixo wamyalela ukuba angatshati ngenxa yeemeko ezinzima awayephila kuzo nangenxa yesabelo sakhe. UYehova wathi: “Uze ungazithabatheli mfazi, kwaye uze ungabi nanyana nazintombi kule ndawo.” (Yer. 16:1-4) IBhayibhile ayisixeleli ukuba uYeremiya wavakalelwa njani ngale miyalelo, kodwa iyasiqinisekisa ukuba wayeyindoda evuyiswa lilizwi likaYehova. (Yer. 15:16) Kwiminyaka ethile kamva, xa uYeremiya kwafuneka enyamezele iinyanga ezili-18 ezinzima zokungqingwa kweYerusalem, ngokungathandabuzekiyo wabona indlela ekwaba bubulumko ngayo ukuthobela umyalelo kaYehova wokuba angatshati.—IZili. 4:4, 10.
Iindlela Zokwenza Ubomi Bakho Banelise
Abantu ekuthethwe ngabo eBhayibhileni, abakhankanywe ngasentla babengatshatanga, kodwa uYehova wayebaxhasa yaye babezibhokoxa enkonzweni yakhe. Ngokufanayo namhlanje, ukwenza umsebenzi obalulekileyo kunokwanelisa ubomi bethu. IBhayibhile yathi abafazi abavakalisa iindaba ezilungileyo baya kuba ngumkhosi omkhulu. (INdu. 68:11) Phakathi kwesi sihlwele sabafazi kukho amawakawaka oodade abangatshatanga. Njengoko ubulungiseleli babo buxakatha iziqhamo, uninzi lwabo luye lwasikelelwa ngoonyana neentombi zokomoya.—Marko 10:29, 30; 1 Tes. 2:7, 8.
Emva kweminyaka eli-14 ekwinkonzo yobuvulindlela, uLoli uthi: “Ubuvulindlela bundenza ndiphile ubomi obanelisayo. Njengodade ongatshatanga, ndihlala ndixakekile, nto leyo endinceda ndingabi nesithukuthezi. Emva kosuku ngalunye ndiziva ndanelisekile kuba ndiyabona ukuba ubulungiseleli bam buluncedo gqitha ebantwini. Oku kundivuyisa ngokwenene.”
Oodade abaninzi baye bakwazi ukufunda ulwimi olutsha baza bandisa ubulungiseleli babo ngokushumayela kubantu abavela kwamanye amazwe. UAna okhankanywe ekuqaleni, uthi: “Kwisixeko endihlala kuso kukho amawakawaka abantu abavela kwamanye amazwe.” Uyakuthanda ukushumayela kubantu abathetha isiFrentshi. “Ukufunda ulwimi endinokuthetha ngalo nenkoliso yabo kundenze ndaba nentsimi entsha, nomsebenzi wam wokushumayela ubangel’ umdla ngokwenene.”
Ekubeni ukungatshati kudla ngokwenza umntu angabi neembopheleleko ezininzi, abanye baye basebenzisa eli thuba ukuya kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi khona. ULidiana, udade ongatshatanga oneminyaka engaphezu kwama-30 ubudala nokhonza kumazwe ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuwo, uthi: “Ndikholelwa ukuba xa usenza okungakumbi enkonzweni kaYehova, kulula ukuba nabahlobo abasenyongweni nokuziva uthandwa. Ndiye ndaba nabahlobo abasenyongweni abaninzi abavela kwiindawo ezahlukeneyo nabezinye iintlanga, ibe oku kuye kwandenza ndaneliseka gqitha ebomini.”
IBhayibhile ithetha ngomvangeli uFilipu owayeneentombi ezine ezazingatshatanga nezaziprofeta. (IZe. 21:8, 9) Zimele ukuba zazinenzondelelo njengoyise. Ngaba zasebenzisa isiphiwo sazo sokuprofeta ukuze kungenelwe amaKristu aseKesareya? (1 Kor. 14:1, 3) Ngokufanayo namhlanje, oodade abangatshatanga abaninzi balukhuthazo kwabanye kuba baya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu baze babe nenxaxheba kuzo.
