IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 11/1 iphe. 6
  • Hlala Unoxabiso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlala Unoxabiso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Simele Sibulele?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Ioli—Ifumaneka Njani?
    Vukani!—2003
  • UYehova NguThixo Onoxabiso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Kutheni Umele Ube Nombulelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 11/1 iphe. 6

Imfihlelo 3

Hlala Unoxabiso

IFUNDISA NTONI IBHAYIBHILE? “Ezintweni zonke bulelani.”—1 Tesalonika 5:18.

YINTONI INGXAKI? Sihlala phakathi kwabantu abanekratshi nabangenambulelo, mpawu ezo ezinokusosulela nathi. (2 Timoti 3:1, 2) Ukongezelela koko, sinokufuna ukwenza izinto ezininzi kakhulu, ngaphezu kwezi sele sizenza kakade. Sinokucinezelwa ziingxaki okanye sixakeke kakhulu kangangokuba singabi nalo nexesha lokuxabisa izinto esinazo okanye lokubulela izinto esizenzelwa ngabanye.

UFANELE WENZE NTONI? Cinga ngezinto ezintle onazo ngoku. Siyavuma, usenokubona ngathi iingxaki zakho zikongamele. Kodwa cinga ngomzekelo kaKumkani uDavide. Maxa wambi wayeziva etyumkile ngenxa yeemvavanyo. Nakuba kunjalo wathandaza kuThixo esithi: “Ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.” (INdumiso 143:3-5) Nangona wayevavanywa, uDavide wahlala enoxabiso yaye anelisekile.

Cinga nangezinto ezintle abaye bakwenzela zona abanye uze ubabulele. UYesu wamisela umzekelo omhle kule nkalo. Ngokomzekelo, xa umhlobo wakhe uMariya wathambisa intloko neenyawo zakhe ngeoli ebiza ixabiso elikhulu, abanye babuza besithi: “Kutheni kusenziwa le nkcitho kwioli yobulawu?”a Loo madoda ayesithi loo oli yayifanele ithengiswe ize imali yayo inikwe amahlwempu. Kodwa uYesu wathi: “Myekeni. Kutheni nizama ukumenzela inkathazo nje?” Wolek’ umsundulo wathi: “Wenze oko abenako.” (Marko 14:3-8; Yohane 12:3) UYesu akazange acinge ngezinto awayengazenzanga uMariya kodwa wambulela ngezo wayezenzile.

Abanye baye baxabise iintsapho, abahlobo nezinye iintsikelelo kuphela xa zingasekho. Ungayiphepha loo ntlungu ngokuxabisa izinto ezintle ozinandiphayo ngoku. Kutheni ungazigcini engqondweni okanye uzibhale phantsi izinto ozixabisayo?

Ekubeni “sonke isipho esilungileyo” sivela kuThixo, kuhle ukuba sithandaze ukuze simbulele. (Yakobi 1:17) Ukuyenza rhoqo loo nto kunokusinceda sihlale sinoxabiso size sifunde nokwaneliseka.—Filipi 4:6, 7.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngenkulungwane yokuqala, ukuthambisa undwendwe ngeoli entloko kwakusisenzo sobubele; ukuluthambisa ezinyaweni kwakubonisa ukuthobeka.

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ngaba uyababulela abanye ngezinto ezintle abakwenzela zona?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share