Kwelinye icala, iBhayibhile incoma ububele bukaLidiya owayengumKristu waseFilipi ngenkulungwane yokuqala. (IZe. 16:14, 15, 40) ULidiya—ekusenokwenzeka ukuba wayengatshatanga okanye engumhlolokazi—wayenezinwe nto leyo yamenza wanexesha elimnandi nabavangeli basemazweni, njengoPawulos, uSilas noLuka. Ukuba nomoya wokupha kuzisa iintsikelelo ezifanayo nanamhlanje.
Ukwanelisa Umnqweno Wokufuna Ukuthandwa
Ukongezelela ekwenzeni umsebenzi owanelisayo ebomini, sonke sifuna ukuthandwa. Abantu abangatshatanga banokuwanelisa njani loo mnqweno? Okokuqala, siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda, uyasomeleza yaye uyasiphulaphula. Maxa wambi uKumkani uDavide wayeziva ‘eyedwa yaye exhwalekile,’ kodwa wayesazi ukuba unokucela uYehova ukuba amxhase. (INdu. 25:16; 55:22) Wabhala wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” (INdu. 27:10) UThixo umema bonke abakhonzi bakhe ukuba basondele kuye, babe ngabahlobo bakhe abasenyongweni.—INdu. 25:14; Yak. 2:23; 4:8.
Ngaphezulu, kubazalwana abasehlabathini lonke, sinokufumana ootata, oomama, abantakwethu noodadewethu bokomoya abanokusenza saneliseke ebomini ngenxa yokuba besithanda. (Mat. 19:29; 1 Pet. 2:17) AmaKristu amaninzi angatshatanga aneliseka gqitha xa elandela umzekelo kaDorkas ‘owayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.’ (IZe. 9:36, 39) ULoli uthi: “Naphi na apho ndiya khona, ndiye ndifune abahlobo bokwenene ebandleni, abaza kundithanda nabaza kundixhasa xa ndidimazekile. Ndizama ukuba nothando ndize ndibe nomdla kwabanye ukuze ndiqinise obo buhlobo. Ndiye ndakhonza kumabandla asibhozo awahlukahlukeneyo, ibe bendisoloko ndifumana abahlobo bokwenene. Abanye baba bahlobo abalingani nam ngeminyaka—bambi ngoomakhulu abanye baselula.” Kwibandla ngalinye kukho abo bafuna ukuthandwa nokufumana abahlobo. Ukuba nomdla onyanisekileyo kubo kunokubanceda yaye kunokwanelisa umnqweno wethu wokufuna ukuthanda abanye nokufuna ukuthandwa.—Luka 6:38.
UThixo Akasayi Kuze Alibale
IBhayibhile ithi onke amaKristu amele ancame izinto ezithile ngenxa yamaxesha anzima esiphila kuwo. (1 Kor. 7:29-31) Abo bahlala bengatshatanga ngenxa yokuba bezimisele ukuthobela umthetho kaThixo wokutshata kuphela eNkosini, ngokuqinisekileyo bafanele bahlonitshwe gqitha yaye baphathwe ngolwazelelelo. (Mat. 19:12) Noko ke, oku kuzincama kwabo kuncomekayo, akuthethi ukuba abanokonwaba ngokupheleleyo.
ULidiana uthi: “Ndonwabile ngenxa yolwalamano endinalo noYehova nenkonzo endiyinikela kuye. Ndiyazi ukuba kukho abantu abatshatileyo abonwabileyo kanti kukho nabangonwabanga. Loo nto indenza ndiqiniseke ukuba ulonwabo lwam aluxhomekekanga emtshatweni.” Njengoko uYesu wabonisayo, ulonwabo ngokuyintloko luxhomekeke ekupheni nasekukhonzeni, nto leyo onke amaKristu anokuyenza.—Yoh. 13:14-17; IZe. 20:35.
Akuthandabuzeki ukuba, eyona nto isenza sivuye kukwazi ukuba uYehova uya kusisikelela ngokuncama kwethu nayiphi na into ukuze senze ukuthanda kwakhe. IBhayibhile isiqinisekisa ngala mazwi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—Heb. 6:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona apha sibhekisela koodade abangamaKristu, le migaqo iyasebenza nakubazalwana.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
“Ndivuyiswa zizinto endinazo yaye andibe ndicinga ngezinto endingenazo.”—UCarmen
[Umfanekiso okwiphepha 26]
ULoli noLidiana bayakuvuyela ukukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi khona
[Umfanekiso okwiphepha 27]
UThixo umema bonke abakhonzi bakhe ukuba basondele kuye